Yobhi
32 Ayeka ke la madoda mathathu ukumphendula uYobhi, kuba wayeqinisekile ukuba ulilungisa.*+ 2 Kodwa yamcaphukisa le nto uElihu unyana kaBharakeli umBhuze+ wentsapho yakwaRam. Yamenza umsindo into yokuba uYobhi azenze ilungisa endaweni kaThixo.+ 3 Nabahlobo bakaYobhi abathathu babemcaphukisa, kuba babengakwazi ukumphendula uYobhi, endaweni yoko basuka bathi uThixo ngumenzi-bubi.+ 4 UElihu wathula, elinde ithuba lokuphendula uYobhi, kuba bonke babebadala kunaye.+ 5 Wathi uElihu akubona ukuba la madoda mathathu awasenampendulo, wacaphuka kakhulu. 6 Wathi ke uElihu unyana kaBharakeli umBhuze:
“Ndisemtsha,
Nina nibadala.+
Ngoko ndiye ndathula kuba ndinihlonipha,+
Andabi naso isibindi sokunixelela izinto endizaziyo.
7 Ndithe, ‘Makhe kuthethe iingwevu,
Amagqala mawaveze ubulumko bawo.’
10 Ndithi ke ngoku, ‘Khawundimamele,
Nam ndikuxelele izinto endizaziyo.’
14 UYobhi ebengathethi nam,
Ngoko ke andizukumphendula ngamazwi enu.
15 Bancamile, baphelelwe ziimpendulo;
Abasenanto yakuthetha.
16 Ndibalindile, kodwa abathethi;
Bamile nje, abaphenduli.
17 Ngoko ke mna ndiza kuphendula;
Ndiza kutsho izinto endizaziyo,
18 Ininzi into endifuna ukuyithetha;
Lo moya ungaphakathi kum uyandiqhuba.
19 Ndiyabila ngaphakathi njengewayini evalelwe ngci,
Njengeebhotile zofele ezintsha eziza kugqabhuka.+
20 Mandithethe, nditsho ndixole!
Ndiza kuvula umlomo wam ndiphendule.