Duteronomi
19 “Xa uYehova uThixo wenu etshabalalisa iintlanga zelizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, yaye xa sele niloxuthile naza nahlala kwizixeko zazo nasezindlini zazo,+ 2 nimele nikhethe izixeko ezithathu kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu.+ 3 Nimele nilahlule kathathu ilizwe uYehova uThixo wenu aninika ukuba nihlale kulo, nize nilungise iindlela ukuze umntu obulele omnye abalekele kwesinye sezo zixeko.
4 “Nantsi into amele ayenze ukuze angafi umntu obulele omnye: Xa ebetha omnye ngempazamo, ibe ebengamcaphukeli;+ 5 mhlawumbi ebeye naye ehlathini ukuze baqokelele iinkuni aze aphakamise isandla sakhe ukuze agawule umthi ngezembe, suke intloko yezembe iphuncuke emphinini iye kubetha omnye aze afe, lowo ubuleleyo umele abalekele kwesinye sezo zixeko ukuze angafi.+ 6 Kungenjalo, umphindezeli wegazi+ usenokumleqa enomsindo, amfumane aze ambulale kuba inde indlela eya kweso sixeko. Kodwa ke ebengafanelanga afe, kuba ebengamcaphukeli lowo ambuleleyo.+ 7 Yiloo nto ndisithi kuni: ‘Khethani izixeko zibe zithathu.’
8 “Ukuba uYehova uThixo wenu uwandisile umhlaba wenu njengokuba wafungayo kookhokho benu,+ waza waninika lonke ilizwe awathembisa ukulinika ookhokho benu,+ 9 nto leyo exhomekeke ekubeni nithobele lo myalelo ndininika wona namhlanje, wokumthanda uYehova uThixo wenu nokusoloko nihamba ngeendlela zakhe,+ nimele nongeze ezinye izixeko ezithathu kwezi zithathu.+ 10 Loo nto iza kwenza ukuba kungabikho gazi lamntu umsulwa elichithekayo+ kwilizwe uYehova uThixo wenu aninika lona, yaye anizukuba natyala lagazi.+
11 “Kodwa ukuba umntu uyamcaphukela omnye,+ aze amlalele, amenzakalise ade afe, akugqiba abalekele kwesinye sezi zixeko, 12 abadala besixeko sakhe bamele bambize baze bamnikele kumphindezeli wegazi, yaye umele afe.+ 13 Nimele ningamsizeli, yaye nimele nilisuse ityala lokuchitha igazi lomntu omsulwa kwaSirayeli,+ ukuze izinto zinihambele kakuhle.
14 “Xa sele nilifumene ilifa lenu kwilizwe aninika lona uYehova uThixo wenu, akukho mntu umele abhekelise umda wommelwane wakhe+ kwindawo owawubekwe kuyo ngookhokho benu.
15 “Akukho mntu umele agwetywe ngenxa yaso nasiphi na isono asenzileyo+ ngobungqina bomntu omnye. Ityala linokugwetywa kuphela xa kukho amangqina amabini okanye amathathu.+ 16 Ukuba ingqina elikhohlakeleyo limangalela omnye umntu lize limtyhole ngokwenza isono,+ 17 bobabini bamele beme phambi koYehova, naphambi kwababingeleli nabagwebi abaza kube begweba ngaloo mihla.+ 18 Abagwebi bamele baphandisise kakuhle,+ yaye ukuba loo mntu umangeleyo ulingqina lobuxoki yaye ebemtyhola umntakwabo, 19 nimele nimenze loo nto ebecebe ukuba yenziwe kumntakwabo,+ yaye nimele nibususe ububi phakathi kwenu.+ 20 Abantu baza kuyiva loo nto baze boyike, yaye akusoze kuphinde kubekho mntu owenza into embi ngolo hlobo phakathi kwenu.+ 21 Nimele ningabi nalusizi:+ ubomi bumele buphindezelwe ngobomi, ilihlo ngelihlo, izinyo ngezinyo, isandla ngesandla, unyawo ngonyawo.+