Isaya
30 “Baza kuyibek’ apha oonyana abaneenkani,”+ utsho uYehova,
“Abenza izinto endingabayalelanga zona,+
Abenza izivumelwano,* bengazenzi ngomoya wam,
Nto leyo eyongeza isono phezu kwesinye.
2 Baya eYiputa,+ Ukuze bazifihle kwikhusi likaFaro,*
Phofu bengakhange bagqithe kum,+
Bebalekela kumthunzi weYiputa!
3 Niza kuphoxeka kukufuna kwenu ukukhuselwa nguFaro,
Niza kuhlazeka ngenxa yokubalekela kwenu emthunzini weYiputa.+
5 Bonke baza kuhlaziswa
Sisizwana esingenakubanceda nganto,
Phofu, esingabancedi nganto,
Kodwa esibaphathela nje iintloni nehlazo.”+
6 Nasi isigwebo esiya kumarhamncwa asemzantsi:
Kwilizwe elithwaxwa yintlungu nobunzima,
Kwilizwe lengonyama, ingonyama egqumayo,
Kwilizwe lenyoka ebhabhayo ebumlilorha,
Ubutyebi bawo abuthwalisa iidonki,
Nemithwalo yawo ayibeka kumalunda eenkamela.
Kodwa ezi zinto azizukubanceda nganto abantu.
Ngoko lo ndimthiye igama elithi: “Rahabhi,+ wena uhleli nje wasonga izandla.”
8 “Ngoku ke wabhale elucwecweni la mazwi, bekhona nabantu
Uwabhale encwadini,+
Ukuze ngenye imini,
Abe bubungqina ngonaphakade.+
10 Bathi kwiimboni, ‘Sanukubona,’
Bathi kwabo banemibono, ‘Sanukusixelela imibono eyinyani.+
Thina sifuna nisiqhathe; bonani imibono ebubuxoki.+
11 Shiyani indlela; phumani endleleni.
Yekani ukusixelela ngaLowo Ungcwele kaSirayeli.’”+
12 Ngoko Lowo Ungcwele kaSirayeli uthi:
“Ekubeni nilikhabele pha kude eli lizwi+
Naza nathembela kubuqhetseba nakubumenemene
Futhi nayama ngezi zinto,+
13 Eso siphoso siza kuba njengodonga oluqhekekileyo,
Olude nolunokuwa nanini na.
Luza kudilika ngephanyazo, kungalindelekanga.
14 Luza kuphahlazeka phantsi oku kwengqayi enkulu yombumbi,
Licoleke kangangokuba kungabikho zingceba zisalayo
Onokuzisebenzisa xa uthatha umlilo
Okanye ukhe ngazo amanzi emngxunyeni.”*
15 Kuba ithi iNkosi enguMongami uYehova, Lowo Ungcwele kaSirayeli:
“Xa nibuyela kum nize niphumle, niza kusindiswa;
Niza komelela ukuba nihlala nizolile yaye nindithemba.”+
Kodwa niye anafuna ukuyenza loo nto.+
16 Nithe: “Hayi, siza kuqhwesha ngamahashe!”
Nyhani ke niza kubaleka.
“Siza kukhwela amahashe abaleka nyhani!”+
Ngoko ke abo banileqayo baza kwenza amatshe xa benileqa.+
17 Iwaka liza koyikiswa ngumntu nje omnye;+
Niza kubalekiswa nje ngabantu abahlanu
De abashiyekileyo kuni babe njengepali eme yodwa enkcochoyini yentaba,
Njengepali eluphawu esendulini.+
Kuba uYehova nguThixo owenza ubulungisa.+
Bayonwaba abantu abaqhubeka belindele kuye.*+
19 Xa abantu behlala eZiyon, eYerusalem,+ soze kukhale mntu.+ Nakanjani, uThixo uza kumnceda xa emva ekhalela uncedo; uza kuthi akukhala amphendule ngoko nangoko.+ 20 Nangona uYehova eza kuninika intlungu njengesonka nengcinezelo njengamanzi,+ umYaleli Ozukileyo wakho akazukuphinda azifihle, uza kumbona umYaleli Ozukileyo wakho.+ 21 Ukuba niyabhadula okanye niyaphuma endleleni, niye ekunene okanye ekhohlo,+ niza kuva ilizwi emva kwenu lisithi, “Nantsi indlela.+ Hambani ngayo.”
22 Kwaye nimele niwungcolise umphandle wesilivere egqunywe ngawo imifanekiso yenu eqingqiweyo nomphandle wegolide wemifanekiso yenu yesinyithi.+ Niza kuyilahla kude oku kwelaphu ebelisetyenziswa libhinqa elisexesheni, nize nithi kule mifanekiso, “Mkani apha!”*+ 23 Yaye imbewu oyityalileyo emhlabeni uza kuyinika imvula,+ nokutya okuveliswa ngumhlaba kuza kuba kuninzi yaye kutyebe.*+ Ngaloo mini imfuyo yakho iza kutya kumadlelo athe tyaba.+ 24 Kwaye iinkomo needonki ezilima umhlaba ziza kutya ukutya kwezilwanyana okunongwe ngomuncwane, okweliwe ngomhlakulo nefolokhwe. 25 Phezu kweentaba ezithe ncothu naphezu kwazo zonke iinduli eziphakamileyo, kuza kubakho imisinga nemijelo yamanzi,+ ngemini abulala ngayo inkitha yabantu ngokumasikizi, naxa kusiwa iinqaba ezinkulu. 26 Nokukhanya kwenyanga epheleleyo kuza kuba njengokukhanya kwelanga; yaye ukukhanya kwelanga kuza kuba namandla ngokuphindaphindwe kasixhenxe,+ njengokukhanya kweentsuku ezisixhenxe ngemini uYehova awabopha ngayo amanxeba anzulu abantu bakhe+ ababethwe nguye.+
27 Jongani! Igama likaYehova liyeza livela kude,
Linomsindo, linjengamafu angqingqwa.
Ubebezelisa imilebe ngumsindo,
Nolwimi lwakhe lunjengomlilo oqwengayo.+
28 Umoya wakhe unjengomsinga* okhukula ude uthi gabhu entanyeni,
Ukuze azisefe ngesefu yentshabalalo* iintlanga;
Neentlanga ziza kuba nomkhala emihlathini yazo+ ozibangela zibhadule.
29 Kodwa ingoma yenu iza kuba njengengoma eculwa ebusuku
Neentliziyo zenu ziza kuvuya
Njengomntu ohamba ekhalisa ifleyiti
Esiya entabeni kaYehova, iLiwa likaSirayeli.+
30 UYehova uza kubangela ilizwi lakhe elimangalisayo+ liviwe,
32 Mvumbo ngamnye wentonga uYehova aza kohlwaya ngawo iAsiriya,
Uza kukhatshwa ligubu nohadi+
Njengoko eyiphakamisele ingalo edabini.+
Uyenze yanzulu yaza yabanzi,
Wayigcwalisa ngomlilo neenkuni ezininzi.
Impefumlo kaYehova, enjengomsinga wesalfure,
Iza kuyitshisa.