Duteronomi
7 “Xa uYehova uThixo wakho ekungenisa kweli lizwe osele uza kungena kulo ulithathe,+ uza kuzisusa phambi kwakho iintlanga ezinabantu abaninzi kunawe:+ amaHiti, amaGirgashi, ama-Amori,+ amaKanan, amaPerizi, amaHivi namaYebhusi,+ iintlanga ezisixhenxe nezinabantu abaninzi nezinamandla kunawe.+ 2 UYehova uThixo wakho uza kuzinikela kuwe, yaye wena uza kuzoyisa.+ Umele nakanjani uzitshabalalise.+ Uze ungenzi sivumelwano nazo, yaye ungazisizeli.+ 3 Uze ungatshatiselani nazo. Iintombi zakho uze ungaziniki oonyana bazo, okanye uthathele oonyana bakho iintombi zazo.+ 4 Kuba ziza kwenza oonyana bakho bayeke ukundilandela, bakhonze abanye oothixo;+ yaye uYehova uza kuba nomsindo, aze akhawuleze anitshabalalise.+
5 “Ngoko nantsi into emaniyenze kuzo: Zidilizeni izibingelelo zazo, niziqhekeze iintsika zazo ezingcwele,+ zigawuleni iipali zazo ezingcwele,*+ nize niyitshise imifanekiso yazo eqingqiweyo.+ 6 KuYehova uThixo wenu nisisizwana esingcwele, ibe uYehova uThixo wenu unikhethile ukuba nibe ngabantu bakhe, abantu bakhe abakhethekileyo,* kuzo zonke izizwana eziphezu komhlaba.+
7 “UYehova akazange anithande aze anikhethe kuba nisisizwana esinabona bantu baninzi.+ Kaloku nanisesona sizwana sincinci.+ 8 Kodwa kungenxa yokuba uYehova wayenithanda yaye efuna ukugcina isifungo awayesenze kookhokho benu,+ le nto uYehova wanikhuphayo ngesandla esomeleleyo, wanikhulula kwindlu yobukhoboka,+ phantsi kukaFaro ukumkani waseYiputa. 9 Nazi kakuhle ukuba uYehova uThixo wenu nguThixo wokwenene, uThixo othembekileyo, osigcinayo isivumelwano nongagungqiyo ekuthandeni izizukulwana eziliwaka zabo bamthandayo nabayithobelayo imiyalelo yakhe.+ 10 Kodwa abo bamcaphukelayo uza kuziphindezelela ngokwakhe kubo, ngokubatshabalalisa.+ Akazukulibazisa ukohlwaya abo bamcaphukelayo. Uza kuziphindezelela ngokwakhe. 11 Ngoko qinisekani ukuba niyayigcina imiyalelo nemithetho nezigwebo endiniyalela zona namhlanje, ngokuthi nizithobele.
12 “Ukuba niyaqhubeka nizimamela ezi zigwebo, nizithobele yaye nizenze, uYehova uThixo wenu uza kusigcina isivumelwano sakhe aze anithande ngokungagungqiyo kanye njengokuba wafungayo kookhokho benu. 13 Uza kunithanda, anisikelele aze anandise. Uza kunisikelela ngabantwana abaninzi,+ ngesivuno esivela emhlabeni wenu, ngokutya kwenu okuziinkozo, ngewayini yenu entsha, ngeoli yenu,+ ngamathole eenkomo zenu nangamatakane eegusha zenu, kwilizwe awafunga kookhokho benu ukuba uza kuninika lona.+ 14 Kubo bonke abantu niza kuba ngabona basikelelweyo;+ akukho ndoda okanye mfazi ungazukuba nabantwana, yaye akuzukubakho mfuyo ingazaliyo.+ 15 UYehova uza kuzisusa zonke izifo kuni, yaye akazukunizisela izifo ezibi enazibonayo eYiputa.+ Endaweni yoko uza kuzizisa kubo bonke abo banicaphukelayo. 16 Nize nizitshabalalise* zonke izizwana uYehova uThixo wenu azinikela kuni.+ Nize ningazisizeli,+ yaye ningazikhonzi izithixo zazo,+ kuba loo nto iza kunifaka engxakini.+
17 “Ukuba ningacinga le nto ezintliziyweni zenu, ‘Ezi ntlanga zinabantu abaninzi kakhulu kunathi. Siza kuzigxotha njani?’+ 18 nize ningazoyiki.+ Nimele nikhumbule into awayenzayo uYehova uThixo wenu kuFaro nakuyo yonke iYiputa,+ 19 izigwebo* ezikhulu enazibonayo, imiqondiso, imimangaliso,+ isandla esinamandla nengalo eyoluliweyo uYehova uThixo wenu awanikhupha ngayo apho.+ Yiloo nto kanye uYehova uThixo wenu aza kuyenza kuzo zonke izizwana enizoyikayo.+ 20 UYehova uThixo wenu uza kubenza badakumbe abo bashiyekileyo,+ nabanizimeleyo bade batshabalale. 21 Nize ningoyikiswa zizo, kuba uYehova uThixo unani,+ unguThixo onamandla nowoyikekayo.+
22 “Ngokuqinisekileyo uYehova uThixo wenu uza kuzisusa kancinci kancinci ezi ntlanga phambi kwenu.+ Awuzukuvunyelwa ukuba uzitshabalalise ngokukhawuleza, ukuze izilwanyana zasendle zingabi ninzi ngaphezu kwenu. 23 UYehova uThixo wenu uza kuzinikela kuni ezo ntlanga nizoyise, nide nizitshabalalise.+ 24 Ookumkani bazo uza kubanikela esandleni senu,+ yaye niza kuwacima amagama abo phantsi kwamazulu.+ Akukho mntu uza kumelana nani+ nide nizitshabalalise ezo ntlanga.+ 25 Nimele niyitshise imifanekiso yoothixo bazo.+ Nize ningayibaweli isilivere negolide ekuyo okanye niyithathe,+ ukuze inganirhintyeli kuba uYehova uThixo wenu uyayenyanya.+ 26 Animele nize nezinto ezenyanyekayo ezindlini zenu kuze kufuneke nani nitshatyalaliswe njengazo. Zifanele zibe nezothe kuni, yaye nizicaphukele nyhani kuba zifanelwe yintshabalalo.