Eyokuqala YeziKronike
24 Ngoku ke, nanga amaqela enzala ka-Aron: Oonyana baka-Aron yayinguNadabhi, uAbhihu,+ uEleyazare noItamare.+ 2 Kodwa ke uNadabhi noAbhihu bafa ngaphambi kokuba utata wabo afe,+ yaye babengenabo oonyana, kodwa uEleyazare+ noItamare baqhubeka bengababingeleli. 3 UDavide noTsadoki+ ophuma koonyana bakaEleyazare, noAhimeleki wakoonyana bakaItamare babahlula ababingeleli ukuze basebenze kwizigxina zabo. 4 Ekubeni oonyana bakaEleyazare babenamadoda aziintloko amaninzi kunoonyana bakaItamare, babahlula ngale ndlela: Koonyana bakaEleyazare bayi-16 ababa ziintloko zezindlu zootata babo, kwaza koonyana bakaItamare baba yi-8 ababa ziintloko zezindlu zootata babo.
5 Ngokubhekele phaya, babahlula ngamaqashiso,+ eli qela neliya, kuba kwakukho iintloko zendawo engcwele neentloko zikaThixo wokwenene, kokubini koonyana bakaEleyazare nakoonyana bakaItamare. 6 Emva koko uShemaya unyana kaNetaneli unobhala wabaLevi wawabhala phantsi amagama abo phambi kukakumkani, kweenkosana, kukaTsadoki+ umbingeleli, kuka-Ahimeleki+ unyana ka-Abhiyatare+ naphambi kweentloko zababingeleli nezabaLevi. UEleyazare wakhethelwa indlu enye waza uItamare wakhethelwa enye.
7 Iqashiso lokuqala laya kuYehoyaribhi, elesibini laya kuYedaya, 8 elesithathu laya kuHarim, elesine laya kuSehorim, 9 elesihlanu laya kuMalekiya, elesithandathu laya kuMiyamin, 10 elesixhenxe laya kuHakotse, elesibhozo laya kuAbhiya,+ 11 elesithoba laya kuYeshuwa, eleshumi laya kuShekaniya, 12 ele-11 laya kuEliyashibhi, ele-12 laya kuYakim, 13 ele-13 laya kuHupa, ele-14 laya kuYeshebhabhi, 14 ele-15 laya kuBhilega, ele-16 laya kuImere, 15 ele-17 laya kuHezire, ele-18 laya kuHapitsetse, 16 ele-19 laya kuPetahiya, ele-20 laya kuYehezekeli, 17 ele-21 laya kuYakin, ele-22 laya kuGamuli, 18 ele-23 laya kuDelaya, ele-24 laya kuMahaziya.
19 Ezi yayizizigxina zabo ngokomsebenzi wabo,+ xa bengena endlini kaYehova ngokwenkqubo eyabekwa ngukhokho wabo uAron, kanye njengokuba uYehova uThixo kaSirayeli wamyalelayo.
20 Koonyana bakaLevi naba abasalayo: koonyana baka-Amram,+ yayinguShubhayeli,+ koonyana bakaShubhayeli, yayinguYedeya, 21 kuRehabhiya:+ koonyana bakaRehabhiya, yayinguIshiya intloko, 22 kumaItsare, yayinguShelomoti,+ koonyana bakaShelomoti, yayinguYahati, 23 ibe koonyana bakaHebron, yayinguYeriya+ intloko, uAmariya engowesibini, uYahaziyeli engowesithathu, uYekamam engowesine, 24 koonyana bakaUziyeli, yayinguMika, koonyana bakaMika, yayinguShamire. 25 UmntakwaboMika yayinguIshiya, koonyana bakaIshiya, yayinguZekariya.
26 Oonyana bakaMerari+ yayinguMahali noMushi, koonyana bakaYahaziya, yayinguBheno. 27 Oonyana bakaMerari: kuYahaziya, yayinguBheno, uShoham, uZakure noIbhri, 28 kuMahali, yayinguEleyazare, ongazange abe nanyana,+ 29 kuKishe: oonyana bakaKishe yayinguYerameli, 30 bona oonyana bakaMushi yayinguMahali, uEdere noYerimoti.
Aba yayingoonyana bakaLevi ngokwezindlu zootata babo. 31 Nabo benza amaqashiso+ kanye njengokuba abantakwabo oonyana baka-Aron benzayo phambi kukaKumkani uDavide, kukaTsadoki, kuka-Ahimeleki naphambi kweentloko zezindlu zababingeleli nezabaLevi. Oyintloko kwizindlu zootata babo, wayephathwa ngokulinganayo nomntakwabo omncinci.