ABagwebi
13 AmaSirayeli aphinda enza izinto ezimbi emehlweni kaYehova,+ waza uYehova wawanikela kumaFilisti+ iminyaka eyi-40.
2 Ngelo xesha, kwakukho ndoda ithile yaseTsora+ yentsapho yamaDan+ eyayinguManowa.+ Umfazi wayo wayengakwazi ukuba nabantwana.+ 3 Ethubeni, kwabonakala ingelosi kaYehova kulo mfazi yaza yathi kuye: “Jonga, nakuba ungakwazi ukuba nabantwana, uza kukhulelwa uze uzale umntwana oyinkwenkwe.+ 4 Ngoku kufuneka uzigade ungaseli wayini okanye nantoni na enotywala,+ futhi ungatyi nantoni na engacocekanga.+ 5 Jonga! Uza kukhulelwa uze uzale unyana, ibe umele angaze achetywe,+ kuba uza kuba ngumNaziri kaThixo ukuzalwa nje kwakhe,* yaye uza kukhokela ekusindiseni uSirayeli esandleni samaFilisti.”+
6 Lo mfazi waya kumyeni wakhe, wathi kuye: “Kuze kum indoda yoThixo wokwenene, ibe ibibonakala njengengelosi yoThixo wokwenene, imangalisa ngeyona ndlela. Andiyibuzanga ukuba ivela phi, nayo ayindixelelanga igama layo.+ 7 Kodwa ithe kum, ‘Jonga! Uza kukhulelwa uze uzale unyana. Ngoku umele ungaseli wayini nayo nantoni na enotywala, uze ungatyi nantoni na engacocekanga, kuba lo mntwana uza kuba ngumNaziri kaThixo ukuzalwa nje kwakhe* de kube yimini afa ngayo.’”
8 UManowa wamcenga uYehova esithi: “Uxolo Yehova, ndicela uphinde uthumele laa ndoda yoThixo wokwenene isuka apha, ukuze isixelele ukuba simele senzeni ngalo mntwana uza kuzalwa.” 9 Ngoko uThixo wokwenene wammamela uManowa, yaza ingelosi yoThixo wokwenene yaphinda yeza kumfazi wakhe ngoxa wayehleli phandle, engekho kunye noManowa umyeni wakhe. 10 Ngoko nangoko, lo mfazi wabaleka waya kuthi kumyeni wakhe: “Jonga! Iphinde yafika laa ndoda ibikhe yabonakala kum ngalaa mini.”+
11 Waphakama ke uManowa wahamba nomfazi wakhe. Wafika kuloo ndoda wathi kuyo: “Nguwe laa ndoda ibithetha nomfazi wam?” Yathi: “Ndim.” 12 UManowa wathi: “Makwenzeke njengokuba utshilo! Simkhulise njani lo mntwana, ibe uza kuba yintoni umsebenzi wakhe?”+ 13 Ingelosi kaYehova yathi kuManowa: “Umfazi wakho umele angazenzi zonke izinto endithe makangazenzi.+ 14 Umele angatyi nantoni na eyenziwe ngeediliya, angaseli wayini okanye nantoni na eyenziwe ngotywala,+ angatyi nantoni na engacocekanga.+ Makenze yonke into endimyalela yona.”
15 Wathi uManowa kwingelosi kaYehova: “Ndicela ungahambi, sifuna ukukulungiselela itakane lebhokhwe.”+ 16 Kodwa le ngelosi kaYehova yathi kuye: “Ukuba ndiyahlala, andizukutya kutya kwakho; kodwa ukuba ufuna ukwenzela uYehova umnikelo otshiswayo, ungawenza.” UManowa wayengazi ukuba le yayiyingelosi kaYehova. 17 Waza uManowa wathi kwingelosi kaYehova: “Ndixelele igama lakho,+ ukuze sikunike imbeko xa iye yenzeka le nto usixelele yona.” 18 Kodwa le ngelosi kaYehova yathi kuye: “Kutheni ufuna ukwazi igama lam, ekubeni ilelimangalisayo?”
19 Emva koko uManowa wathatha itakane lebhokhwe nomnikelo wokutya waza wazinikela kuYehova elityeni. Ibe uThixo wenza into emangalisayo ebukele uManowa nomfazi wakhe. 20 Kwathi xa kunyuka idangatye lisuka esibingelelweni lisiya ngasezulwini, ingelosi kaYehova yenyuka ngedangatye elisuka kwisibingelelo, uManowa nomfazi wakhe bebukele. Ngoko nangoko baqubuda ngobuso phantsi. 21 Ingelosi kaYehova ayizange iphinde ibonakale kuManowa nomfazi wakhe. Emva koko uManowa waqonda ukuba le ibiyingelosi kaYehova.+ 22 Kusakwenzeka loo nto, uManowa wathi kumfazi wakhe: “Siza kufa ngokuqinisekileyo, kuba nguThixo lo simbonileyo.”+ 23 Kodwa umfazi wakhe wathi kuye: “Ukuba uYehova ebefuna ukusibulala, ngengawamkelanga umnikelo otshiswayo+ nomnikelo wokutya esandleni sethu, kwaye ngengasibonisanga zonke ezi zinto, futhi ngengasixelelanga nenye kwezi zinto asixelele zona.”
24 Ethubeni lo mfazi wazala umntwana oyinkwenkwe, wamthiya igama elinguSamson;+ yakhula ke le nkwenkwe, noYehova waqhubeka eyisikelela. 25 Ekuhambeni kwexesha, umoya kaYehova waqalisa ukusebenza kuyo+ eMahane-dan,+ phakathi kweTsora ne-Eshtawoli.+