20 Iwayini iyamgezisa umntu,+ utywala bumenza angalawuleki;+
Nabani na obhaduliswa zizo akalumkanga.+
2 Ukoyikeka kukakumkani kunjengokugquma kwengonyama;+
Nabani na omcaphukisayo ubeka ubomi bakhe esichengeni.+
3 Umntu onesidima uyayiphepha ingxabano,+
Kodwa sona isidenge singena zwabha kuyo.+
4 Ivila alilimi ebusika,
Ngoko liza kuhamba licela ngexesha lokuvuna kuba lingenanto.+
5 Iingcinga zentliziyo yomntu zinjengamanzi anzulu,
Kodwa umntu osisilumko uzitsala zinyuke.
6 Abantu abaninzi bathi banothando olungagungqiyo,
Kodwa ngubani onokumfumana umntu othembekileyo?
7 Ilungisa lihamba ngokungenasiphoso.+
Bayavuya abantwana balo.+
8 Xa ukumkani ehleli etroneni yokugweba,+
Uhluza bonke ububi ngamehlo akhe.+
9 Ngubani onokuthi: “Intliziyo yam imhlophe;+
Ndimsulwa kwaye andinasono”?+
10 Amatye okukala aqhathayo nezitya zokukala eziqhathayo,
Zombini ziyenyanyeka kuYehova.+
11 Kwanomntwana ubonwa ngezenzo zakhe,
Ukuba umsulwa okanye ulungile.+
12 Indlebe evayo nelihlo elibonayo,
Zombini zenziwe nguYehova.+
13 Sukuthanda ubuthongo, kuba uza kuba lihlwempu.+
Vula amehlo akho, ibe uza kuba nesonka esaneleyo.+
14 “Imbi le nto, imbi!” utsho umthengi;
Akugqiba ahambe eqhayisa ngokuba ukhuphe imali encinci.+
15 Kukho igolide, kukwakho neekorale ezininzi,
Kodwa yimilebe enolwazi exabisekileyo.+
16 Ukuba umntu ubambisele ityala lomntu wasemzini,+ thatha isambatho sakhe;
Bambisa ngaso ukuba umele ityala lomfazi wasemzini.+
17 Isonka esifunyenwe ngamaqhinga sihla kamnandi emntwini,
Kodwa emva koko umlomo wakhe ugcwala uhlalutye.+
18 Amacebo ayaphumelela xa kuboniswana;+
Fumana amacebiso obulumko ngaphambi kokuya emfazweni.+
19 Umntu onolwimi udiza amahlebo;+
Sukuhlala nomntu okuthandayo ukuhleba.
20 Nabani na othuka utata wakhe nomama wakhe,
Isibane sakhe siza kucinywa xa kufika ubumnyama.+
21 Ilifa elifunyanwa ngokubawa ekuqaleni
Alizukuba yintsikelelo ekugqibeleni.+
22 Sukuthi: “Ndiza kuziphindezela ngobu bubi!”+
Thembela kuYehova,+ uza kukusindisa.+
23 Amatye okulinganisa aqhathayo ayenyanyeka kuYehova,
Nezikali eziqhathayo azilunganga.
24 Ukunyathela komntu kwalathiswa nguYehova;+
Angayiqonda njani ke indlela yakhe?
25 Kungumgibe emntwini ukungxama athi, “Ingcwele!”+
Aze aqale emva koko ukucingisisa ngesivumelwano asenzileyo.+
26 Ukumkani olumkileyo uyabahluza abenzi-bubi+
Aze ahambise ivili lokubhula phezu kwabo.+
27 Impefumlo yomntu sisibane sikaYehova
Sokuhlolisisa konke okufihlakeleyo ngaphakathi emntwini.
28 Uthando olungagungqiyo nokuthembeka kuyamkhusela ukumkani;+
Itrone yakhe ixhaswa luthando lwakhe olungagungqiyo.+
29 Uzuko lwabafana ngamandla abo,+
Lona iwonga lamadoda amadala zizimvi.+
30 Ukugruzuka namanxeba kukhucula ububi,+
Nemivumbo ikhucula ububi obungaphakathi emntwini.