Kubalisa uLuka
20 Kwathi ngenye imini xa uYesu efundisa abantu etempileni, eshumayela iindaba ezilungileyo, kweza kuye ababingeleli abaziintloko nababhali nabadala, 2 bathi kuye: “Khawutsho, uyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto? Uyinikwe ngubani?”+ 3 Wabaphendula wathi: “Nam ndiza kunibuza umbuzo, ndifuna nindiphendule: 4 UYohane wayethunywe ngubani ukuba abhaptize? NguThixo okanye ngabantu?” 5 Kodwa bathetha bodwa besithi: “Ukuba sithi, ‘Wayethunywe nguThixo,’ uza kuthi, ‘Kwakutheni ke ze ningamkholelwa?’ 6 Kodwa ukuba sithi, ‘Wayethunywe ngabantu,’ aba bantu baza kusibetha ngamatye, kuba bonke baqinisekile ukuba uYohane ngumprofeti.”+ 7 Ngoko bamphendula bathi abamazi ukuba wayethunywe ngubani. 8 UYesu wathi kubo: “Nam ke andizukunixelela ukuba ndiyithatha phi imvume yokwenza ezi zinto.”
9 Emva koko, uYesu wabenzela lo mzekelo: “Kwakukho umntu owatyala intsimi yeediliya,+ waqeshisa ngayo kubalimi, waza waya kwelinye ilizwe ixesha elide.+ 10 Ngexesha lokuvuna wathuma ikhoboka ukuba liyokuthatha ezakhe iziqhamo kwaba balimi. Kodwa balibetha, baza baligxotha lingaphethanga nto.+ 11 Waphinda wathuma elinye ikhoboka; nalo balibetha, baligezela baza baligxotha lingaphethanga nto. 12 Waphinda wathuma elesithathu; nalo balonzakalisa baza baliphosa ngaphandle. 13 Emva koko umnikazi wentsimi wathi, ‘Ndithini kanene ngoku? Mandithume unyana wam endimthandayo.+ Mhlawumbi yena baza kumhlonipha.’ 14 Bakumbona abo balimi bathi, ‘Nantsi indlalifa. Yizani siyibulale sitsho sifumane ilifa layo.’ 15 Ngoko bamphosa ngaphandle kwentsimi, baza bambulala.+ Uza kubenza ntoni ke umnikazi wentsimi? 16 Uza kufika ababulale abo balimi aze ayinike abanye loo ntsimi.”
Bakuva loo nto, bathi: “Ingaze yenzeke loo nto!” 17 Kodwa wajonga ngqo kubo, wathi: “Ithetha ukuthini ke le ndawo ithi eZibhalweni: ‘Ilitye elalingafunwa ngabakhi liye laba lilitye lekona eliyintloko’?+ 18 Wonke umntu owa phezu kwelo litye uza kwenzakala kakubi.+ Nabani na elimwelayo, liza kumtyumza.”
19 Ngelo xesha, ababhali nababingeleli abaziintloko bafuna ukumbamba kuba babeqonda ukuba uthetha ngabo kulo mzekelo, kodwa babesoyika abantu ababelapho.+ 20 Bamgada, baza bathuma abantu ababebaqeshile ukuba benze ngathi bangamalungisa, ukuze bambambise ngezinto azithethayo,+ baze bamnikele kurhulumente nakumlawuli. 21 Bambuza, besithi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthetha inyani, ibe awukhethi buso, kodwa ufundisa inyani ngoThixo: 22 Kusemthethweni* na ukubhatala irhafu* kuKesare?” 23 Ewaqonda amaqhinga abo, wathi kubo: 24 “Ndiboniseni idenariyo.* Ngokabani lo mfanekiso nalo mbhalo ukuyo?” Bathi: “NgokaKesare.” 25 Wathi kubo: “Ngoko ke, buyiselani izinto zikaKesare kuKesare,+ kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”+ 26 Ngoko, abazange bakwazi ukumbambisa ngezinto azithethayo phambi kwabantu, kodwa bamangaliswa yimpendulo yakhe, bathula.
27 Kweza abaSadusi, ababesithi alukho uvuko,+ bathi:+ 28 “Mfundisi, uMoses wasibhalela wathi, ‘Ukuba umntu ufelwa ngumntakwabo, eshiya umfazi ngasemva kodwa engenabantwana, loo mntu umele atshate loo mfazi aze azalele umntakwabo abantwana.’+ 29 Kwakukho oonyana bomntu omnye abasixhenxe. Owokuqala waba nomfazi, kodwa wasweleka engenabantwana. 30 Owesibini 31 nowesithathu batshata kwaloo mfazi. Bamtshata ke bosixhenxe; bonke basweleka bengenabantwana. 32 Ekugqibeleni, naloo mfazi wasweleka. 33 Ngoko, xa kuvuswa abafileyo, uza kuba ngumfazi kabani? Kuba wayengumfazi wabo bosixhenxe.”
34 UYesu wathi kubo: “Abantu beli hlabathi* bayatshata yaye bayatshatiswa, 35 kodwa abo bafanelwe kukuvuswa ekufeni kubomi obuzayo, abatshati yaye abatshatiswa.+ 36 Bona abasenakuphinda bafe, kuba banjengeengelosi; baza kuba ngabantwana bakaThixo kuba bevusiwe. 37 KwanoMoses watsho ukuba abantu bayavuka ekufeni, xa wayethetha ngetyholo elinameva, ebiza uYehova* ngokuba ‘nguThixo ka-Abraham noThixo kaIsake noThixo kaYakobi.’+ 38 AkangoThixo wabafileyo, kodwa ngowabaphilayo, kuba bonke bayaphila kuye.”+ 39 Abanye bababhali bathi: “Mfundisi, uthetha inyani.” 40 Kuba babengasenasibindi sokuphinda bambuze nto.
41 Wathi kubo: “Kwenzeka njani ukuba kuthiwe uKristu ngunyana kaDavide?+ 42 Kuba uDavide wathi kwincwadi yeeNdumiso, ‘UYehova* wathi eNkosini yam: “Hlala ngasekunene kwam 43 de iintshaba zakho ndizenze zibe yindawo yokubeka iinyawo zakho.”’+ 44 Ukuba uDavide uthi Nkosi xa embiza, unguye njani ke unyana wakhe?”
45 Besamamele njalo abantu, uYesu wathi kubafundi bakhe: 46 “Balumkeleni ababhali abathanda ukuhamba-hamba ngemiwunduzo, befuna ukubuliswa ngembeko kwiindawo ekuthengiswa kuzo, bethanda ukuhlala kwizihlalo eziphambili* kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda,* nakwiindawo zabona bantu babalulekileyo kwizidlo zangokuhlwa,+ 47 bexhaphaza abahlolokazi, bebathathela izinto zabo, besenza nemithandazo emide kuba nje befuna ukubonwa ngabantu. Baza kugwetywa ngaphezu kwabanye abantu.”