Hezekile
31 Ngonyaka we-11, ngenyanga yesithathu, ngomhla wokuqala kuloo nyanga, laphinda lafika ilizwi likaYehova kum, lisithi: 2 “Nyana womntu, yithi kuFaro ukumkani waseYiputa nakubantu bakhe,+
‘Ufana nabani na ngobukhulu bakho?
3 Kwakukho umAsiriya, umsedare waseLebhanon,
Onamasebe amahle afana nawentshinyela yemithi enomthunzi;
Wawumde ufikelela emafini.
4 Amanzi awukhulisa wamkhulu, imithombo enzulu yamanzi yawenza wamde.
Wawujikelezwe ngamanzi kwindawo owawutyalwe kuyo;
Imisinga yawo yayinkcenkceshela yonke imithi yasendle.
5 Yiloo nto wakhula wamde ngaphezu kwayo yonke eminye imithi yasendle.
Amasebe awo anda, aza aba made
Ngenxa yamanzi amaninzi awayekwimisinga yawo.
6 Zonke iintaka zezulu zakha iindlwane emasebeni awo,
Zonke izilwanyana zasendle zazalela phantsi kwawo,
Zaza zonke iintlanga ezinkulu zahlala emthunzini wawo.
7 Wagqwesa ngobuhle nangobude bamasebe awo,
Kuba iingcambu zawo zazifikelela emanzini amaninzi.
8 Ayikho imisedare eyayinokufaniswa nawo emyezweni kaThixo.+
Akukho mthi wejunipha wawunamasebe alingana nawawo,
Nawemithi yompleyini ayengathathi nto kuwo.
Akukho mthi emyezweni kaThixo wawunokukhuphisana nawo ngobuhle.
9 Ndawenza waba mhle, wanamahlamvu amaninzi,
Yonke eminye imithi eyayise-Eden, emyezweni woThixo wokwenene yawumonela.’
10 “Ngoko ke ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngenxa yokuba waba mde kangako, wafikelela emafini, yaza intliziyo yawo yanekratshi ngenxa yobude bawo, 11 ndiza kuwunikela kumlawuli weentlanga onamandla.+ Uza kuwohlwaya, ibe ndiza kuwulahla ngenxa yobubi bawo. 12 Yaye abasemzini, ezona ntlanga zikhohlakeleyo, baza kuwugawula, bawushiye ezintabeni, amahlamvu awo aza kuwela ezintlanjeni, aze amasebe awo aphuke athi saa kuyo yonke imisinga yelizwe.+ Zonke izizwana zomhlaba ziza kuwushiya umthunzi wawo. 13 Zonke iintaka zezulu ziza kuhlala phezu kwesiqu sawo esiwileyo, zize zonke izilwanyana zasendle zihlale emasebeni awo.+ 14 Le nto iza kwenzeka ukuze kungabikho mthi uza kukhula ecaleni kwamanzi ube mde kakhulu de ufikelele emafini, nokuze kungabikho mthi unkcenkceshelwe kakuhle uza kufikelela emafini. Kuba yonke iza kunikelwa ekufeni, kwilizwe langaphantsi, kunye noonyana babantu, abehla baye emngxunyeni.’*
15 “Ithi iNkosi enguMongami uYehova: ‘Ngemini ohla ngayo uye engcwabeni,* ndiza kwenza kuzilwe. Ndiza kuwogquma amanzi anzulu, ndiyivale imisinga yawo ukuze amanzi amaninzi aphele. Ndiza kwenza kube mnyama eLebhanon ngenxa yawo, yaye yonke imithi yasendle iza kubuna. 16 Xa kuvakala isandi sokuwa kwawo, ndiza kuzenza zingcangcazele iintlanga xa ndiwuhlisela engcwabeni* nabo bonke abo behla baye emngxunyeni,* yaye imithi yase-Eden,+ eyona mihle kweyaseLebhanon, yonke enkcenkceshelwe kakuhle, iza kuthuthuzeleka kwilizwe langaphantsi. 17 Nayo ihlile yaya engcwabeni* kunye nawo, kwabo babulewe ngekrele,+ nabo bawuxhasayo* abaye bahlala emthunzini wawo phakathi kweentlanga.’+
18 “‘Nguwuphi kwimithi yase-Eden owawuzukile yaye umkhulu njengawe?+ Kodwa ngokuqinisekileyo uza kuhliselwa kwilizwe langaphantsi kunye nemithi yase-Eden. Uza kulala phakathi kwabangolukanga, kunye nabo babulewe ngekrele. Le nto iza kwenzeka kuFaro nabo bonke abantu bakhe,’ itsho iNkosi enguMongami uYehova.”