Isaya
64 Akwaba wawuwakrazule amazulu, wehla,
Ukuze iintaba zinyikime ngenxa yakho,
2 Njengokuba umlilo utshisa iintsasa,
Yaye ubilisa amanzi,
Beliya kutsho igama lakho laziwe ziintshaba zakho,
Zitsho iintlanga zingcangcazele phambi kwakho!
3 Xa wenza izinto ezoyikekayo ebesingazicingelanga nokuzicingela,+
Wehla, zaza iintaba zanyikima phambi kwakho.+
4 Kwakudala, akukho kwamntu ovileyo okanye obeke indlebe,
Kungekho nalihlo lakha labona uThixo ngaphandle kwakho,
5 Uhlangabezene nabo benza izinto ezilungileyo bevuya,+
Abo bakukhumbulayo nabalandela iindlela zakho.
Jonga! Uye wabhabhama ngumsindo xa besiqhubeka sisona,+
Sikona ixesha elide.
Ngoko ngaba sifanele sisindiswe?
6 Sonke siye safana nomntu ongacocekanga,
Yaye zonke izenzo zethu zobulungisa zinjengelaphu elisetyenziswa libhinqa elisexesheni.+
Sonke siza kubuna oku kwegqabi,
Neziphoso zethu ziza kusiphaphathekisela kude ngokungathi siphaphathekiswa ngumoya.
7 Akukho nokuba abe mnye obiza egameni lakho,
Akukho mntu uzimisele ukubambelela kuwe,
Kuba ubufihlile ubuso bakho kuthi,+
8 Kodwa ke Yehova, wena unguTata wethu.+
Sicela usijonge, kuba sonke singabantu bakho.
10 Izixeko zakho ezingcwele ziye zaba yindawo eyomileyo.
IZiyon iye yaba yintlango,
NeYerusalem yaba ngamabhodlo.+
11 Indlu* yethu engcwele nezukileyo*
Ababekudumisela kuyo ookhokho bethu,
Itshiswe ngomlilo,+
Yaye zonke iindawo zethu ezazizezebhongo, ngoku zingamabhodlo.
12 Nangona kusenzeka ezi zinto, ngaba Yehova uza kuqhubeka usonge izandla?
Ngaba uza kuthi cwaka uze usiyeke sisentlungwini kangaka?+