IiNdumiso
EkaDavide.
3 Baphakamisele umkhonto wakho nezembe lakho lemfazwe* abo bandileqayo.+
Yithi kum: “Ndim okusindisayo.”+
4 Kwanga bangadana baze bahlazeke abo bazingela ubomi bam.+
Kwanga bangarhoxa bethe nyoxo abo baceba ukunditshabalalisa.
6 Kwanga ingaba mnyama ize ibe mtyibilizi indlela yabo
Njengoko beleqwa yingelosi kaYehova.
7 Kuba bandibekele umnatha wokundibambisa;
Bandimbele umngxuma ndingenzanga nto.
8 Kwanga bangafikelwa yintlekele bengalindelanga;
Kwanga bangabanjiswa ngumnatha abandibekele wona;
Kwanga bangawela kuwo, batshabalale.+
9 Kodwa mna ndiza kuvuya ngenxa kaYehova;
Ndiza kuba nemincili ngenxa yokusindiswa nguye.
10 Onke amathambo am mawathi:
“Owu Yehova, ngubani na onjengawe?
Uyabasindisa abo bangenakuzinceda kwabo banamandla kunabo,+
Abangenakuzinceda namahlwempu kwabo babakhuthuzayo.”+
13 Kodwa mna ndanxiba amalaphu okwenza ingxowa xa babegula;
Ndazivisa intlungu ngokuzila ukutya,
Ibe xa umthandazo wam wawungaphendulwa,*
14 Ndazula-zula ngokungathi ndizilele umhlobo wam okanye umntakwethu;
Ndaqubuda ndisentlungwini oku komntu ozilele umama wakhe.
15 Kodwa xa ndandineengxaki, bavuya baza baqokelelana;
Badibana ukuze bandilalele baze bandihlasele;
Babendihlalele ngokundiyuca.
17 Owu Yehova, kuza kude kube nini ubukele?+
19 Sukubavumela baqhayise abo bandizonda ngaphandle kwesizathu;
Sukubavumela baqwabaze ilihlo ngenkohlakalo+ abo bandicaphukela ndingenzanga nto.+
21 Bayivula ibe banzi imilomo yabo bendityhola
Besithi: “Heke! Heke! Sikubhaqile.”
22 Owu Yehova, uzibonele ngokwakho. Sukuthi cwaka.+
Sukumela kude, owu yhini Yehova.+
23 Vuka, uphakame uze undikhusele,
Thixo wam, Yehova, khawundithethelele.
25 Sukubavumela bathi: “Heke! Simfumene.”
Ungabayeki bathi: “Simgqibile.”+
26 Mababe neentloni, bahlazeke
Abo bayivuyelayo intlekele yam.
Mabambathiswe ihlazo, baphoxeke abo baziphakamisayo.
27 Kodwa abo bavuyayo kuba ndililungisa mabakhwaze bevuya;
Kwanga bangasoloko besithi:
“Makenziwe mkhulu uYehova, ovuyayo xa ebona umkhonzi wakhe eseluxolweni.”+