Genesis
34 UDina intombi kaYakobi awayizalelwa nguLeya,+ wayedla ngokuphuma ayokubuthela* iintombi zelo lizwe.+ 2 UShekem, unyana kaHamore umHivi,+ isikhulu selo lizwe wambona, walala naye, wamdlwengula. 3 Wasuka wathi phithi nguDina intombi kaYakobi, wayithanda le ntokazi, wazicengezela kuyo.* 4 Ekugqibeleni uShekem wathi kuHamore+ utata wakhe: “Ndithathele le ntokazi ibe ngumfazi wam.”
5 Xa uYakobi wevayo ukuba uShekem umngcolisile uDina intombi yakhe, babesendle oonyana bakhe kunye nomhlambi. UYakobi wathi cwaka bada babuya. 6 Kamva uHamore, utata kaShekem, wayokuthetha noYakobi. 7 Oonyana bakaYakobi bayiva le nto baza bakhawuleza babuya endle. Babekhubeke beyinyama yaye bevutha ngumsindo kuba uShekem wayemhlazisile uSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi,+ into eyayingafanelanga yenzeke.+
8 UHamore wathetha nabo, wathi: “Unyana wam uShekem uthe swii* yintombi yenu. Ndicela nimnike yona ibe ngumfazi wakhe, 9 nendiselane nathi. Sinikeni iintombi zenu, nani nizithathele iintombi zethu.+ 10 Ningahlala nathi, yaye niza kuwufumana umhlaba kweli lizwe. Hlalani, nishishine nize nizinze kulo.” 11 UShekem wathi kutata kaDina nakubantakwabo: “Ukuba nindithandile, ndiza kuninika nantoni na eniyifunayo. 12 Nokuba ingaxhoma kangakanani ilobola nesipho,+ ndiza kuninika yonke into eniyifunayo. Ndinikeni nje le ntombi ibe ngumfazi wam.”
13 Oonyana bakaYakobi bamphendula uShekem noHamore utata wakhe, bebaqhatha, kuba uShekem wayengcolise uDina udadewabo. 14 Bathi kubo: “Asinakuyenza ke leyo, yokuba sinike indoda engolukanga*+ udadewethu, kuba lihlazo elo kuthi. 15 Singayivumela le nto kuphela xa ninokufana nathi, noluse wonke umntu oyindoda kuni.+ 16 Xa kunjalo ke singaninika iintombi zethu, nathi sizithathele ezenu, yaye siza kuhlala nani, sibe banye. 17 Kodwa ukuba anisimameli, ningoluki, siza kuyithatha intombi yethu sihambe.”
18 Ehla kamnandi la mazwi abo kuHamore+ noShekem, unyana kaHamore.+ 19 Lo mfana wakhawuleza wayenza le nto bayifunayo,+ kuba wayewile yintombi kaYakobi, yaye uShekem wayengoyena ubekekileyo kuyo yonke indlu katata wakhe.
20 Ngoko uHamore noShekem unyana wakhe baya egeyithini yesixeko baza bathetha namadoda esixeko sabo,+ bathi: 21 “La madoda afuna ukwenza uxolo nathi. Masiwavumele ahlale kweli lizwe aze ashishine. Umhlaba mkhulu kakhulu, aza konela. Singazithatha iintombi zawo zibe ngabafazi bethu, nathi singawanika iintombi zethu.+ 22 Inye nje kuphela into ekufuneka siyenze ukuze la madoda avume ukuhlala nathi, sibe banye, yile: wonke umntu oyindoda kuthi umele oluke kanye njengokuba nawo olukile.+ 23 Ayizukuba zezethu na izinto zawo, ubutyebi bawo nayo yonke imfuyo yawo? Thina masiwavumele nje ahlale nathi.” 24 Bonke abo babephuma ngegeyithi yesixeko sakhe bammamela uHamore noShekem unyana wakhe, yaye onke amadoda oluka, onke lawo awayephuma ngegeyithi yesixeko.
25 Kodwa ke ngosuku lwesithathu, xa ayesaqaqanjelwa, basuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimeyon noLevi, abantakwaboDina,+ ngamnye wathatha ikrele lakhe, basiqubula eso sixeko baza babulala onke amadoda.+ 26 Babulala uHamore noShekem unyana wakhe ngekrele, baza bamthatha uDina endlini kaShekem, bemka. 27 Abanye oonyana bakaYakobi bafika kuloo madoda axatyelweyo, basiphanga isixeko, kuba ayemngcolisile udadewabo.+ 28 Bathatha imihlambi yawo yeegusha neyeebhokhwe, imihlambi yawo yeenkomo, iidonki zawo, nayo yonke into eyayisesixekweni nasendle. 29 Bathatha nazo zonke izinto zawo, bathimba abantwana bawo abancinane nabafazi bawo, baphanga zonke izinto ezazisezindlini.
30 UYakobi wathi kuSimeyon noLevi:+ “Nindizisele embi yona ingxaki ngokundenza ndibe nevumba elibi kubemi beli lizwe, amaKanan namaPerizi. Sibambalwa thina, yaye nakanjani na aza kudibana ukuze andihlasele yaye ndiza kutshabalala, mna nendlu yam.” 31 Bathi ke bona: “Ngaba udadewethu ufanele aphathwe ngathi ngunongogo?”