Yoweli
1 Eli lilizwi likaYehova elafika kuYoweli* unyana kaPetuweli:
Yakha yenzeka na into enje ngemihla yenu
Okanye ngemihla yookhokho benu?+
3 Xelelani oonyana benu,
Oonyana benu baxelele oonyana babo,
Noonyana babo babalisele isizukulwana esilandelayo.
4 Okushiywe ziinkumbi ezibhuqayo, kutyiwe libubu leenkumbi,+
Okushiywe libubu leenkumbi, kutyiwe ngumqikela,
Nokushiywe ngumqikela, kutyiwe ziinkumbi ezitshabalalisayo.+
5 Vukani nina manxila,+ nilile!
Yenzani isijwili nonke nina basela iwayini,
Kuba iwayini enencasa ihluthiwe emilonyeni yenu.+
6 Kuba kuze uhlanga olunamandla nolungenakubalwa kwilizwe lakowethu.+
Amazinyo alo ngamazinyo engonyama,+ nemihlathi yalo yeyengonyama.
7 Luyitshabalalisile imithi yam yeediliya, lwashiya eyamafiya* izizikhondo,
Lwayihluba yaba ze lwaza lwayijula phayaa,
Amasetyana ayo asele emhlophe.
8 Yenza isijwili, njengoko isenza intombi enxibe ilaphu lokwenza ingxowa
Isenzela umyeni wobutsha bayo.
9 Awusezi endlini kaYehova umnikelo wokutya okuziinkozo+ noselwayo,+
Ababingeleli, abasebenzi bakaYehova, bazilile.
10 Intsimi ibhuqiwe, umhlaba uzilile,+
Kuba ukutya okuziinkozo kubhuqiwe, iwayini entsha iphelile, neoli ayisekho.+
11 Abalimi banxunguphele, abasebenzi bamasimi eediliya benza isijwili,
Ngenxa yengqolowa nerhasi,
Kuba isivuno samasimi sitshabalele.
Umthi werharnati, owesundu noweapile,
Yonke imithi yasendle yomile,+
Kuba uvuyo lujike lwalihlazo ebantwini.
13 Nxibani amalaphu okwenza ingxowa, nizile,* nina babingeleli.
Yenzani isijwili, nina basebenza kwisibingelelo.+
Ngenani, ninxibe amalaphu okwenza ingxowa ubusuku bonke, nina basebenzi boThixo wam,
Kuba umnikelo wokutya okuziinkozo+ noselwayo+ awusasiwa endlini yoThixo wenu.
14 Bhengezani* ixesha lokuzila ukutya, bizani indibano engcwele.+
Qokelelani abadala nabo bonke abemi belizwe,
Endlini kaYehova uThixo wenu,+ nize nikhalele uncedo kuYehova.
15 Kuza kuba kubi ngaloo mini!
Kuba isondele imini kaYehova,+
Kwaye iza kuza iyintshabalalo evela kuSomandla!
16 Akuthathwanga phambi kwamehlo ethu na ukutya,
Imihlali novuyo endlini kaThixo wethu?
17 Imbewu yomile* phantsi kwemihlakulo yabo.
Oovimba abananto.
Izisele zichithiwe, kuba ukutya okuziinkozo kuphelile.
18 Nkqu nemfuyo iyancwina!
Imihlambi yeenkomo iyabhadula, kuba ayinadlelo!
Nemihlambi yeegusha ixhwalekile.
19 Owu Yehova, ndiza kubhenela kuwe,+
Kuba umlilo uwaqwengile amadlelo asendle,
Nedangatye liyidle yonke imithi yamasimi.
20 Kwanezilwanyana zasendle ziyakulangazelela,
Kuba imijelo yamanzi yomile,
Nomlilo uwaqwengile amadlelo asendle.”