Eyokuqala YooKumkani
10 Ukumkanikazi waseShebha weva ukuba uSolomon wayedumile ngenxa yegama likaYehova,+ ngoko weza kumvavanya ngemibuzo enzima.+ 2 Wafika eYerusalem nabantu abaninzi,+ neenkamela ezazithwele ioli yebhalsam+ negolide eninzi namatye axabisekileyo. Wafika wathetha noSolomon ngayo yonke into eyayisentliziyweni yakhe. 3 USolomon wayiphendula yonke imibuzo yakhe. Akukho nto yamxakayo ukumkani.*
4 Xa ukumkanikazi waseShebha wabubonayo bonke ubulumko bukaSolomon,+ indlu awayeyakhile,+ 5 ukutya okusetafileni yakhe,+ ukuhlala kwezicaka zakhe, abantu ababelungiselela etafileni nesinxibo sabo, abathwali bakhe beendebe nemibingelelo yakhe etshiswayo awayeyinikela qho endlini kaYehova, washiyeka emangalisiwe.* 6 Wathi kukumkani: “Kuthe kanti iyinyani le nto ndiyivileyo elizweni lam ngempumelelo yakho* nobulumko bakho. 7 Kodwa andizange ndizikholelwe ezi zinto de ndazibonela ngala wam amehlo. Ibe jonga! khange ndixelelwe yonke into. Ukude lee ngobulumko nempumelelo kunezinto endizivileyo. 8 Bayavuya abantu bakho, bayavuya nabakhonzi bakho abema phambi kwakho rhoqo bamamele ubulumko bakho!+ 9 Makadunyiswe uYehova uThixo wakho,+ oye wavuyiswa nguwe ngokukubeka etroneni kaSirayeli. Ngenxa yokuba uYehova emthanda ngonaphakade uSirayeli, ukwenze ukumkani ukuze wenze okusesikweni* nobulungisa.”
10 Emva koko ukumkanikazi waseShebha wanika ukumkani iitalente* zegolide eziyi-120, ioli yebhalsam eninzi+ namatye axabisekileyo.+ Akuzange kuphinde kuziswe oli ininzi njengaleyo yanikwa uKumkani uSolomon.
11 Iinqanawa zikaHiram ezazithwele igolide eyayivela eOfire,+ zeza nenqwaba yamaplanga om-algumi avela eOfire+ namatye axabisekileyo.+ 12 Ukumkani wenzela indlu kaYehova nendlu yakhe izixhaso ngamaplanga om-algumi, kunye neehadi nemirhubhe yeemvumi.+ Akuzange kuphinde kubonwe okanye kuziswe maplanga anjengala de kube namhlanje.
13 UKumkani uSolomon wanika ukumkanikazi waseShebha yonke into awayeyifuna nawayeyicela, ngaphezu kwezinto awampha zona kuba nje enobubele. Emva koko ukumkanikazi wabuyela elizweni lakhe kunye nezicaka zakhe.+
14 Ubunzima begolide eyayisiza kuSolomon ngonyaka, babuziitalente zegolide eziyi-666,+ 15 ngaphandle kweyabathengisi, eyengeniso yoosomashishini, eyabo bonke ookumkani bama-Arabhu nabalawuli bamaphondo elizwe.
16 UKumkani uSolomon wenza amakhaka amakhulu egolide exutyiweyo ayi-200+ (khaka ngalinye lalenziwe ngeeshekele* eziyi-600 zegolide),+ 17 namakhaka amancinci egolide exutyiweyo ayi-300 (iziimina* ezintathu zegolide kwikhaka ngalinye). Emva koko ukumkani wawabeka kwiNdlu Yehlathi LaseLebhanon.+
18 Ukumkani wenza netrone enkulu yophondo lwendlovu+ waza wayaleka ngegolide esulungekileyo.+ 19 Kwakukho izitepsi ezintandathu eziya etroneni, uphahla olurawundi ngasemva kwetrone, indawo yokubeka iingalo macala omabini esihlalo, kumi neengonyama ezimbini+ emacaleni eendawo zokubeka iingalo. 20 Ibe kwakukho iingonyama eziyi-12 ezazimi kwezo zitepsi zintandathu, inye kweli cala nakweliya cala, kuzo zonke izitepsi. Asikho esinye isizwe esakha senza into efana naleyo.
21 Zonke izitya zokusela zikaKumkani uSolomon yayizezegolide, nezitya zeNdlu Yehlathi LaseLebhanon+ yayizezegolide esulungekileyo. Kwakungekho nto yesilivere, kuba isilivere yayijongelwa phantsi ngemihla kaSolomon.+ 22 Ukumkani wayeneqela leenqanawa zaseTarshishe+ elwandle ezazikunye neenqanawa zikaHiram. Qho emva kweminyaka emithathu, iinqanawa zaseTarshishe zazifika zithwele igolide nesilivere, iimpondo zeendlovu,+ iinkawu neepikoko.
23 UKumkani uSolomon wayengoyena usisityebi+ nosisilumko kubo bonke abanye ookumkani bomhlaba.+ 24 Bonke abantu bomhlaba babefuna ukuncokola noSolomon* ukuze beve ubulumko uThixo wokwenene awayebubeke entliziyweni yakhe.+ 25 Minyaka le, ngamnye wayesiza nesipho: izinto zesilivere, izinto zegolide, iimpahla, izixhobo, ioli yebhalsam, amahashe neemeyile.
26 USolomon waqhubeka ezongeza iinqwelo namahashe.* Wayeneenqwelo eziyi-1 400 namahashe ayi-12 000,*+ yaye wawabeka kwizixeko zeenqwelo nakufuphi nokumkani eYerusalem.+
27 Ukumkani wayenza yaxhaphaka okwamatye isilivere eYerusalem, wenza namaplanga omsedare aba maninzi njengemithi yesikamore eseShefela.+
28 Amahashe kaSolomon ayevela eYiputa, ibe oosomashishini bakakumkani babeyithenga ngexabiso elifanayo yonke imihlambi yamahashe.*+ 29 Inqwelo nganye babeyithenga eYiputa ngamaqhosha esilivere ayi-600, ihashe lona ngamaqhosha ayi-150. Emva koko babezithumela kubo bonke ookumkani bamaHiti+ nookumkani baseSiriya.