Eyokuqala YooKumkani
20 Ukumkani uBhen-hadadi+ waseSiriya+ waqokelela wonke umkhosi wakhe kunye nabanye ookumkani abayi-32, namahashe neenqwelo zabo zokulwa; wenyuka waya kurhangqa+ iSamariya,+ walwa nayo. 2 Emva koko, wathumela abathunywa esixekweni kuKumkani uAhabhi+ wakwaSirayeli, wathi kuye: “Nantsi into ethethwa nguBhen-hadadi, 3 ‘Isilivere yakho negolide yakho zezam, nabona bafazi noonyana bakho bahle, ngabam.’” 4 Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Ngokwelizwi lakho, nkosi yam kumkani, ndingowakho nako konke okukokwam.”+
5 Ethubeni abathunywa babuya bathi: “Uthi uBhen-hadadi, ‘Ndithumele kuwe, ndisithi: “Isilivere yakho, igolide yakho, abafazi bakho noonyana bakho uza kubanika mna.” 6 Kodwa malunga neli xesha ngomso ndiza kuthumela izicaka zam kuwe, ziyigqogqe indlu yakho nezindlu zezicaka zakho, zithathe zonke izinto zakho ezixabisekileyo, zihambe nazo.’”
7 Ukumkani wakwaSirayeli wabiza abadala belizwe wathi: “Niyayibona phofu le ndoda ukuba izimisele ukuqhwaya udushe, kuba ifune abafazi bam, oonyana bam, isilivere yam negolide yam, yaye khange ndale.” 8 Bonke abadala nabo bonke abantu bathi kuye: “Ungathobeli, yaye ungavumi.” 9 Ngoko wathi kubathunywa bakaBhen-hadadi: “Yithini kwinkosi yam ukumkani, ‘Yonke into oyifunileyo kwisicaka sakho ekuqaleni ndiza kuyenza, kodwa le into andinakuyenza.’” Bahamba ke abathunywa bayokumxelela ukumkani.
10 UBhen-hadadi wathumela kuye umyalezo othi: “Kwanga oothixo bangandohlwaya, bade bongeze, ukuba eSamariya kungashiyeka uthuli olunokwanela ezandleni zabo bonke abantu abandilandelayo!” 11 Ukumkani wakwaSirayeli wathi: “Yithini kuye, ‘Lowo usafaka izixhobo makangaqhayisi njengalowo sele ezikhulula.’”+ 12 Uthe nje akuyiva le mpendulo, ehleli nabanye ookumkani, besela ezintenteni,* wathi kwizicaka zakhe: “Xhobani!” Ngoko zaxhobela ukuhlasela eso sixeko.
13 Kodwa kwafika umprofeti kuKumkani uAhabhi+ wakwaSirayeli, wathi: “Uthi uYehova, ‘Ubabonile na aba bantu baninzi kangaka? Ndibanikela kuwe namhlanje, yaye uza kutsho wazi ukuba ndinguYehova.’”+ 14 UAhabhi wabuza wathi: “Ngabani na?” yena wathi: “Uthi uYehova, ‘Ngabasebenzi beenkosana zamaphondo.’” Ngoko wabuza wathi: “Ngubani oza kuqala idabi?” yena wathi: “Nguwe!”
15 UAhabhi wababala abasebenzi beenkosana zamaphondo, yaye babeyi-232; emva koko wabala onke amajoni akwaSirayeli, ibe ayeyi-7 000. 16 Baphuma emini ngoxa uBhen-hadadi wayenxila ezintenteni* kunye nookumkani abayi-32 ababemnceda. 17 Bathi bakuphuma kuqala abasebenzi beenkosana zamaphondo, ngoko nangoko uBhen-hadadi wathumela abathunywa. Babuya nengxelo ethi: “Kukho amadoda afikileyo evela eSamariya.” 18 Wathi: “Ukuba eze ngoxolo, wabambeni niwazise ephila; nokuba azele idabi, wabambeni niwazise ephila.” 19 Kodwa xa abasebenzi beenkosana zamaphondo nemikhosi yamajoni eyayibalandela, baphumayo esixekweni, 20 yaba ngulowo nalowo exabela umntu ajongene naye. AmaSiriya abaleka,+ waza uSirayeli wawaleqa, kodwa uKumkani uBhen-hadadi waseSiriya waqhwesha ngehashe ekunye nabanye abakhweli-mahashe. 21 Ukumkani wakwaSirayeli waphuma waxabela amahashe neenqwelo, kwaye wawoyisa* amaSiriya.
22 Ethubeni umprofeti+ waya kukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Hamba, uzomeleze uze ucingisise ngento oza kuyenza,+ kuba ukumkani waseSiriya uza kukuhlasela ekuqaleni konyaka ozayo.”*+
23 Izicaka zikakumkani waseSiriya zathi kuye: “UThixo wabo nguThixo weentaba. Yiyo le nto besoyisile. Kodwa ukuba silwa nabo kumhlaba othe tyaba, siza kuboyisa. 24 Kwakhona yenza le nto: Basuse bonke ookumkani,+ ufake abalawuli endaweni yabo. 25 Emva koko qokelela* umkhosi olingana nalowo ulahlekelwe nguwo, ihashe ngehashe nenqwelo ngenqwelo. Masilwe nabo kumhlaba othe tyaba, ibe ngokuqinisekileyo siza kuboyisa.” Ngoko walimamela icebiso labo waza wenza kanye ngaloo ndlela.
26 Ekuqaleni konyaka,* uBhen-hadadi wawaqokelela amaSiriya waza wenyuka wayokulwa noSirayeli eAfeki.+ 27 AmaSirayeli nawo aqokelelwa, axhotyiswa, aza ayokuwahlangabeza. Xa amaSirayeli amisa inkampu phambi kwawo, ayenjengemihlambi emincinci emibini yeebhokhwe, ngoxa wona amaSiriya egcwele kulo lonke ilizwe.+ 28 Umntu woThixo wokwenene waya kukumkani wakwaSirayeli wathi: “Uthi uYehova, ‘Ngenxa yokuba amaSiriya ethe: “UYehova nguThixo weentaba, yaye akangoThixo wamathafa,” ndiza kuyinikela kuwe yonke le nyambalala yabantu,+ utsho wazi ukuba ndinguYehova.’”+
29 Bagxeleshana iintsuku ezisixhenxe, ngosuku lwesixhenxe baqalisa ukuhlaselana. AmaSirayeli abulala amajoni amaSiriya ahamba ngeenyawo ayi-100 000 ngemini enye. 30 Lawo ashiyekileyo abalekela eAfeki+ esixekweni. Kodwa amadoda ayi-27 000 kuwo adilikelwa ludonga. NoBhen-hadadi wabalekela esixekweni, wazimela kwigumbi elingaphakathi.
31 Izicaka zakhe zathi kuye: “Jonga, sivile ukuba ookumkani bendlu kaSirayeli ngookumkani abanenceba.* Siyakucela, siyeke sibhinqe amalaphu okwenza ingxowa, sifake neentambo ezintlokweni zethu, sihambe siye kukumkani wakwaSirayeli. Mhlawumbi angakusindisa.”+ 32 Ngoko babhinqa amalaphu okwenza ingxowa, bafaka neentambo ezintlokweni zabo, baya kukumkani wakwaSirayeli bathi: “Isicaka sakho uBhen-hadadi sithe, ‘Ndiyakucela, ndiyeke ndiphile.’” Yena wathi: “Usaphila kanti? Ungumntakwethu.” 33 Loo madoda ayithatha njengophawu loo nto aza amkholelwa, ngoko athi: “UBhen-hadadi ngumntakwenu.” Yena wathi: “Yizani naye.” Ngoko uBhen-hadadi waphuma waya kuye, waza yena wamkhwelisa enqwelweni.
34 UBhen-hadadi wathi kuye: “Ndiza kuzibuyisa izixeko utata awazithatha kutata wakho, yaye ungavula iindawo zokuthengisa* eDamasko kanye njengoko notata wenzayo eSamariya.”
UAhabhi wathi: “Ngenxa yesi sivumelwano, ndiza kukuyeka uhambe.”
Ngoko ke wenza isivumelwano kunye naye waza wamyeka wahamba.
35 Omnye woonyana babaprofeti*+ wathi kumhlobo wakhe, ngokomyalelo kaYehova: “Ndibethe.” Kodwa yena wala ukumbetha. 36 Ngoko wathi kuye: “Ngenxa yokuba ungalimamelanga ilizwi likaYehova, uza kuthi nje wakumka, ubulawe* yingonyama.” Emva kokuba emkile, kwathi gqi ingonyama yambulala.
37 Wafumana enye indoda waza wathi: “Ndibethe.” Ngoko le ndoda yambetha yamenzakalisa.
38 Emva koko lo mprofeti wahamba waza wema ecaleni kwendlela elinde ukumkani, ezibophe emehlweni ukuze angaziwa. 39 Xa ukumkani wayedlula, wakhwaza wathi kuye: “Isicaka sakho siye sangena phakathi edabini, suka ndoda ithile yazisa umthinjwa kum yathi, ‘Gada le ndoda. Ukuba ikhe yaphuncuka yemka, uza kubhatala ngobomi bakho,*+ okanye ubhatale italente* yesilivere.’ 40 Yaye ngoxa isicaka sakho besixakekile sisenza le naleya, yasuka yathi shwaka.” Ukumkani wakwaSirayeli wathi kuye: “Eso ke sisigwebo sakho; uzigqibele ngokwakho.” 41 Wakhawuleza wayisusa into abezibophe ngayo emehlweni, waza ukumkani wakwaSirayeli wamqonda ukuba ngomnye wabaprofeti.+ 42 Wathi kuye: “Uthi uYehova, ‘Ngenxa yokuba uyiyeke yahamba indoda ebendithe imele itshabalale,+ ubomi bakho bumele buthathe indawo yobomi bayo,+ nabantu bakho indawo yabantu bayo.’”+ 43 Ukumkani wakwaSirayeli waya endlini yakhe eSamariya,+ engatyhilekanga yaye ekhathazekile.