IiNdumiso
EkaDavide. Ingoma emnandi.
101 Ndiza kucula ngothando olungagungqiyo nobulungisa.
Ndiza kukudumisa ngengoma* Yehova.
2 Ndiza kwenza ngobulumko nangokungenasiphoso.
Uza kuza nini kum?
Nasendlini yam, ndiza kuhamba ngentliziyo engenasiphoso.+
3 Andizukubeka nantoni na engento yanto phambi kwamehlo am.
Ndiyazenyanya izinto ezenziwa ngabantu abayishiyayo indlela elungileyo;+
Akukho nto indidibanisa nabo.*
Nabani na onamehlo anekratshi nophakamileyo entliziyweni,
Andizukumnyamezela.
6 Ndiza kubakhetha abathembekileyo emhlabeni,
Ukuze bahlale nam.
Ngumntu ongenasiphoso oza kundisebenzela.