Genesis
11 Bonke abantu emhlabeni babethetha ulwimi olunye, besebenzisa amagama afanayo ezinto.* 2 Njengoko babesiya ngasempuma, bafumana ithafa elisentlanjeni kwilizwe laseShinare,+ bahlala khona. 3 Emva koko bathi: “Yizani! Masenze izitena, sizitshise.” Ngoko basebenzisa izitena endaweni yamatye, nebhitumene njengodaka. 4 Bathi: “Yizani! Masizakhele isixeko nenqaba erheca izulu, yaye masizenzele igama elidumileyo, ukuze singasasazeki emhlabeni wonke.”+
5 UYehova wehla ukuze asibone isixeko nenqaba ababeyakhile oonyana babantu. 6 Emva koko uYehova wathi: “Jonga! Aba bantu bamanyene, bathetha ulwimi olunye,+ yaye sebeqale ngokwenza le nto. Ayikho ke ngoku into abafuna ukuyenza eza kubaxaka. 7 Yiza! Masihle+ size siluphixanise ulwimi lwabo ukuze bangevani xa bethetha.” 8 UYehova wabachitha-chitha bathi saa emhlabeni wonke,+ baza baya becutheka abantu abakha isixeko. 9 Yiloo nto kwathiwa igama laso yiBhabheli,*+ kuba uYehova walugxobha apho ulwimi lomhlaba wonke, waza uYehova wabasasaza abantu emhlabeni wonke.
UShem wayeneminyaka eyi-100 xa wazala uArpakhishadi+ kwiminyaka emibini emva koMkhukula. 11 Emva koko, uShem waphila iminyaka eyi-500. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.+
12 Xa uArpakhishadi wayeneminyaka eyi-35, wazala uShela.+ 13 Emva koko, uArpakhishadi waphila iminyaka eyi-403. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
14 Xa uShela wayeneminyaka eyi-30, wazala uEbhere.+ 15 Emva koko, uShela waphila iminyaka eyi-403. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
16 Xa uEbhere wayeneminyaka eyi-34, wazala uPelege.+ 17 Emva koko, uEbhere waphila iminyaka eyi-430. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
18 Xa uPelege wayeneminyaka eyi-30, wazala uRewu.+ 19 Emva koko, uPelege waphila iminyaka eyi-209. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
20 Xa uRewu wayeneminyaka eyi-32, wazala uSerugi. 21 Emva koko, uRewu waphila iminyaka eyi-207. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
22 Xa uSerugi wayeneminyaka eyi-30, wazala uNahore. 23 Emva koko, uSerugi waphila iminyaka eyi-200. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
24 Xa uNahore wayeneminyaka eyi-29, wazala uTera.+ 25 Emva koko, uNahore waphila iminyaka eyi-119. Wayenabo nabanye oonyana neentombi.
26 Xa uTera wayeneminyaka eyi-70, wazala uAbram,+ uNahore+ noHaran.
27 Le yimbali kaTera.
UTera wazala uAbram, uNahore noHaran; yena uHaran wazala uLote.+ 28 UHaran wafa utata wakhe uTera esaphila, efela kwilizwe awazalelwa kulo, iUre+ yamaKhaledi.+ 29 UAbram noNahore bazithathela abafazi. Igama lomfazi ka-Abram yayinguSarayi,+ yena umfazi kaNahore yayinguMilka,+ intombi kaHaran, ongutata kaMilka noIska. 30 USarayi wayengazali,+ engenamntwana.
31 Emva koko uTera wathatha uAbram unyana wakhe, uLote umzukulwana wakhe,+ unyana kaHaran, noSarayi umolokazana wakhe, ongumfazi ka-Abram unyana wakhe, baza bemka naye eUre yamaKhaledi baya kwilizwe lakwaKanan.+ Ekuhambeni kwexesha bafika kwaHaran+ baza bahlala khona. 32 UTera wafela kwaHaran eneminyaka eyi-205.