Numeri
12 UMiriyam noAron bamgxeka uMoses kuba etshate umfazi ongumKushe.+ 2 Bathi: “Ngaba uYehova uthetha esebenzisa uMoses yedwa na? Akasisebenzisi na thina?”+ UYehova wayeyimamele yonke loo nto.+ 3 UMoses wayengoyena mntu ululamileyo kubo bonke abantu*+ ababephila emhlabeni.
4 Ngokukhawuleza uYehova wathi kuMoses, uAron noMiriyam: “Nobathathu, hambani niye ententeni yokuhlangana.” Ngoko bahamba bobathathu. 5 UYehova wehla ngelifu,+ wema ngakumnyango wentente waza wabiza uAron noMiriyam. Bobabini basondela. 6 Wathi kubo: “Khanindimameleni. Ukuba bekukho umprofeti kaYehova phakathi kwenu, bendiza kuzazisa kuye embonweni+ kwaye bendiza kuthetha naye ephupheni.+ 7 Kodwa andiyenzi loo nto kwisicaka sam uMoses! Yena uphathiswe yonke indlu yam.*+ 8 Ndithetha naye ubuso ngobuso+ into ecacileyo, andizami kumbhida; yaye mna Yehova ndiyazibonakalisa kuye. Bekutheni ke ngoku ze ningoyiki ukusigxeka isicaka sam uMoses?”
9 Ngoko uYehova wacaphuka kakhulu waza wabashiya. 10 Lemka ilifu phezu kwentente, tyhini! uMiriyam wayebethwe ngeqhenqa, emhlophe okwekhephu.+ UAron wajika wajonga uMiriyam, waza wabona ukuba ubethwe ngeqhenqa.+ 11 UAron wakhawuleza wathi kuMoses: “Owu yhini nkosi yam! Ndicela ungasohlwayi ngesi sono. Senze ubudenge! 12 Ndiyakucela, sukumyeka afane nosana oluzelwe lufile, oluphuma sele enye inyama yalo idlekile!” 13 UMoses wakhalela kuYehova, esithi: “Owu Thixo, ndicela umphilise! Ndiyakucela!”+
14 Wathi ke uYehova kuMoses: “Ukuba utata wakhe ebenokumthufela* ebusweni, ebengazukuhlazeka iintsuku ezisixhenxe na? Ngoko ke makavalelwe yedwa iintsuku ezisixhenxe ngaphandle kwenkampu,+ aze emva koko aphinde abuye.” 15 Wahlaliswa yedwa ke uMiriyam ngaphandle kwenkampu iintsuku ezisixhenxe,+ yaye abazange bahambe abantu de wabuya. 16 Emva koko bahamba abantu eHatseroti+ baya kuhlala kwintlango yaseParan.+