Eyesibini YeziKronike
35 UYosiya wenzela uYehova iPasika+ eYerusalem, yaye baxhela umbingelelo wePasika+ ngomhla we-14 wenyanga yokuqala.+ 2 Wabeka ababingeleli emisebenzini yabo waza wabakhuthaza ukuba benze imisebenzi yabo yendlu kaYehova.+ 3 Emva koko wathi kubaLevi ababefundisa uSirayeli wonke,+ abo babengcwele kuYehova: “Bekani iTyeya engcwele endlini eyakhiwa nguSolomon unyana kaDavide ukumkani wakwaSirayeli.+ Akuseyomfuneko ukuba niyithwale emagxeni enu.+ Ngoku ke sebenzelani uYehova uThixo wenu nabantu bakhe amaSirayeli. 4 Zilungiseni ngokwezindlu zookhokho benu, ngokwamaqela enu, nenze into eyabhalwa nguKumkani uDavide+ wakwaSirayeli nangunyana wakhe uSolomon.+ 5 Abantu* mabame endaweni engcwele ngokwamaqela ezindlu zootata babo, abantakwenu. Iqela ngalinye labantu limele limelane neqela elinye lezindlu zabaLevi. 6 Xhelani umbingelelo wePasika,+ zingcwaliseni nize nilungiselele abantakwenu ukuba benze into uYehova awayithetha ngoMoses.”
7 UYosiya wanikela ebantwini imihlambi, amatakane eegusha aziinkunzi namatakane eebhokhwe amancinane aziinkunzi, angumbingelelo wePasika wabantu bonke ababelapho. Inani lale mpahla imfutshane laliyi-30 000, kunye neenkomo eziyi-3 000. Le mpahla yayivela emihlambini kakumkani ngokwakhe!+ 8 Neenkokheli zakhe zanikela umnikelo wokuzithandela zisenzela abantu, ababingeleli nabaLevi. UHilekiya,+ uZekariya noYehiyele, iinkokheli zendlu kaThixo wokwenene banika ababingeleli imibingelelo yePasika eyi-2 600 neenkomo eziyi-300. 9 UKonaniya nabantakwabo uShemaya noNetaneli kunye noHashabhiya, uYeyeli, uYozabhadi, neentloko zabaLevi, banikela kubaLevi imibingelelo yePasika eyi-5 000, neenkomo eziyi-500.
10 Agqitywa amalungiselelo baza ababingeleli bema ezindaweni zabo, nabaLevi bema ngokwamaqela abo,+ njengokuba ukumkani wayeyalele. 11 Baxhela imibingelelo yePasika+ baza ababingeleli bafefa ngegazi layo,+ ngoxa abaLevi babehlinza izilwanyana.+ 12 Emva koko balungisa iminikelo etshiswayo, bayinika bonke abantu ababeme ngokwamaqela ezindlu zootata babo, ukuze inikelwe kuYehova njengokuba kubhaliwe encwadini kaMoses, yaye benza into efanayo nangeenkomo. 13 Bawupheka* umnikelo wePasika ngomlilo, ngokwesiko,+ ibe bapheka neminikelo engcwele ngeembiza, ngeembiza ezinkulu nangeepani, bayizisa ngokukhawuleza kubo bonke abantu. 14 Emva koko balungiselela bona nababingeleli, kuba ababingeleli, inzala ka-Aron, babebingelela imibingelelo etshiswayo namanqatha de kwasebusuku. Ngoko abaLevi balungiselela bona nababingeleli, inzala ka-Aron.
15 Iimvumi, oonyana baka-Asafu,+ babekwiindawo zabo ngokomyalelo kaDavide,+ ka-Asafu,+ kaHeman nokaYedutun+ imboni kakumkani. Oonogada basegeyithini babemi kwiigeyithi ezahlukahlukeneyo.+ Kwakungekho mfuneko yokuba bashiye umsebenzi wabo kuba abazalwana babo abaLevi babebalungiselele. 16 Ngoko yenziwa yonke into uYehova awayefuna yenziwe, kulungiselelwa iPasika+ nokuze kwenziwe iminikelo etshiswayo kwisibingelelo sikaYehova, ngokomyalelo kaKumkani uYosiya.+
17 AmaSirayeli awayelapho ngelo xesha enza iPasika neTheko Lezonka Ezingenagwele, iintsuku ezisixhenxe.+ 18 Ukususela ngemihla kaSamuweli umprofeti, akuzange kukhe kwenziwe iPasika enjengaleyo kwaSirayeli, kungekho namnye kookumkani bakwaSirayeli owakhe wenza iPasika enjengaleyo yenziwa nguYosiya,+ ababingeleli, abaLevi, uYuda wonke, uSirayeli owayekho kunye nabantu baseYerusalem. 19 Le Pasika yenziwa ngonyaka we-18 wolawulo lukaYosiya.
20 Emva kwelo theko, emva kokuba uYosiya eyilungisile itempile,* uKumkani uNeko+ waseYiputa wenyuka weza kulwa eKarkemishe ngakumEfrate. UYosiya wahamba wayokulwa naye.+ 21 UKumkani uNeko wathumela abathunywa kuye, esithi: “Ungena phi kule nto kumkani wakwaYuda? Andizanga kulwa nawe namhlanje, ndizokulwa nenye indlu, yaye uThixo uthi mandikhawulezise. Zincede, suka endleleni kaThixo ongakum, hleze akutshabalalise.” 22 Kodwa ke, uYosiya akazange ajike, wasuka wazenza omnye umntu+ ukuze alwe naye, ibe akazange awamamele amazwi kaNeko awayesuka emlonyeni kaThixo. Ngoko weza kulwa kwiThafa laseMegido.+
23 Abatoli bamchana uKumkani uYosiya, waza ukumkani wathi kwizicaka zakhe: “Ndibalekiseni apha, kuba ndonzakele kakhulu.” 24 Ngoko izicaka zakhe zamothula enqwelweni, zamkhwelisa kwinqwelo yakhe yemfazwe yesibini zaza zamsa eYerusalem. Wafa, wangcwatyelwa emangcwabeni ookhokho bakhe,+ yaye wonke uYuda neYerusalem bamzilela. 25 UYeremiya+ wamculela uYosiya, yaye zonke iimvumi neemvumikazi+ zaqhubeka ziculela uYosiya iingoma zazo zokuzila kude kube namhlanje. Kwenziwa isigqibo sokuba, ezi ngoma zimele ziculwe kwaSirayeli, ibe zibhalwe phakathi kweengoma zokuzila.
26 Enye imbali kaYosiya, izenzo zakhe zothando olungagungqiyo, ezihambisana nento ebhalwe kuMthetho kaYehova, 27 nayo yonke into awayenzayo, ukususela ekuqaleni ukuya ekugqibeleni, ibhalwe eNcwadini YooKumkani bakwaSirayeli nabakwaYuda.+