IiNdumiso
INCWADI YESITHATHU
(IiNdumiso 73-89)
Ingoma emnandi ka-Asafu.+
73 UThixo ulunge nyhani kuSirayeli, kwabo baneentliziyo ezimsulwa.+
7 Ukuphumelela* kwabo kubenza bathi phuhlu amehlo;
Izinto zibahambele kakuhle kakhulu kunokuba bebecinga ezintliziyweni zabo.
8 Bayagxeka baze bathethe ngenkohlakalo.+
Bayaziphakamisa baze bagrogrise ngokucinezela abantu.+
9 Bathetha ngathi basemazulwini,
Bathetha unothanda emhlabeni.
10 Ngoko abantu bakhe bayamshiya baye kubo,
Ibe basela kumanzi abo amaninzi.
11 Bathi: “Uyazela phi uThixo loo nto?+
Uzazi nyhani na ezi zinto Oyena Uphakamileyo?”
12 Banjalo ke abenzi-bubi, ezibahambela kakuhle izinto.+
Bahlala bebongeza ubutyebi babo.+
13 Ngokuqinisekileyo bekulilize ukuyigcina imsulwa intliziyo yam
Nokuhlamba izandla zam ngobumsulwa.+
16 Ndithe xa ndizama ukuyiqonda le nto,
Yandikhathaza
17 De ndangena kwingcwele ezukileyo kaThixo,
Ndayibona into eza kwenzeka kubo.
18 Ngokuqinisekileyo ubabeka endaweni emtyibilizi.+
Uyabawisa baze batshabalale.+
Isiphelo sabo esibuhlungu sifika ngephanyazo baze batshabalale!
22 Ndandingacingi yaye ndingaziqondi izinto;
Ndandifana nje nesilwanyana esingenangqondo phambi kwakho.
25 Ngubani endinaye emazulwini?
Ayikho enye into endiyifunayo emhlabeni ngaphandle kwakho.+
26 Umzimba nentliziyo yam zisenokuphelelwa,
Kodwa uThixo uliliwa lentliziyo yam nesabelo sam ngonaphakade.+
27 Abo bacezela kude kuwe baza kutshabalala.
Uza kubacima igama* bonke abo bakushiyayo beziphatha kakubi.*+
28 Kodwa ke mna, kundilungele ukusondela kuThixo.+
INkosi enguMongami uYehova ndiyenze indawo endibalekela kuyo,
Ukuze ndithethe ngazo zonke izinto ozenzileyo.+