106 Dumisani uYa!
Bulelani kuYehova, kuba ulungile;+
Uthando lwakhe olungagungqiyo lukho ngonaphakade.+
2 Ngubani onokukwazi ukuzichaza ngokupheleleyo izinto ezinkulu ezenziwe nguYehova,
Okanye avakalise zonke izinto ezimangalisayo azenzileyo?+
3 Bonwabile abo benza ngobulungisa,
Abasoloko besenza izinto ezilungileyo.+
4 Ndikhumbule Yehova xa ubenzela ububele abantu bakho.+
Ndicela undihoye ngokundisindisa,
5 Ukuze ndonwabele izinto ezintle ozenzela abantu bakho obakhethileyo,+
Ndivuye nohlanga lwakho,
Ukuze ndikudumise nelifa lakho.
6 Sonile kanye njengookhokho bethu;+
Senze izinto ezimbi; senze izinto ezingcolileyo.+
7 Ookhokho bethu eYiputa abazange baziqonde izinto ezimangalisayo owazenzayo.
Bayilibala indlela oluphuphuma ngayo uthando lwakho olungagungqiyo,
Kodwa bakuvukela kuLwandle Olubomvu.+
8 Kodwa wabasindisa ngenxa yegama lakhe,+
Ukuze aziwe amandla akhe.+
9 Walukhalimela loma uLwandle Olubomvu;
Wabakhokela ebaweza phakathi kwamanzi anzulu ngathi kusentlango;+
10 Wabasindisa esandleni seentshaba zabo,+
Wabasindisa esandleni sotshaba.+
11 Iintshaba zabo zaginywa ngamanzi,
Akwasinda nokuba abe mnye kuzo.+
12 Batsho bazikholelwa izithembiso zakhe;+
Bamdumisa ngengoma.+
13 Kodwa akuzange kube kudala, bazilibala izinto azenzileyo;+
Abazange balindele ukukhokelwa nguye.
14 Bavumela iminqweno yabo ibalawule entlango;+
Bamlinga uThixo kuloo nkangala.+
15 Wabanika into abayifunayo,
Kodwa wababetha nangesifo esabatya bephila.+
16 Bammonela uMoses enkampini,
Bamonela noAron,+ umntu ongcwele kaYehova.+
17 Umhlaba wavuleka waza waginya uDatan,
Wogquma nabo babekunye noAbhiram.+
18 Kwavutha umlilo kwelo qela;
Baqwengwa lidangatye abo bantu babi.+
19 Benza ithole eHorebhe
Baza baqubuda kuloo mfanekiso wesinyithi;+
20 Bakhetha ukuzukisa umfanekiso wenkunzi yenkomo, into etya ingca+
Kunokuzukisa mna.
21 Bamlibala uThixo,+ uMsindisi wabo,
Owabenzela izinto ezinkulu eYiputa,+
22 Izinto ezimangalisayo kwilizwe lakwaHam,+
Izinto ezoyikekayo kuLwandle Olubomvu.+
23 Wayesele eza kuthi mabatshatyalaliswe,
Kodwa uMoses, onyuliweyo wakhe, wangenelela
Waza wawehlisa umsindo wakhe.+
24 Balenyanya ilizwe elithandekayo;+
Abazange babe nokholo kwisithembiso sakhe.+
25 Baqhubeka bembombozela ezintenteni zabo;+
Abazange balimamele ilizwi likaYehova.+
26 Ngoko waphakamisa isandla sakhe efunga ngabo
Esithi uza kubawisa entlango;+
27 Wayeza kuyiwisa phakathi kweentlanga inzala yabo,
Eza kubasasaza kuwo onke loo mazwe.+
28 Baqalisa ukukhonza uBhahali wasePehore,+
Batya imibingelelo eyenzelwe abafileyo.
29 Bamcaphukisa ngezinto ababezenza,+
Baza bafikelwa sisibetho.+
30 Kodwa wathi akungenelela uFinehasi,
Samiswa isibetho.+
31 Waza uThixo wamjonga njengelungisa
Kuzo zonke izizukulwana, ngonaphakade.+
32 Bamcaphukisa ngasemanzini aseMeribha,
NoMoses wasengxakini ngenxa yabo.+
33 Bawenza krakra umoya wakhe,
Waza wathetha engacinganga ngemilebe yakhe.+
34 Abazange bazitshabalalise izizwana,+
Njengokuba uYehova wayebayalele.+
35 Kodwa bahlobana neentlanga,+
Bafunda imikhwa yazo.+
36 Baqhubeka bekhonza izithixo zazo,+
Zaba ngumgibe kubo.+
37 Babebingelela oonyana babo
Neentombi zabo kwiidemon.+
38 Baqhubeka bephalaza igazi elimsulwa,+
Igazi loonyana babo neentombi zabo
Ababingelela ngazo kwizithixo zakwaKanan;+
Laza ilizwe langcoliswa luphalazo-gazi.
39 Bangcoliswa zizenzo zabo,
Bethengisa ngomzimba kwabanye oothixo.+
40 Bamcaphukisa uYehova abantu bakhe,
Waya elonyanya ilifa lakhe.
41 Wayebanikela esandleni seentlanga,+
Ukuze balawulwe ngabantu ababacaphukelayo.+
42 Zabacinezela ke iintshaba zabo,
Ibe babelawulwa zizo.
43 Wabasindisa kaninzi-ninzi,+
Kodwa nalapho babevukela, bengathobeli,+
Ibe babethotywa ngenxa yesono sabo.+
44 Kodwa wayeyibona intlungu yabo+
Ebeva naxa bekhalela uncedo.+
45 Wayesikhumbula isivumelwano sakhe ukuze kulungelwe bona,
Aze abe nosizi, ngenxa yokuphuphuma kothando lwakhe olungagungqiyo.+
46 Wayesenza ukuba basizelwe
Ngabo bonke ababebathimbile.+
47 Sisindise, Yehova Thixo wethu,+
Siqokelele ndawonye ezintlangeni+
Ukuze sibulele igama lakho elingcwele
Size sikudumise sivuya.+
48 Makadunyiswe uYehova uThixo kaSirayeli,
Makadunyiswe ngonaphakade.+
Ibe wonke umntu makathi, “Amen!”
Dumisani uYa!