Duteronomi
26 “Ekugqibeleni, xa ningenile kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu ukuba libe lilifa lenu, naloxutha naza nahlala kulo, 2 nimele nithathe kuzo zonke izivuno zenu zokuqala, eniza kuziqokelela kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, nizifake kwiibhaskithi, niye nazo kwindawo uYehova uThixo wenu aza kukhetha ukulibeka kuyo igama lakhe.+ 3 Nimele niye kumbingeleli oza kube ekho ngaloo mihla nize nithi kuye, ‘Namhlanje, ndizokuxela kuYehova uThixo wakho ukuba ndingenile kwilizwe uYehova awafunga kookhokho bethu ukuba uza kusinika lona.’+
4 “Umbingeleli uza kuyithatha loo bhaskithi uyiphetheyo, ayibeke phambi kwesibingelelo sikaYehova uThixo wakho. 5 Emva koko uze uthi phambi koYehova uThixo wakho, ‘Utata wayengumAram owayehamba ehlala,*+ yaye waya kuba ngumntu wasemzini eYiputa+ beyintsapho encinci.+ Kodwa apho waba luhlanga olukhulu, olunamandla nolunabantu abaninzi.+ 6 AmaYiputa asiphatha kakubi, asicinezela, asikhobokisa ngendlela engathethekiyo.+ 7 Ngoko sakhala kuYehova uThixo wookhokho bethu, waza uYehova wasiva, wayibona intlungu esikuyo, ingxaki nengcinezelo esasiphantsi kwayo.+ 8 Ekugqibeleni uYehova wasikhupha eYiputa ngesandla esinamandla nangengalo eyoluliweyo,+ ngezenzo ezoyikisa kakhulu, ngemiqondiso nangemimangaliso.+ 9 Emva koko wasizisa kule ndawo waza wasinika eli lizwe, ilizwe eligcwele ubisi nobusi.+ 10 Ngoku ndizise isivuno sokuqala selizwe uYehova andinike lona.’+
“Uze usibeke phambi koYehova uThixo wakho, uqubude phambi koYehova uThixo wakho. 11 Emva koko uze uvuye ngenxa yazo zonke izinto ezintle uYehova uThixo wakho akunike zona, wena, umLevi nomntu wasemzini ohlala nawe.+
12 “Xa ugqibile ukuqokelela+ sonke isishumi semveliso yakho ngonyaka wesithathu, unyaka wezishumi, umele usinike umLevi, umntu wasemzini, umntwana ongenatata* nomhlolokazi, baze batye banele kwizixeko zakho.+ 13 Emva koko uza kuthi phambi koYehova uThixo wakho, ‘Ndisikhuphe sonke isahlulo esingcwele endlini yam, ndaza ndasinika umLevi, umntu wasemzini, umntwana ongenatata nomhlolokazi,+ kanye njengokuba ubundiyalele. Khange ndingayithobeli okanye ndingayikhathaleli imiyalelo yakho. 14 Khange ndisitye esi sahlulo ndizilile, khange ndisiphathe ndingacocekanga yaye khange ndinikele nentwana yaso ngenxa yomntu ofileyo. Ndilithobele ilizwi likaYehova uThixo wam yaye ndiyenzile yonke into ubundiyalele yona. 15 Ngoko ke khawujonge ezantsi ukwindawo yakho yokuhlala engcwele, emazulwini, uze ubasikelele abantu bakho amaSirayeli nelizwe osinike lona,+ kanye njengokuba wafungayo kookhokho bethu,+ ilizwe eligcwele ubisi nobusi.’+
16 “Namhlanje uYehova uThixo wenu uyaniyalela ukuba niyenze yonke le mimiselo nezigwebo. Nimele nizithobele ngentliziyo yenu yonke+ nangomphefumlo* wenu wonke. 17 Namhlanje uYehova uniqinisekisile ukuba uza kuba nguThixo wenu njengokuba nihamba ngeendlela zakhe, nithobela imithetho,+ imiyalelo+ nemimiselo yakhe,+ nanjengokuba nimamela ilizwi lakhe. 18 Nani namhlanje nimqinisekisile uYehova ukuba niza kuba ngabantu bakhe, abantu bakhe abakhethekileyo,+ kanye njengokuba wanithembisayo, ibe niza kuyithobela yonke imithetho yakhe. 19 Yena uThixo uthe uza kuniphakamisela phezulu ngaphezu kwazo zonke ezinye iintlanga azenzileyo,+ njengokuba enithembisile, adunyiswe, aziwe aze azukiswe ngani, nibe sisizwana esingcwele kuYehova uThixo wenu,+ kanye njengokuba wathembisayo.”