KwabaseFilipi
1 UPawulos noTimoti, amakhoboka kaKristu Yesu, babhalela bonke abo bangcwele abaseFilipi+ abamanyene noKristu Yesu, kunye nabadala* nezicaka zolungiselelo,+ besithi:
2 Kwanga uThixo uTata wethu neNkosi uYesu Kristu banganenzela ububele,* baninike noxolo.
3 Ndisoloko ndimbulela uThixo wam xa ndinicinga, 4 ndinithandazela kuye nonke ndimcenga. Le mithandazo ndisoloko ndiyenza ndivuya,+ 5 ngenxa yezinto enizenzele iindaba ezilungileyo, ukususela ngosuku lokuqala kude kube ngoku. 6 Ndinethemba lokuba lowo waqalisa ukwenza lo msebenzi mhle kuni uza kuwugqibezela,+ de ibe yimini kaKristu Yesu.+ 7 Ayimangalisi into yokuba ndicinge ngolu hlobo ngani, ekubeni ndinithanda ngokusuka entliziyweni, kuba ububele bukaThixo* buye basinceda sonke xa bendibanjiwe+ naxa bendithethelela iindaba ezilungileyo, ndizama ukuba zibe semthethweni.+
8 UThixo angandingqinela ukuba ndinikhumbula nyhani, yaye ndinithanda ngendlela uKristu Yesu anithanda ngayo. 9 Into endihlala ndiyithandazela kukuba uthando lwenu lukhule,+ nibe nolwazi oluchanileyo+ yaye nibe nokuqonda ngokupheleleyo;+ 10 ukuze niqiniseke ngezona zinto zibalulekileyo,+ nitsho ningabi nasiphako yaye ningakhubekisi abanye+ kude kufike imini kaKristu, 11 nokuze nenze imisebenzi yobulungisa,* nincedwa nguYesu Kristu,+ kuze kuzukiswe uThixo yaye adunyiswe.
12 Ndifuna nazi ke bazalwana ukuba izinto ezandehlelayo ziye zabangela ukuba iindaba ezilungileyo zihambele phambili, 13 kangangokuba ukubanjwa kwam+ ngenxa kaKristu kuye kwaziwa+ lilo lonke iQela Loonogada Bakomkhulu nangabanye abantu. 14 Ngoku ngenxa yokubanjwa kwam, abazalwana abaninzi abazinikele eNkosini banesibindi yaye bazimisele gqitha ukushumayela ilizwi likaThixo bengoyiki.
15 Yinyani kona ukuba abanye bashumayela ngoKristu beqhutywa ngumona naluchuku, kodwa abanye baneenjongo ezintle. 16 Aba baneenjongo ezintle bashumayela ngoKristu beqhutywa luthando, kuba bayazi ukuba ndikhethwe ukuba ndithethelele iindaba ezilungileyo;+ 17 kodwa aba baqhutywa ngumona naluchuku bayenza le nto ngokhuphiswano, bengenanjongo zintle, kuba bafuna ukundibangela inkathazo ngoxa ndibanjiwe. 18 Iphumela entwenini ke le nto? Iphumela ekubeni kushunyayelwe ngoKristu ngazo zonke iindlela, nokuba yenziwa ngeenjongo ezintle okanye ezimbi, ibe iyandivuyisa loo nto. Enyanisweni ndiseza kuqhubeka ndivuya, 19 kuba ndiyazi ukuba le nto iza kubangela ukuba ndisindiswe ngenxa yokuba nithandaza kuThixo nimcenga,+ nangokuncedwa ngumoya kaYesu Kristu.+ 20 Oku kuyavisisana nomnqweno nethemba endinalo lokuba, andizukuba nazintloni nganto. Kodwa ekubeni ndinayo yonke inkululeko yokuthetha, ndiyamzukisa uKristu ngomzimba wam, njengokuba bendisoloko ndisenza, nokuba ndiyaphila okanye ndifile.+
21 Kaloku ukuba ndiyaphila, ndiphilela uKristu,+ nokuba ndiyafa, ndiyancedakala.+ 22 Ukuba ndiqhubeka ndiphila ndikulo mzimba wenyama, ndiza kuqhubeka ndimsebenzela uKristu; kodwa andizukutsho ukuba ndikhetha eyiphi. 23 Andazi ukuba mandikhethe eyiphi kwezi zinto zimbini, kuba ndiyafuna kona ukukhululeka ndize ndibe kunye noKristu,+ nto leyo ebhetele kunazo zonke.+ 24 Kodwa ke kubaluleke kakhulu ukuba ndiqhubeke ndiphila kulo mzimba wenyama ukuze nincedakale. 25 Ngenxa yaloo nto, ndiyazi ukuba ndiza kuqhubeka ndinani ukuze nikhule, nokholo lwenu lunenze nivuye, 26 ndize xa ndibuyela kuni, nivuye nakakhulu kuba ningabalandeli bakaKristu Yesu.
27 Ngoko ke, ziphatheni ngendlela ezifaneleyo iindaba ezilungileyo ezingoKristu,+ ukuze nokuba ndikunye nani okanye andikho, ndive ukuba nomelele yaye nicinga ngokufanayo, nimanyene,+ niyancedisana ukuze nibe nokholo kwiindaba ezilungileyo, 28 yaye aniboyiki abo balwa nani. Yonke le nto ibubungqina bokuba baza kutshabalala,+ kodwa nina niza kusindiswa;+ ibe nguThixo oveze obo bungqina. 29 Le nyhweba niyifumene ngenxa kaKristu, ukuze ningabi nalukholo nje kuye, kodwa ninyamezele nobunzima ngenxa yakhe.+ 30 Kodwa nilwa idabi elifanayo nelo ndandikulo,+ njengokuba nisiva ukuba ndisekulo nangoku.