Yeremiya
50 Nali ilizwi elathethwa nguYehova ngeBhabhiloni,+ ngelizwe lamaKhaledi, esebenzisa umprofeti uYeremiya:
2 “Yithetheni le nto kwiintlanga.
Phakamisani uphawu,* niyichaze.
Sanukufihla nto.
Yithini, ‘IBhabhiloni ithinjiwe.+
UBhele uhlazisiwe.+
UMerodaki woyika kakhulu.
Imifanekiso yayo ihlazisiwe.
Izithixo zayo ezenyanyekayo* ziyoyika.’
3 Kuba ihlaselwe luhlanga oluvela emntla.+
Lwenza ilizwe layo libe yinto eyoyikekayo;
Akukho mntu uhlala kuyo.
Indoda nesilwanyana zibalekile.
Zimkile.”
4 “Ngaloo mihla nangelo xesha,” utsho uYehova, “amaSirayeli namaYuda aza kuhlanganisana.+ Aza kuhamba elila,+ yaye aza kufuna uYehova uThixo wawo.+ 5 Aza kubuza indlela eya eZiyon, ubuso bawo bujonge kwelo cala,+ esithi, ‘Yizani sizihlanganise kuYehova ngesivumelwano esingunaphakade nesingazukulityalwa.’+ 6 Abantu bam baye bangumhlambi olahlekileyo weegusha.+ Abalusi babo bababhadulisile.+ Babaqhubele entabeni, bebhadula ukusuka entabeni ukuya endulini. Bayilibele indawo yabo yokuphumla. 7 Bonke abo babafumanayo babaqwengile,+ yaye iintshaba zabo zithe, ‘Asinatyala thina, kuba bamonile uYehova, indawo yokuhlala yobulungisa nethemba lookhokho babo, uYehova.’”
8 “Balekani niphume eBhabhiloni,
Phumani kwilizwe lamaKhaledi,+
Nibe njengezilwanyana ezikhokela umhlambi.
Liza kuza kuyo lilungele ukulwa nayo;
Kuba iza kuthinjwa apho.
Abo bayithimbayo baza kwaneliseka,”+ utsho uYehova.
Nahlala nixhuma-xhuma njengethokazi engceni,
Yaye nahlala nikhala njengeenkunzi zamahashe.
Udanile lowo wanizalayo.
Jongani! Ngoyena ungabalulekanga ezintlangeni,
Intlango engenamanzi nendawo eyomileyo.+
Nabani na odlula ngaseBhabhiloni, uza kujonga, othuke
Aze abethe umlozi ngenxa yazo zonke izibetho zayo.+
15 Yihlabeleni umkhosi macala onke.
Inikezele.
Ziphindezeleni kuyo.
Zonke izinto ezenzileyo, nani zenzeni kuyo.+
Ngenxa yekrele elikhohlakeleyo, ngamnye uza kubuyela kubantu bakowabo,
Ngamnye uza kubalekela kwilizwe lakowabo.+
17 “AmaSirayeli anjengeegusha ezithe saa.+ Iingonyama ziwasasazile.+ Aqala aqwengwa ngukumkani waseAsiriya,+ waza uKumkani uNebhukadenetsare* waseBhabhiloni wakhukhuza amathambo awo.+ 18 Ngoko uthi uYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli, ‘Ukumkani waseBhabhiloni nelizwe lakhe ndiza kumenza le nto ndayenza kukumkani waseAsiriya.+ 19 USirayeli ndiza kumbuyisela kwidlelo lakhe,+ yaye uza kutya eKarmele naseBhashan,+ aneliseke kwiintaba zakwaEfrayim+ nezaseGiliyadi.’”+
20 “Ngaloo mihla nangelo xesha,” utsho uYehova,
“Ityala likaSirayeli liza kukhangelwa,
Kodwa liza kube lingekho,
Nezono zikaYuda azizukufunyanwa,
Kuba ndiya kubaxolela abo ndibayeke bashiyeka.”+
21 “Hamba uyokuhlasela ilizwe laseMeratayim nabemi basePekodi.+
Mababulawe, batshatyalaliswe ngokupheleleyo,” utsho uYehova.
“Yenze yonke le nto ndikuyalele yona.
22 Kukho isandi semfazwe elizweni,
Intlekele enkulu.
23 Inqunyulwe yaza yaphulwa ngeyona ndlela ihamile eqhekeza umhlaba wonke!+
IBhabhiloni iye yayinto yokoyikisa iintlanga!+
24 Ndikubekele umgibe waza wabanjiswa, Bhabhiloni,
Ibe ubungayazi loo nto.
Wafunyanwa waza wabanjwa,+
Kuba nguYehova lo wawumchasa.
Kaloku iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi, inomsebenzi enawo
Kwilizwe lamaKhaledi.
26 Lihlaseleni nivela kwiindawo ezithe qelele.+
Vulani amaqonga alo.+
Lifumbeni njengeemfumba zeenkozo.
Litshabalaliseni ngokupheleleyo.+
Kwanga kungangabikho mntu ushiyekayo kulo.
Aza kuthi shu, kuba ifikile imini yawo,
Ixesha lokugwetywa kwawo!
28 Kukho isandi sabo babalekayo,
Abo baqhweshileyo kwilizwe laseBhabhiloni,
Beyokuchaza impindezelo kaYehova uThixo wethu eZiyon,
Impindezelo ngetempile yakhe.+
Misani iinkampu kuyo macala onke; makungaqhweshi mntu.
Phindisani kuyo ngokwemisebenzi yayo.+
Yenzani kuyo njengokuba yenzile.+
Kuba iziphakamise phambi koYehova,
Lowo Ungcwele kaSirayeli.+
30 Abafana bayo baza kuwa kwiindawo zayo zikawonke-wonke,+
Nawo onke amajoni ayo aza kutshatyalaliswa* ngaloo mini,” utsho uYehova.
31 “Jonga! Ndilwa nawe,+ wena unekratshi,”+ itsho iNkosi enguMongami, uYehova wemikhosi,
“Kuba imele ifike imini yakho, ixesha endimele ndikuphendulise ngalo.
Ndiza kuzitshisa izixeko zakho,
Ibe loo mlilo uza kuqwenga yonke into ekujikelezileyo.”
33 Uthi uYehova wemikhosi:
“AmaSirayeli namaYuda acinezelekile.
Bonke abo bawathimbileyo abawakhululi.+
Abavumi ukuwayeka ahambe.+
34 Kodwa uMhlawuleli wawo womelele,+
Igama lakhe nguYehova wemikhosi.+
Nakanjani uza kulichophela ityala lawo,+
Ukuze alenze liphumle ilizwe,+
Aze abangele abantu baseBhabhiloni baphazamiseke.”+
35 “Alindelwe likrele amaKhaledi,” utsho uYehova,
“Nabantu baseBhabhiloni, neenkokheli zayo nezilumko zayo.+
36 Balindelwe likrele abo bathetha izinto ezingekhoyo,* yaye baza kwenza ngobudenge.
Alindelwe likrele amakroti aseBhabhiloni, yaye aza koyika.+
37 Alindelwe likrele namahashe awo neenqwelo zawo zokulwa,
Nabo bonke abantu abangumxube phakathi kwayo,
Kwaye baza kuba njengabafazi.+
Bulindelwe likrele nobutyebi bayo, yaye buza koxuthwa.+
Kuba ililizwe lemifanekiso eqingqiweyo,+
Kwaye benza izinto eziphambeneyo ngenxa yemibono yabo eyothusayo.
39 Ngoko ke izidalwa ezihlala kwimimandla eyomileyo ziza kuhlala nezilwanyana ezenza umkhulungwane,
Yaye iinciniba ziza kuhlala kuyo.+
Akuphinde kuhlale mntu kuyo,
Akuzukuhlala mntu apho kuzo zonke izizukulwana.”+
40 “Kanye njengokuba uThixo watshabalalisa iSodom neGomora+ needolophu ezikufutshane nayo,+ akukho mntu uza kuhlala apho, kungekho mntu uza kuzinza kuyo,” utsho uYehova.+
41 “Jonga! Kuza isizwana sivela ngasemntla.
Uhlanga olukhulu nookumkani abazukileyo+ baza kuvuswa
Bevela kwezona ndawo zikude zomhlaba.+
42 Baphatha isaphetha nentshuntshe.+
Bakhohlakele yaye abazukuba nanceba.+
Isandi sabo sinjengesolwandle oluyaluzelayo,+
Njengoko bekhwele amahashe abo.
Njengamntu mnye bema belungele ukulwa idabi nawe, ntombi yaseBhabhiloni.+
Ubanjwe yintlungu,
Intlungu enjengeyomfazi obelekayo.
44 “Jonga! Kukho umntu oza kulwa namadlelo akhuselekileyo kanye njengengonyama ephuma kumatyholo ashinyeneyo angaseYordan. Kodwa ngephanyazo, ndiza kwenza abantu beso sixeko babaleke kuso, ndize ndibeke lowo ukhethiweyo abe ngumlawuli waso.+ Kuba ngubani onjengam, ingubani onokumelana nam? Nguwuphi umalusi onokuma phambi kwam?+ 45 Ngoko ke simameleni madoda isigqibo* sikaYehova ngeBhabhiloni,+ nento ayicingayo ngelizwe lamaKhaledi.
Nakanjani abancinci bomhlambi baza kurhuqelwa kude.
Ngenxa yabo uza kuyitshabalalisa indawo yabo yokuhlala.+