Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
3 Ngoko bazalwana, andizange ndikwazi ukuthetha nani ngendlela ebendiza kuthetha ngayo kubantu abakhokelwa ngumoya kaThixo,+ kodwa ndithethe ngathi ndithetha nabantu abakhokelwa yiminqweno yehlabathi, abaziintsana+ ekulandeleni uKristu. 2 Andizange ndinityise ukutya okuqinileyo, kodwa ndaniseza ubisi, kuba naningekakhuli. Phofu anikakhuli nangoku,+ 3 kuba nisakhokelwa yiminqweno yehlabathi.+ Ekubeni nimonelana yaye nixabana, ngaba loo nto ayithethi ukuba nineminqweno yehlabathi+ yaye nilinganisa abantu balo? 4 Kaloku xa omnye esithi, “Mna ndingokaPawulos,” aze omnye athi, “Mna ndingoka-Apolo,”+ anilinganisi abantu behlabathi ke?
5 Uyintoni kanti uApolo? Eyintoni yena uPawulos? Ngabashumayeli+ nje abathunywe yiNkosi, abanincedayo naba ngamakholwa. 6 Mna ndatyala,+ uApolo wankcenkceshela,+ kodwa nguThixo owakhulisayo, 7 ukuze lowo utyalayo nalowo unkcenkceshelayo bangabaluleki, kodwa kubaluleke uThixo, yena ukhulisayo.+ 8 Ngoko lowo utyalayo nalowo unkcenkceshelayo bayalingana,* kodwa mntu ngamnye uza kufumana umvuzo ngenxa yomsebenzi wakhe.+ 9 Kuba thina sisebenza noThixo. Nina niyintsimi yakhe elinywayo, isakhiwo sikaThixo.+
10 UThixo wandenzela ububele* ndaza ndabeka isiseko+ njengencutshe yomakhi, kodwa ngomnye umntu owakhela phezu kwaso. Ngoko mntu ngamnye makagade indlela akha ngayo phezu kwaso. 11 Kuba akukho mntu unokubeka esinye isiseko ngaphandle kwesi sikhoyo, esinguYesu Kristu.+ 12 Omnye umntu usenokwakha ngegolide, ngesilivere nangamatye axabisekileyo, aze omnye akhe ngamaplanga, ngengca nangeendiza phezu kwesi siseko. 13 Umsebenzi womntu ngamnye uza kubonakala ngaloo mini xa utshiswa ngomlilo,+ kutsho kucace ukuba wakhe ngantoni. 14 Ukuba loo nto ayakhileyo phezu kweso siseko ayitshi, uza kufumana umvuzo. 15 Ukuba loo nto ayakhileyo itsha iphele, uza kulahlekelwa, aze yena asinde, kodwa naye kuza kuba ngathi usinde emlilweni.
16 Anazi na ukuba niyitempile kaThixo,+ ibe umoya kaThixo uhleli kuni?+ 17 Nabani na otshabalalisa itempile kaThixo, uza kutshatyalaliswa nguThixo; kuba itempile kaThixo ingcwele, ibe nina niyiloo tempile.+
18 Makungabikho kwamntu uziqhathayo: Ukuba nabani na apho kuni ucinga ukuba ulumkile kweli hlabathi,* makabe sisidenge ukuze abe sisilumko sokwenyani. 19 Ubulumko beli hlabathi bubudenge kuThixo; kuba kubhaliwe kwathiwa: “Izilumko uzibamba kanye ngala maqhinga azo.”+ 20 Kuphinda kuthiwe: “UYehova* uyazi ukuba izinto ezicingwa zizilumko azincedi nganto.”+ 21 Ngoko ke makungabikho mntu uqhayisa ngabantu, kuba zonke izinto zezenu, 22 nokuba nguPawulos, nokuba nguApolo, nokuba nguKefas,*+ nokuba lihlabathi, nokuba bubomi, nokuba kukufa, nokuba zizinto ezikhoyo ngoku, nokuba zizinto eziseza kuza, zonke izinto zezenu; 23 nina ke ningabakaKristu; uKristu+ yena ngokaThixo.