Hezekile
45 “‘Xa nisahlula ilizwe njengelifa,+ nimele ninikele inxalenye engcwele yomhlaba njengomnikelo kuYehova.+ Ubude bawo bumele bube ziikubhite* eziyi-25 000, ububanzi bube ziikubhite eziyi-10 000.+ Wonke loo mhlaba uza* kuba sisahlulo esingcwele. 2 Kuwo kuza kubakho isiqwenga somhlaba ongcwele osisikwere seekubhite eziyi-500 macala onke,+ ibe ecaleni kwaso kuza kubakho idlelo eliziikubhite eziyi-50 cala ngalinye.+ 3 Kulo ilizwe umele umete umhlaba ongumnikelo oziikubhite eziyi-25 000 ubude neziyi-10 000 ububanzi, ibe kuwo kuza kubakho indawo engcwele, eyona nto ingcwele. 4 Iza kuba sisahlulo esingcwele somhlaba wababingeleli,+ abasebenza kwindawo engcwele, besebenzela uYehova.+ Ziza kuba lapho izindlu zabo nendawo engcwele yetempile.
5 “‘AbaLevi abasebenza etempileni, baza kuba nesahlulo esiziikubhite eziyi-25 000 ubude neekubhite eziyi-10 000 ububanzi,+ ibe siza kuba namagumbi okutyela ayi-20.*+
6 “‘Nimele nahlule elinye icala lesixeko eliziikubhite eziyi-25 000 ubude (lilingane nomhlaba ongcwele) neekubhite eziyi-5 000 ububanzi.+ Liza kuba lelendlu yonke kaSirayeli.
7 “‘Inkosi iza kunikwa umhlaba ophahle umhlaba ongcwele nalowo uphahle umhlaba wesixeko. Uza kuba kwicala elingasentshona nelingasempuma. Ubude bawo ukusuka kumda osentshona ukuya kumda osempuma buza kulingana nobomhlaba wesinye sezizwe.+ 8 Lo mhlaba uza kuba lilifa layo kwaSirayeli. Iinkosi zam aziyi kuphinda zibacinezele abantu bam,+ nelizwe ziza kulinika indlu kaSirayeli ngokwezizwe zayo.’+
9 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Kwanele ngoku, zinkosi zakwaSirayeli!’
“‘Yiyekeni le nkohlakalo yenu nokuphanga abantu, nize nenze okusesikweni* nobulungisa.+ Yekani ukoxutha umhlaba wabantu bam,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova. 10 ‘Nimele nisebenzise izikali ezichanileyo, umlinganiselo ochanileyo we-efa,* nomlinganiselo ochanileyo webhate.*+ 11 Mazilingane iefa nebhate, ibhate ibe sisishumi sehomere, ne-efa ibe sisishumi sehomere.* Ihomere mayibe ngumlinganiselo omiselweyo wazo zombini. 12 Ishekele*+ mayibe ziigera* eziyi-20. Xa udibanisa iishekele eziyi-20 neeshekele eziyi-25 neeshekele eziyi-15 kuphuma imane* enye.’
13 “‘Nanku umnikelo enimele niwunikele: isithandathu se-efa kwihomere nganye yengqolowa, nesithandathu se-efa kwihomere nganye yerhasi. 14 Umnikelo weoli umele ube ngokomlinganiselo webhate. Ibhate sisishumi sekore,* yaye iibhate ezilishumi yihomere, kuba iibhate ezilishumi zilingana nehomere. 15 Kumele kunikelwe ngegusha enye kweziyi-200 kumhlambi wemfuyo kaSirayeli. Ziza kuba zezomnikelo wokutya,+ umnikelo otshiswa ngokupheleleyo,+ nemibingelelo yobuhlobo,+ ukuze kuhlawulelwe abantu,’+ itsho iNkosi enguMongami uYehova.
16 “‘Bonke abantu belizwe lakwaSirayeli baza kukhupha lo mnikelo+ bawunike inkosi. 17 Kodwa yona inkosi imele ikhuphe iminikelo etshiswa ngokupheleleyo,+ umnikelo wokutya,+ nomnikelo oselwayo ngexesha letheko,+ ngexesha lokuthwasa kwenyanga, ngexesha leSabatha,+ nangamaxesha awo onke amatheko amiselweyo endlu kaSirayeli.+ Yiyo eza kukhupha umnikelo wesono, umnikelo wokutya, umnikelo otshiswa ngokupheleleyo nemibingelelo yobuhlobo, ukuze kuhlawulelwe indlu kaSirayeli.’
18 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenyanga yokuqala, ngomhla wokuqala kuloo nyanga, umele uthathe ithole lenkomo eliyinkunzi eliphile qete emhlambini, uze ngalo ucoce indawo engcwele esonweni.+ 19 Umbingeleli uza kuthatha intwana yegazi lomnikelo wesono ayiqabe emgubasini wetempile,+ kwiikona zone zenqwanqwa elijikeleze isibingelelo nasemgubasini wegeyithi yeyadi engaphakathi. 20 Nimele nenze ngaloo ndlela nangomhla wesixhenxe waloo nyanga, ngenxa yakhe nabani na owona ngempazamo okanye ngokungazi;+ yaye nimele nicoce itempile.+
21 “‘Ngenyanga yokuqala, ngomhla we-14 kuloo nyanga, nifanele nibe netheko lePasika.+ Nimele nitye isonka esingenagwele iintsuku ezisixhenxe.+ 22 Ngaloo mini inkosi imele inikele ngethole lenkomo eliyinkunzi libe ngumnikelo wayo wesono nowabo bonke abantu belizwe.+ 23 Yonke imihla ngezo ntsuku zisixhenxe zetheko iza kukhupha amathole asixhenxe enkomo aziinkunzi neenkunzi zeegusha ezisixhenxe eziphile qete,+ zibe ngumnikelo otshiswa ngokupheleleyo kuYehova, nenkunzi yebhokhwe ibe ngumnikelo wesono. 24 Kumele kukhutshwe iefa yomnikelo wokutya ngethole ngalinye lenkomo eliyinkunzi, kukhutshwe ne-efa ngenkunzi nganye yegusha, nehin* yeoli nge-efa nganye.
25 “‘Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lwe-15 kuloo nyanga, ngeentsuku ezisixhenxe zetheko,+ umele enze umnikelo ofanayo wesono, umnikelo otshiswa ngokupheleleyo, umnikelo wokutya noweoli.’”