Eyesibini YeziKronike
26 Ngoko bonke abantu bakwaYuda bathatha u-Uziya,+ owayeneminyaka eyi-16, bamenza ukumkani endaweni katata wakhe uAmatsiya.+ 2 Waphinda wakha iEloti+ waza wayibuyisela kwaYuda emva kokuba ukumkani* elele kookhokho bakhe.+ 3 U-Uziya+ wayeneminyaka eyi-16 xa waba ngukumkani, yaye walawula iminyaka eyi-52 eYerusalem. Igama likamama wakhe yayinguYekoliya waseYerusalem.+ 4 Waqhubeka esenza izinto ezilungileyo emehlweni kaYehova, kanye njengotata wakhe uAmatsiya.+ 5 Waqhubeka emfuna uThixo ngemihla kaZekariya, owamfundisa ukoyika uThixo wokwenene. Ngexesha awayemfuna ngalo uYehova, uThixo wokwenene wamenza waphumelela.+
6 Wahamba wayokulwa namaFilisti+ waza wagqobhoza udonga lwaseGati,+ udonga lwaseYabhine+ nodonga lwaseAshdode.+ Emva koko wakha izixeko kummandla waseAshdode naphakathi kwamaFilisti. 7 UThixo wokwenene waqhubeka emnceda xa wayesilwa namaFilisti, nama-Arabhiya+ awayehlala eGurbhahali, naxa wayesilwa namaMehun. 8 Ama-Amoni+ aqalisa ukukhupha umrhumo ku-Uziya. Ekugqibeleni udumo lwakhe lwayokutsho naseYiputa, kuba waba namandla kakhulu. 9 U-Uziya wakha iinqaba+ eYerusalem ngakwiGeyithi Esekoneni,+ ngakwiGeyithi Yentlambo+ nangakuDonga Olungaphandle, waza waziqinisa ezo nqaba. 10 Ngapha koko, wakha iinqaba+ entlango, wemba* namaqula amaninzi (kuba wayenemfuyo eninzi kakhulu), wenza loo nto nakwiShefela nasethafeni.* Wayenabalimi nabasebenzi-zidiliya ezintabeni naseKarmele, kuba wayekuthanda ukulima.
11 U-Uziya waba nomkhosi oxhobele imfazwe. Wawumane usiya kuhlasela, ulungiswe ngokwamaqela. Wawubalwe waza wabhaliswa+ nguYeyeli unobhala+ noMahaseya igosa, phantsi kweliso likaHananiya, omnye weenkokheli zikakumkani. 12 Xa zizonke iintloko zezindlu zootata babo ezaziphethe la makroti, zaziyi-2 600. 13 Ezi ntloko zaziphethe amajoni axhobileyo ayi-307 500, amadoda emfazwe, umkhosi onamandla owawuxhasa ukumkani xa esilwa notshaba.+ 14 U-Uziya wawuxhobisa wonke umkhosi ngamakhaka, ngemikhonto,+ ngeminqwazi yokukhusela intloko, ngezambatho zentsimbi,+ ngezaphetha nangamatye esilingi.+ 15 Wenza noomatshini bemfazwe eYerusalem, beyilwe ziinjineli. Babekwa phezu kweenqaba+ naphezu kweekona zeendonga, yaye babekwazi ukutola iintolo namatye amakhulu. Ngoko waduma nakwiindawo ezikude, kuba wancedwa ngendlela engathethekiyo waza womelela.
16 Kodwa ke, uthe nje akomelela waba nekratshi, intliziyo yakhe yamkhokelela ekonakaleni, yaye akazange athembeke kuYehova uThixo wakhe ngokungena etempileni kaYehova ukuze atshise isiqhumiso esiqholiweyo, esibingelelweni sesiqhumiso esiqholiweyo.+ 17 Ngoko nangoko uAzariya umbingeleli kunye nabanye ababingeleli bakaYehova abanesibindi abayi-80, bamlandela. 18 Baya kumnqanda uKumkani u-Uziya, bathi kuye: “Ayingomsebenzi wakho Uziya ukutshisela uYehova isiqhumiso esiqholiweyo!+ Ngababingeleli kuphela abamele batshise isiqhumiso esiqholiweyo kuba bayinzala ka-Aron,+ ngabo abangcwalisiweyo. Phuma kwindawo engcwele, kuba uye awathembeka yaye awuzukufumana luzuko kuYehova uThixo ngale nto uyenzileyo.”
19 Kodwa u-Uziya waba nomsindo+ esaphethe isitya sokutshisa isiqhumiso esiqholiweyo, wathi esenomsindo kubabingeleli, waphuma iqhenqa+ ebunzi phambi kwababingeleli endlini kaYehova ecaleni kwesibingelelo sesiqhumiso esiqholiweyo. 20 Uthe xa uAzariya umbingeleli oyintloko nabo bonke ababingeleli bemjonga, bambona ukuba ubethwe ngeqhenqa ebunzi! Bakhawuleza bamkhupha apho, naye wakhawuleza waphuma, kuba wayebethwe nguYehova.
21 UKumkani u-Uziya waba neqhenqa de wafa, ibe wayehlala kwenye indlu, njengomntu oneqhenqa,+ kuba wayengavumelekanga endlini kaYehova. UYotham unyana wakhe wayephethe endlini kakumkani,* egweba abantu belo lizwe.+
22 Enye imbali kaUziya, ukususela ekuqaleni ukuyokutsho ekugqibeleni, yabhalwa nguIsaya+ unyana ka-Amotsi umprofeti. 23 Emva koko u-Uziya walala kookhokho bakhe, bamngcwaba nookhokho bakhe, kodwa bamngcwabela ngaphandle kwendawo yokungcwaba ookumkani, kuba bathi: “Uneqhenqa.” UYotham+ unyana wakhe waba ngukumkani endaweni yakhe.