Daniyeli
11 “Ngonyaka wokuqala kaDariyo+ umMedi, ndema ukuze ndimomeleze ndize ndimkhusele.* 2 Le nto ndiza kukuxelela yona ngoku yinyaniso:
“Jonga! Kuseza kuma* ookumkani abathathu abamela iPersi, yaye owesine uza kubodlula bonke abanye ngobutyebi. Xa ke esomelela ngenxa yobutyebi bakhe, uza kuvusa yonke into ilwe nobukumkani* baseGrisi.+
3 “Ukumkani onamandla uza kuma, alawule ngamandla amakhulu,+ enze unothanda. 4 Kodwa akuma, ubukumkani* bakhe buza kwaphulwa buze buthiwe saa emhlabeni wonke.+ Abuzukunikwa inzala yakhe, kodwa buza kunikwa abanye. Abazukulawula ngamandla amakhulu njengaye, kuba ubukumkani* bakhe buza kuncothulwa.
5 “Yena ukumkani wasemzantsi uza komelela, oko kukuthi, enye yeenkosana zakhe; kodwa kukho omnye oza kumoyisa aze alawule ngamandla amakhulu, angaphezu kwawakhe.
6 “Emva kweminyaka ethile baza kumanyana, ibe intombi kakumkani wasemzantsi iza kuza kukumkani wasemntla, bavane.* Kodwa ingalo yale ntombi iza kuphelelwa ngamandla; naye ukumkani uza kuphelelwa ngamandla, koba njalo nakwingalo yakhe; kwaye naloo ntombi iza kunikezelwa, nabo bayizisayo, nowayizalayo, nowayomelezayo ngaloo maxesha. 7 Uza kusuka omnye ongowehlumelo leengcambu zale ntombi eme endaweni yakhe, aye emkhosini aze ahlasele inqaba kakumkani wasemntla, amoyise. 8 Uza kuthatha bonke abathinjwa, noothixo babo, imifanekiso yabo yesinyithi, nempahla yabo enqwenelekayo* yesilivere neyegolide, aye nayo eYiputa. Kangangeminyaka ethile uza kumela kude kukumkani wasemntla, 9 oza kulwa nobukumkani* bukakumkani wasemzantsi, kodwa aphinde abuyele elizweni lakhe.
10 “Bona ke oonyana bakakumkani wasemntla, baza kulungiselela imfazwe baze baqokelele umkhosi omkhulu. Ukumkani uza kwenza amatshe aze atshayele kwanto njengesikhukula. Kodwa uza kujika, ahambe eqhwaya imfazwe njengoko esiya kwinqaba yakhe.
11 “Ukumkani wasemzantsi uza kuba nomsindo, ayokulwa naye, oko kukuthi, ukumkani wasemntla. Ukumkani wasemntla uza kuqokelela igquba labantu, kodwa baza kunikelwa kulo kumkani alwa naye. 12 Abo bantu baza kusiwa kude. Intliziyo yokumkani wasemzantsi iza kuphakanyiswa, yaye uza kubulala amashumi amawaka; ibe nangona eza kuba enamandla, akazukuwasebenzisa.
13 “Ukumkani wasemntla uza kubuya aze aqokelele abantu abaninzi kunabaya bokuqala; yaye emva kweminyaka, ekupheleni kwamaxesha, uza kuza nomkhosi omkhulu exhobe wafohlela. 14 Ngaloo maxesha, abaninzi baza kumjikela ukumkani wasemzantsi.
“Abo baziindlobongela eziphakathi* kwabantu bakowenu baza kuthathwa ngenjongo yokuzalisekisa amaphupha abo; kodwa abazukuphumelela.
15 “Ukumkani wasemntla uza kuza, akhe ithambeka lokuhlasela aze athimbe isixeko esikhuselekileyo. Imikhosi yasemzantsi iza* kuwa, ngokunjalo namadoda kakumkani wasemzantsi akhethiweyo; yaye abazukuba nawo amandla okuxhathisa. 16 Lowo umhlaselayo uza kufika enze unothanda, ibe akukho mntu uza kuma phambi kwakhe. Uza kuma elizweni Elihle,+ enamandla okutshabalalisa ngesandla sakhe. 17 Uza kuzimisela ukuphuma ngawo onke amandla obukumkani* bakhe, azame ukuba kuvanwe;* kwaye uza kuphumelela. Yona ke intombi yabafazi, iza kunikwa lo kumkani wasemntla ukuba ayitshabalalise. Ayizukuma, ingazukuqhubeka iyeyakhe. 18 Uza kuzimisela ukuhlasela amazwe angaselunxwemeni aze athimbe amaninzi kuwo. Kodwa kuza kuvela inkumanda ethile, ikuphelise ukusa kwaloo kumkani, ize ikwenze kumjikele. 19 Lo kumkani uza kujika, abuyele kwiinqaba zelizwe lakhe, yaye uza kukhubeka, awe, kuphele kuthi tu ngaye.
20 “Indawo yakhe iza kuthathwa ngulowo uthumela umqokeleli* kobu bukumkani* bukhulu, kodwa ngeentsuku nje ezingephi uza kwaphulwa, phofu kungengangxabano namfazwe.
21 “Indawo yakhe iza kuthathwa ngulowo ucatshukelwayo, yaye abazukumnika isidima sobukumkani.* Uza kungena xa kanye abantu bezibona bekhuselekile* aze abuthathe ubukumkani* ngamaqhinga. 22 Uza kuyitshayela nemikhosi yesikhukula* eze kulwa naye, yaye iza kwaphulwa, neNkokheli+ yesivumelwano+ ngokunjalo. 23 Ngenxa yokuba bezimanyanise naye, uza kuqhubeka exoka, ehlasela, aze abe namandla ngohlanga oluncinci. 24 Kanye xa abantu beziva bekhuselekile,* uza kuhlasela iindawo ezityebileyo zephondo,* enze into engazange yenziwa ngootata nookhokho bakhe. Wona amaxhoba nazo zonke izinto ezoxuthiweyo uza kuzabela abantu bakhe, aze acebe iindlela zokuhlasela iindawo ezikhuselekileyo, kodwa loo nto iza kuba yeyexeshana.
25 “Uza kuzithemba ngamandla, ize intliziyo yakhe imxhokonxele ekubeni ahlasele ukumkani wasemzantsi ngomkhosi omkhulu, yaye ukumkani wasemzantsi uza kuxhobela imfazwe, amhlangabeze ngomkhosi omkhulu nonamandla ngokugqithiseleyo. Yaye ukumkani wasemntla akazukuma, kuba baza kumenzela amayelenqe. 26 Uza kubhukuqwa ngabo batya izimuncumuncu zakhe.
“Wona ke umkhosi wakhe uza kutshayelwa* uphele, kubulawe abaninzi.
27 “Aba kumkani babini baza kuceba izinto ezimbi ezintliziyweni zabo, bahlale etafileni enye beqhathana. Kodwa akukho nto iza kuphumelela, kuba isiphelo sibekelwe ixesha laso.+
28 “Ukumkani wasemntla uza kubuyela elizweni lakhe enempahla eninzi, kodwa intliziyo yakhe iza kuphikisana nesivumelwano esingcwele. Uza kuphumelela, aze abuyele elizweni lakhe.
29 “Ngexesha elibekiweyo uza kubuya, ahlasele elasemzantsi. Kodwa ngoku akazukuphumelela, 30 kuba iinqanawa zaseKitim+ ziza kumxina, yaye uza kuthotywa.
“Uza kubuya asishwabulele isivumelwano esingcwele,*+ kwaye uza kuphumelela. Uza kubuya ajongane nabo basishiyayo isivumelwano esingcwele. 31 Imikhosi* iza kuma, iphuma kuye; yaye iza kuyingcolisa ingcwele,+ inqaba, ize iwuphelise umbingelelo owenziwa qho.+
“Yaye iza kubeka into eyenyanyekayo netshabalalisayo.+
32 “Abo basiphatha kakubi isivumelwano, uza kubawexula ngamaqhinga.* Kodwa ke bona abantu abamaziyo uThixo wabo, baza koyisa, baphumelele. 33 Abo banokuqonda+ phakathi kwabantu, baza kwenza abaninzi baqonde. Kodwa ke kangangeentsuku ezithile baza kuba zizisulu zekrele, namadangatye, nokuthinjwa, nokoxuthelwa izinto zabo. 34 Ngexesha laloo nkxwaleko abanokuqonda baza kufumana uncedo olungephi; yaye abaninzi baza kuzidibanisa nabo ngokubaqhatha.* 35 Abanye kwabo banengqiqo baza kukhubeka, ukuze ngenxa yabo kusulungekiswe kuze kuhlanjululwe,+ de kufike isiphelo; kuba sibekelwe ixesha laso.
36 “Lo kumkani wasemntla uza kwenza unothanda, aziphakamise, azenze mkhulu kunabo bonke oothixo; athethe izinto ezothusayo ngoThixo woothixo.+ Uza kuphumelela de atshatyalaliswe; kuba imele yenzeke into ekugqitywe kuyo. 37 Akazukumkhathalela uThixo wookhokho babo; engazukukukhathalela noko kufunwa ngabafazi kwanabo bonke abanye oothixo, kodwa uza kuzenza mkhulu ngaphezu komntu wonke. 38 Kunoko,* uza kuzukisa uthixo weenqaba, thixo lowo ababengamazi ookhokho babo. Uza kumzukisa ngegolide, ngesilivere, ngamatye anqabileyo nangezinto ezinqwenelekayo.* 39 Uza kuphumelela xa ehlasela nezona ndawo zikhuselekileyo, ekunye nothixo wasemzini. Uza kubazukisa abo bamvumayo, aze ababeke ezikhundleni eziphezulu; abohlulele umhlaba, baze bona bambhatale.
40 “Ngexesha lesiphelo ukumkani wasemzantsi uza kulwa naye, aze ukumkani wasemntla agaleleke kuye eneenqwelo, nabakhweli-mahashe, neenqanawa ezininzi; yaye uza kungena emazweni atshayele kwanto njengesikhukula. 41 Uza kungena naselizweni Elihle,+ akhubekise amazwe amaninzi. Kodwa amaEdom, namaMowabhi, nenxalenye eyintloko yama-Amon, aza kusinda kuye. 42 Uza kuqhubeka esolulela emazweni isandla sakhe; lona ke ilizwe laseYiputa alizukusinda. 43 Uza kubulawula ubutyebi obufihliweyo begolide, nobesilivere, nobazo zonke izinto ezinqwenelekayo* zaseYiputa. Uza kulandelwa ngamaLibhiya namaTiyopiya.
44 “Kodwa iingxelo eziphuma empuma* nasemntla ziza kumphazamisa, aze ke aphume ngomsindo ukuze anqumle aze atshabalalise abaninzi. 45 Uza kugxumeka iintente zakhe zasebukhosini phakathi kolwandle olukhulu nentaba engcwele yelizwe Elihle;+ yaye uza kufikelela esiphelweni sakhe, engenamncedi.