IiNdumiso
Umthandazo kaDavide.
2 Bukhusele ubomi bam, kuba ndithembekile.+
Msindise umkhonzi wakho othembele ngawe,
Kaloku wena unguThixo wam.+
4 Menze onwabe umkhonzi wakho,
Kuba ndibalekela kuwe, owu Yehova.
5 Kaloku wena Yehova, ulungile+ futhi usoloko ufuna ukuxolela;+
Uthando lwakho olungagungqiyo luyaphuphuma kwabo bakhalela kuwe.+
11 Ndifundise indlela yakho Yehova.+
Ndiza kuhamba enyanisweni yakho.+
Ndinike intliziyo emanyeneyo ukuze iloyike igama lakho.+
12 Ndikudumisa ngentliziyo yam yonke Yehova Thixo wam;+
Ndiza kulizukisa ngonaphakade igama lakho,
13 Kaloku wena undithanda ngokungagungqiyo ngeyona ndlela,
14 Owu Thixo, ndihlaselwa ngamadoda azigqatsayo;+
Iqela lezikhohlakali lifuna ukundibulala,
Ibe alikuboneli ntweni.+
15 Kodwa wena Yehova, unguThixo onenceba nobavelayo abantu,*
Ocaphuka kade, ophuphuma luthando olungagungqiyo nokuthembeka.*+
16 Buyela kum, undenzele inceba.+
Mnike amandla akho umkhonzi wakho,+
Uze umsindise unyana wekhobokazana lakho.
17 Ndinike ubungqina bokulunga kwakho,
Ukuze ubonwe ngabo bandicaphukelayo baze bahlazeke.
Kuba wena Yehova, ungumncedi nomthuthuzeli wam.