Eyokuqala YeziKronike
17 Ngokukhawuleza nje emva kokuba uDavide ezinzile endlini yakhe, wathi kuNatan+ umprofeti: “Mna ndihlala endlini yemisedare+ ngoxa ityeya yesivumelwano* kaYehova iphantsi kwamalaphu entente.”+ 2 UNatan wathi kuDavide: “Yenze yonke into esentliziyweni yakho, kuba uThixo wokwenene unawe.”
3 Kwangobo busuku, kwafika ilizwi likaThixo kuNatan lisithi: 4 “Yiya kumkhonzi wam uDavide, uthi kuye, ‘Uthi uYehova: “Ayinguwe oza kundakhela indlu endiza kuhlala kuyo.+ 5 Akukho ndlu ndikhe ndahlala kuyo, ukususela kwimini endamkhupha ngayo uSirayeli de kube namhlanje, kodwa bendisoloko ndiphuma kule intente ndiye kuleya, ndisuka kule intente engcwele ndiye kuleya.*+ 6 Lonke ixesha ebendihamba naye wonke uSirayeli, ngaba ikho into endakha ndayithetha komnye wabagwebi bakwaSirayeli endabakhethayo ukuba baluse abantu bam, ndisithi, ‘Kutheni ningandakhelanga indlu yemisedare nje?’”’
7 “Ngoku ke uze uthi kumkhonzi wam uDavide, ‘Uthi uYehova wemikhosi: “Ndakuthatha edlelweni ukhaphela umhlambi, ukuze ube yinkokheli yabantu bam amaSirayeli.+ 8 Ndiza kuba nawe naphi na apho uya khona,+ ndizisuse* zonke iintshaba zakho phambi kwakho.+ Ndiza kukwenzela igama, elinjengegama lamadoda azukileyo emhlabeni.+ 9 Ndiza kubakhethela indawo abantu bam, ndibahlalise kuyo. Baza kuhlala apho bangaphinde baphazanyiswe; yaye abenzi-bubi abazukuphinda babacinezele* njengokuba benzayo ngaphambili,+ 10 ukususela ngemini endabeka ngayo abagwebi phezu kwabantu bam amaSirayeli.+ Ndiza kuzithoba zonke iintshaba zakho.+ Ngaphezu koko, ndiyakuxelela ukuba, ‘UYehova uza kukwakhela indlu.’*
11 “‘“Xa ifike esiphelweni imihla yakho, waza waya kookhokho bakho, ndiza kukuvelisela inzala,* omnye woonyana bakho,+ yaye ndiza kulumisela ulawulo lwakhe, kungabikho nto ilugungqisayo.+ 12 Nguye ke oza kundakhela indlu,+ yaye ndiza kuyimisela itrone yakhe ngonaphakade, kungabikho nto iyigungqisayo.+ 13 Ndiza kuba ngutata wakhe, yena abe ngunyana wam.+ Andizukulususa uthando lwam olungagungqiyo kuye,+ ngendlela endalususa ngayo kulowo wayephambi kwakho.+ 14 Ndiza kummisa endlini yam nakulawulo lwam ngonaphakade,+ yaye itrone yakhe iza kuhlala ngonaphakade.”’”+
15 UNatan wamxelela uDavide onke la mazwi nawo wonke lo mbono.
16 Wasuka uKumkani uDavide wangena, wahlala phambi koYehova wathi: “Ndingubani na mna, Yehova Thixo? Xa ibiyintoni yona indlu yam, le nto ude undibeke kule ndawo ndikuyo?+ 17 Ngokungathi ayanelanga loo nto Thixo, ngoku uthetha ngento eza kwenzeka kwindlu yomkhonzi wakho kwixesha elikude elizayo,+ yaye undibone ngokungathi ndiyindoda emele iphakanyiswe kakhulu* Yehova Thixo. 18 Yintoni ke enye anokuyithetha umkhonzi wakho uDavide ngozuko endilunikiweyo, xa wena umazi kangaka umkhonzi wakho?+ 19 Yehova, ngenxa yomkhonzi wakho nangokuvumelana nentliziyo yakho,* uzenzile zonke ezi zinto zinkulu utyhila ubukhulu bakho.+ 20 Yehova, akakho omnye onjengawe,+ yaye akakho omnye uThixo ngaphandle kwakho.+ Yonke into esiyivileyo ngeendlebe zethu iyayingqina loo nto. 21 Luluphi na olunye uhlanga emhlabeni olunjengabantu bakho amaSirayeli?+ UThixo wokwenene wazikhululela bona bangabantu bakhe.+ Wena wazenzela igama ngezinto ezinkulu nezimangalisayo owazenzayo,+ ugxotha iintlanga phambi kwabantu bakho+ owabakhululayo eYiputa. 22 Abantu bakho amaSirayeli wabenza bangabantu bakho ngonaphakade,+ waza wena Yehova waba nguThixo wabo.+ 23 Ngoku ke Yehova, kwanga isithembiso osenzileyo ngomkhonzi wakho nendlu yakhe singathembeka ngonaphakade, yaye kwanga ungenza kanye njengokuba uthembisile.+ 24 Kwanga igama lakho lingahlala likho* lize lidunyiswe+ ngonaphakade, ukuze abantu bathi, ‘UYehova wemikhosi, uThixo kaSirayeli nguThixo kuSirayeli,’ yaye kwanga indlu yomkhonzi wakho uDavide ingamiselwa ingagungqiswa phambi kwakho.+ 25 Kuba wena Thixo wam, uyityhilile kumkhonzi wakho injongo yakho yokumakhela indlu.* Yiloo nto umkhonzi wakho eye waqiniseka ukuba angathandaza lo mthandazo kuwe. 26 Yehova, unguThixo wokwenene, yaye uthembise ezi zinto zintle ngomkhonzi wakho. 27 Kwanga ungakuvuyela ukuyisikelela indlu yomkhonzi wakho, yaye kwanga ingahlala iphambi kwakho ngonaphakade, kuba wena Yehova uyisikelele, yaye isikeleleke ngonaphakade.”