Umthandazo womntu osentlungwini xa ekhathazekile aze axelele uYehova onke amaxhala akhe.+
102 Owu Yehova, wuve umthandazo wam;+
Makufike kuwe ukukhalela kwam uncedo.+
2 Sukubufihla ubuso bakho kum xa ndisengxakini.+
Ndithobele indlebe yakho;
Khawuleza undiphendule xa ndikubiza.+
3 Kuba imihla yam ithi shwaka okomsi,
Namathambo am avutha okweziko lomlilo.+
4 Intliziyo yam ibethwe yabuna okwengca,+
Kuba ndiphelelwe nangumdla wokutya.
5 Ngenxa yokugcuma kwam,+
Amathambo am athe nca enyameni yam.+
6 Ndifana nengcwangube yasentlango;
Ndinjengesikhova esincinci esiphakathi kwamabhodlo.
7 Ndiyaphuthelwa;
Ndifana nentaka eyodwa eluphahleni.+
8 Iintshaba zam zindinxwala imini yonke.+
Abo bahlekisa ngam basebenzisa igama lam xa bethukisa.
9 Kuba isonka sam luthuthu,+
Nezinto endiziselayo zixutywe neenyembezi,+
10 Ngenxa yomsindo wakho nokucaphuka kwakho,
Kuba undiphakamisile, kanti uza kuphinda undilahle.
11 Imihla yam injengesithunzi esithi shwaka,+
Ibe ndibuna okwengca.+
12 Kodwa wena Yehova, uza kuhlala ukho ngonaphakade,+
Ibe uza kuduma kuzo zonke izizukulwana.+
13 Ngokuqinisekileyo uza kuphakama uyenzele inceba iZiyon,+
Kuba lixesha lokuba uyenzele ububele;+
Lifikile ixesha elibekiweyo.+
14 Kuba abakhonzi bakho bayawathanda amatye ayo,+
Bavuyiswa nkqu naluthuli olu lwayo.+
15 Iintlanga ziza kuloyika igama likaYehova,
Nabo bonke ookumkani bomhlaba boyike uzuko lwakho.+
16 Kuba uYehova uza kuyivusa iZiyon;+
Uza kubonakala ekuzuko lwakhe.+
17 Uza kuyimamela imithandazo yabo bangenanto;+
Akazukuwujongela phantsi umthandazo wabo.+
18 Oku kubhalelwe isizukulwana esizayo,+
Ukuze isizwana esiseza kuzalwa simdumise uYa.
19 Kuba ujonge ezantsi esendaweni yakhe ephakamileyo engcwele,+
UYehova ujonge emhlabeni esemazulwini,
20 Ukuze akuve ukuncwina kwebanjwa,+
Abakhulule abo bagwetyelwe ukufa,+
21 Ukuze igama likaYehova livakaliswe eZiyon+
Aze adunyiswe eYerusalem,
22 Xa izizwana neentlanga
Zidibana ukuze zikhonze uYehova.+
23 Wakhawuleza wandithez’ amandla;
Wayinqamla imihla yam.
24 Ndathi: “Owu Thixo wam,
Sukundicim’ igama ndisemtsha,
Wena ophila kuzo zonke izizukulwana.+
25 Wazibeka kwakudala iziseko zomhlaba,
Namazulu angumsebenzi wezandla zakho.+
26 Zonke ezo zinto ziza kutshabalala, kodwa wena uza kuhlala ukho;
Zonke ziza kuguga okwempahla.
Uza kuzitshintsha okwempahla, ibe ziza kuphela zithi tu.
27 Kodwa wena awuzukutshintsha, neminyaka yakho ayizukuphela.+
28 Abantwana babakhonzi bakho baza kuhlala bekhuselekile,
Nenzala yabo izinziswe phambi kwakho.”+