Yobhi
42 UYobhi wamphendula uYehova wathi:
2 “Ngoku ndiyazi ukuba akukho nto ungenakukwazi ukuyenza,
Nokuba akukho nto inokukuxaka xa ucinge ukuyenza.+
3 Wena uthe, ‘Ngubani lo ugqwetha izigqibo zam, ethetha into angayaziyo?’+
Kaloku ndithethe izinto endingaziqondiyo,
Izinto ezinkulu kunam, endingazaziyo.+
4 Uthe, ‘Ndicela undimamele ndithethe.
Ndiza kukubuza, wena undiphendule.’+
5 Ndikuve ngondiva,
Kodwa ngoku ndikubona ngawam amehlo.
6 Yiloo nto ndizisola* ngale nto ndiyithethileyo,+
Ndiguquka ndiseluthulini naseluthuthwini.”+
7 Emva kokuba uYehova egqibile ukuthetha noYobhi, uYehova wathi kuElifazi umTeman:
“Wena nabahlobo bakho ababini nindicaphukise kakhulu,+ kuba anithethanga nyani ngam+ njengomkhonzi wam uYobhi. 8 Ngoku ke thathani iinkunzi zeenkomo ezisixhenxe neenkunzi zeegusha ezisixhenxe niye kumkhonzi wam uYobhi, nize nizenzele umbingelelo otshiswayo. Yena uza kunithandazela.+ Ndiza kuvuma xa inguye ondicela ukuba ndinganohlwayi ngobudenge enibenzileyo, kuba anithethanga nyani ngam njengomkhonzi wam uYobhi.”
9 Ngoko uElifazi umTeman, uBhiledadi umShuha noTsofare umNahama benza kanye njengokuba uYehova wayebayalele. UYehova wawamkela umthandazo kaYobhi.
10 Emva kokuba uYobhi ebathandazele abahlobo bakhe,+ uYehova wayiphelisa intlungu yakhe,+ waza wambuyisela bonke ubutyebi bakhe. UYehova wabuphinda kabini ubutyebi bakhe.+ 11 Bonke abantakwabo, oodadewabo nabantu ababekade bengabahlobo bakhe+ beza, batya naye emzini wakhe. Bavelana naye baza bamthuthuzela ngenxa yezinto ezibuhlungu uYehova awayevumele ukuba zimehlele. Bonke bamnika imali neeringi zegolide.
12 Ngoko uYehova wabusikelela ubomi bukaYobhi ngaphezu kokuba babunjalo ngaphambili.+ UYobhi ke waba neegusha eziyi-14 000, iinkamela eziyi-6 000, iinkomo eziyi-2 000* neemazi zeedonki eziyi-1 000.+ 13 Waphinda waba noonyana abasixhenxe neentombi ezintathu.+ 14 Intombi yakhe yokuqala wayithiya igama elinguYemima, eyesibini yanguKetsiya, yaza eyesithathu yanguKeren-hapuki. 15 Akukho nenye intombi eyayintle njengeentombi zikaYobhi kulo lonke elo lizwe, ibe utata wazo wazinika ilifa njengabantakwazo.
16 Emva koko uYobhi waphila iminyaka eyi-140, waza wabona abantwana bakhe nabazukulwana bakhe, izizukulwana ezine. 17 Ekugqibeleni uYobhi wafa, emva kokuphila ubomi obude nobumnandi.