Genesis
17 Xa uAbram wayeneminyaka eyi-99, uYehova wabonakala kuye waza wathi: “NdinguThixo uSomandla. Hamba phambi kwam uze ube msulwa.* 2 Ndiza kwenza isivumelwano phakathi kwam nawe,+ ndize ndikwandise kakhulu.”+
3 UAbram waqubuda, waza uThixo waqhubeka ethetha naye, esithi: 4 “Jonga! ndenze isivumelwano nawe,+ yaye ngokuqinisekileyo uza kuba ngutata weentlanga ezininzi.+ 5 Igama lakho liza kuyeka ukuba nguAbram;* kodwa liza kuba nguAbraham,* kuba ndiza kukwenza ube ngutata weentlanga ezininzi. 6 Ndiza kukwenza uqhame kakhulu, ndikwenze ube ziintlanga, yaye kuza kuphuma ookumkani kuwe.+
7 “Ndiza kusigcina isivumelwano sam nawe+ nenzala* yakho kwizizukulwana zayo, sibe sisivumelwano sikanaphakade, sokuba ndibe nguThixo wakho nenzala* yakho emva kwakho. 8 Ndiza kulinika wena nenzala* yakho ilizwe owahlala kulo ungumntu wasemzini,+ lonke ilizwe lakwaKanan, ukuze libe lilifa layo ngonaphakade, yaye ndiza kuba nguThixo wayo.”+
9 UThixo waphinda wathi kuAbraham: “Uze usigcine isivumelwano sam, wena nenzala* yakho emva kwakho kwizizukulwana zayo. 10 Nasi isivumelwano sam nawe, omele wena nenzala* yakho nisigcine: Yonke into eyindoda phakathi kwenu imele yoluswe.+ 11 Nifanele nisuse amajwabi enu, yaye oko kuza kuba ngumqondiso wesivumelwano sam nani.+ 12 Kwizizukulwana zenu, wonke umntu oyindoda phakathi kwenu oneentsuku ezisibhozo ezelwe umele oluswe,+ naye nabani na ozelwe endlini, nabani na ongeyonzala* yakho kodwa othengwe ngemali kumntu wasemzini. 13 Yonke indoda ezelwe endlini yakho nayo yonke indoda ethengwe ngemali yakho imele yoluswe,+ yaye isivumelwano sam enyameni yenu simele sibe sisivumelwano sikanaphakade. 14 Ukuba kukho umntu ongafuniyo ukoluswa, umele abulawe. Usaphule isivumelwano sam.”
15 Emva koko uThixo wathi kuAbraham: “Yena uSarayi* umfazi wakho,+ uze ungathi nguSarayi, kuba igama lakhe liza kuba nguSara.* 16 Ndiza kumsikelela ndize ndikunike unyana ngaye,+ ndiza kumsikelela abe ziintlanga, kuza kuphuma ookumkani bezizwana kuye.” 17 Wasuka waqubuda uAbraham, wahleka waza wathi entliziyweni yakhe:+ “Ngaba indoda eneminyaka eyi-100 ingazalelwa umntwana na, yena uSara umfazi oneminyaka eyi-90 angaba sazala na?”+
18 Ngoko uAbraham wathi kuThixo wokwenene: “Akwaba nje uIshmayeli angaphila phambi kwakho!”+ 19 UThixo wamphendula wathi: “Nakanjani na uSara umfazi wakho uza kukuzalela unyana, uze umthiye igama elinguIsake.*+ Ndiza kusenza naye isivumelwano sam, sibe sisivumelwano sikanaphakade kwinzala* yakhe.+ 20 Kule nto uyithethayo ngoIshmayeli, ndikuvile. Jonga! ndiza kumsikelela ndize ndimenze aqhame, ndimandise kakhulu. Uza kuvelisa iinkosi eziyi-12, yaye ndiza kumenza abe luhlanga olukhulu.+ 21 Kodwa ke, ndiza kusenza noIsake isivumelwano sam,+ lo uza kumzalelwa nguSara ngeli xesha kunyaka ozayo.”+
22 Wathi akugqiba uThixo ukuthetha naye wenyuka, wemka kuAbraham. 23 Emva koko, uAbraham wathatha uIshmayeli unyana wakhe, onke amadoda azalelwe endlini yakhe, wonke umntu owayethengwe ngemali, wonke umntu oyindoda endlini ka-Abraham, waza wabolusa kwangaloo mini, kanye njengoko uThixo wayemxelele.+ 24 UAbraham wayeneminyaka eyi-99 ukoluswa kwakhe.+ 25 Yena uIshmayeli unyana wakhe, wayeneminyaka eyi-13 ukoluswa kwakhe.+ 26 Ngaloo mini, uAbraham noIshmayeli unyana wakhe boluswa. 27 Onke amadoda endlu yakhe, wonke umntu ozalelwe endlini, naye wonke umntu othengwe ngemali emntwini wasemzini, boluswa kunye naye.