IiNdumiso
INCWADI YOKUQALA
(IiNdumiso 1-41)
1 Wonwabile umntu ongahambiyo ngecebiso labenzi-bubi
Nongemiyo endleleni yaboni+
Nongahlaliyo esihlalweni sabathetha ukusa.+
3 Uza kuba njengomthi otyalwe ngakwimisinga yamanzi,
Umthi ovelisa isiqhamo ngexesha laso,
Onamagqabi angabuniyo.
Yaye yonke into ayenzayo iza kuphumelela.+
4 Abakho njalo ke bona abenzi-bubi;
Banjengomququ ophetshethwa ngumoya.