Genesis
28 Ngoko uIsake wambiza uYakobi, wamsikelela waza wamyalela wathi: “Uze ungathathi mfazi kwiintombi zakwaKanan.+ 2 Yiya ePadan-aram, endlini kaBhetuweli utatomkhulu wakho, uzithathele umfazi apho kwiintombi zikaLabhan,+ umalume wakho. 3 UThixo uSomandla uza kukusikelela aze akuqhamise, akwandise ibe nakanjani, uza kuba libandla lezizwana.+ 4 UThixo uza kukunika intsikelelo ka-Abraham,+ wena nenzala* yakho ekunye nawe, ukuze ulithathele kuwe ilizwe obukade uhleli kulo njengomntu wasemzini, elo uThixo alinike uAbraham.”+
5 Ngoko uIsake wamkhulula uYakobi, waya ePadan-aram, kwaLabhan unyana kaBhetuweli umAram,+ umntakwaboRebheka,+ umama kaYakobi noEsawu.
6 UEsawu wabona ukuba uIsake wayemsikelele uYakobi, waza wamkhulula ukuba ayokuzithathela umfazi ePadan-aram, nokuba wayemyalele wathi: “Uze ungathathi mfazi kwiintombi zakwaKanan,”+ 7 ibe uYakobi uye wamthobela utata wakhe nomama wakhe waza waya ePadan-aram.+ 8 UEsawu watsho waqonda ukuba uIsake utata wakhe akazithandi iintombi zakwaKanan,+ 9 ngoko uEsawu waya kwaIshmayeli, wathatha uMahalati intombi kaIshmayeli unyana ka-Abraham, udadeboNebhayoti, wamenza umfazi, esongezelela kwabanye abafazi awayesele enabo.+
10 UYakobi waqhubeka nohambo lwakhe esuka eBher-shebha waya kwaHaran.+ 11 Ekuhambeni kwexesha, wafika kwenye indawo waza walungiselela ukulala kuyo kuba ilanga lalisele litshonile. Ngoko wathatha ilitye kuloo ndawo, waqamela ngalo waza walala.+ 12 Waphupha ebona izitepsi* ezide, zisuka emhlabeni ziyokutsho ezulwini; iingelosi zikaThixo zinyuka zisehla kuzo.+ 13 Jonga! uYehova wayemi ngentla kwazo, yaye wathi:
“NdinguYehova uThixo ka-Abraham utata wakho noThixo kaIsake.+ Ilizwe elo ulele kulo, ndiza kulinika wena nenzala* yakho.+ 14 Nakanjani inzala* yakho iza kuba njengamasuntswana othuli lomhlaba,+ yaye uza kusasazeka kakhulu, uye entshona nasempuma, emntla nasemzantsi, zize nakanjani zonke iintsapho zomhlaba zisikelelwe* ngenxa yakho nangenxa yenzala* yakho.+ 15 Ndinawe yaye ndiza kukukhusela naphi na apho uya khona, kwaye ndiza kukubuyisela kweli lizwe.+ Andizukukushiya de ndiyenze into endikuthembise yona.”+
16 UYakobi waphaphama ebuthongweni, wathi: “UYehova ukho nyhani kule ndawo, kwaye bendingayazi loo nto.” 17 Woyika waza wathi: “Iyoyikeka le ndawo! Soze ibe asiyondlu kaThixo le,+ yigeyithi yamazulu le.”+ 18 Ngoko uYakobi wavuka ekuseni, wamisa ilitye awayeqamele ngalo laba yintsika, wagalela ioli phezu kwalo.+ 19 Wayithiya loo ndawo ngokuthi yiBheteli,* kodwa eso sixeko kwakukade kusithiwa yiLuzi.+
20 UYakobi wenza isifungo esithi: “Ukuba uThixo uza kuqhubeka enam, andikhusele kuhambo lwam, andinike isonka ukuze nditye kunye nempahla yokunxiba, 21 ndize ndibuyele ngoxolo endlini katata, ndiza kuqiniseka ukuba uYehova nguThixo wam. 22 Eli litye ndilimisileyo layintsika liza kuba yindlu kaThixo,+ kwaye nakanjani na ndiza kukunika isishumi sayo yonke into ondinika yona.”