IiNdumiso
Benze into ebafaneleyo abo banekratshi.+
4 Behleli nje bayaloqa, bathetha benekratshi;
Baqhayisa ngeziqu zabo bonke abenzi-bubi.
6 Babulala umhlolokazi nomntu wasemzini,
Bagwinta nabantwana abangenatata.
9 Angangeva na Lowo udale* indlebe?
Angangaboni na Lowo udale ilihlo?+
10 Angangakwazi ukululeka na Lowo uqeqesha iintlanga?+
Kaloku nguye ofundisa abantu!+
12 Yonwabile indoda oyilungisayo Ya,+
Leyo uyifundisa umthetho wakho,+
13 Ukuze uyinike ukuzola ngeemini zentlekele,
De ambelwe umngxuma umenzi-bubi.+
15 Kuba kuza kubuyelwa kwizigwebo zobulungisa,
Bonke abaneentliziyo ezilungileyo baza kuzithobela.
16 Ngubani oza kundilwela kubenzi-bubi?
Ngubani oza kundimela kwabo bangalunganga?
18 Xa ndathi: “Unyawo lwam luyatyibilika,”
Owu Yehova, ndaqhubeka ndixhaswa luthando lwakho olungagungqiyo.+
22 Kodwa uYehova uza kuba yindawo yam ekhuselekileyo yokubalekela,*
UThixo wam liliwa lam lokubalekela.+
23 Uza kwenza zibuyele kubo izinto ezimbi abazenzileyo.+
Uza kubacima igama* kwangobubi babo.