IiNdumiso
Kumalathisi; mayidlalwe ngethi “Sukonakalisa.” EkaDavide. IMiktam.* Xa wangena emqolombeni ebaleka uSawule.+
57 Ndenzele ububele Thixo, ndenzele ububele,
Kuba ndibalekela kuwe,+
Ibe ndizifihla ethunzini lamaphiko akho zide zidlule iinkathazo.+
2 Ndikhalela kuThixo ongOyena Uphakamileyo,
KuThixo wokwenene obatshabalalisa ngenxa yam.
3 Uza kuthumela uncedo oluvela ezulwini aze andisindise.+
Uza kumphazamisa lowo undihlaselayo. (Selah)
UThixo uza kuthumela uthando lwakhe olungagungqiyo nokuthembeka kwakhe.+
Kufuneka ndilale phakathi kwabantu abafuna ukundiqwenga,
Abanamazinyo ayimikhonto neentolo
Nabanolwimi olulikrele elibukhali.+
Bembe umngxuma phambi kwam,
Kodwa ngabo abawele kuwo.+ (Selah)
Ndiza kucula, ndikudumise ngengoma.
8 Vuka, luzuko lwam;
Vuka mrhubhe, nawe luhadi.
Ndiza kuvuka kungekasi.+