KwabaseRoma
13 Wonke umntu makathobele abasemagunyeni,+ kuba akukho gunya lingaveli kuThixo.+ Amagunya akhoyo abekwe nguThixo kwiindawo zawo.+ 2 Ngoko nabani na olwa namagunya, ulwa nendlela kaThixo yokwenza izinto; abo benza loo nto bazibizela umgwebo. 3 Kuba abo balawuli boyikwa ngabantu abenza izinto ezimbi, kodwa aboyikwa ngabantu abenza izinto ezilungileyo.+ Ukuba ke awufuni kuboyika abantu abasemagunyeni, hlala usenza izinto ezintle,+ baza kukudumisa; 4 kuba basebenzela uThixo ukuze kuncedakale wena. Kodwa ukuba wenza izinto ezimbi, umele woyike kuba abasemagunyeni abaliphathanga nje ikrele. Kuba basebenzela uThixo, yaye ubabeke ukuba bohlwaye abo benza izinto ezimbi.
5 Ngoko ninyanzelekile ukuba nithobele, hayi kuphela kuba kukho isohlwayo kodwa nangenxa yezazela zenu.+ 6 Yiyo loo nto nibhatala nerhafu, kuba abasemagunyeni bazizicaka zikaThixo ezihlala zisebenzela abantu. 7 Banikeni bonke izinto ezimele ziye kubo: ofuna irhafu, mnikeni irhafu;+ ofuna ukoyikwa, moyikeni;+ ofuna imbeko, mnikeni imbeko.+
8 Sanukuzenzela amatyala, kunoko thandanani;+ kuba nabani na obathandayo abanye abantu uwuthobele umthetho.+ 9 Kuba imithetho ethi, “Uze ungakrexezi,+ uze ungabulali,+ uze ungebi,+ uze ungabaweli izinto zomnye umntu,”+ nawo nawuphi na omnye umthetho okhoyo, ishwankathelwa ngala mazwi athi: “Umele umthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”+ 10 Umntu onothando akamenzi into embi ummelwane wakhe;+ ngoko uthando luzalisekisa umthetho.+
11 Zenzeni ezi zinto, kuba nisazi ukuba eli lixesha lokuba nivuke ebuthongweni,+ kuba ngoku ixesha lokusindiswa kwethu likufutshane kakhulu kunangexesha esaba ngamakholwa ngalo. 12 Ubusuku buhambile; imini isondele. Ngoko ke masiyilahle imisebenzi yobumnyama+ size sibhinqe izixhobo zokukhanya.+ 13 Masiziphathe kakuhle+ ngokungathi kusemini, singahambi iipati ezingalawulekiyo, singanxili, singaziphathi kakubi ngesondo, singaziphathi ngokungenazintloni,*+ yaye singabi nochuku nomona.+ 14 Kodwa yibani neempawu zeNkosi uYesu Kristu,+ yaye ningayicebeli kwangaphambili iminqweno yesono.+