Eyokuqala Eya KwabaseKorinte
5 Ndixelelwe ukuba kukho umntu oye waziphatha kakubi ngesondo*+ phakathi kwenu, ngendlela ezingenzi ngayo kwaneentlanga. Kuthiwa ulala nomfazi katata wakhe.+ 2 Niyazidla na ngaloo nto? Beningafanelanga ukuba nizilile na,+ ukuze asuswe phakathi kwenu umntu owenze le nto?+ 3 Nangona ndingekho kunye nani, ndilapho ngentliziyo, yaye sendimgwebile lo mntu wenze le nto, ngokungathi bendilapho. 4 Xa nidibene egameni leNkosi yethu uYesu, nisazi ukuba intliziyo yam ilapho, yaye ndinamandla avela kwiNkosi yethu uYesu, 5 nimele nimnikele kuSathana+ umntu onjalo ukuze kususwe impembelelo yesono, lize likhuseleke ibandla ngemini yeNkosi.+
6 Ayilunganga le nto niqhayisa ngayo. Anazi na ukuba igwele elincinci liyibilisa yonke intlama?+ 7 Lisuseni igwele elidala, ukuze nibe yintlama entsha engenagwele, kanye njengokuba ninjalo. Kaloku uKristu oyimvana* yethu yePasika+ ubingelelwe.+ 8 Masihlale silibhiyozela elo theko,+ singawenzi ngegwele elidala okanye ngegwele lobubi, kodwa siwenze ngesonka esingenagwele sokuthembeka nenyaniso.
9 Kwileta endanibhalela yona, ndathi yekani ukuhlobana nabantu abaziphatha kakubi ngesondo.* 10 Ndandingathethi ngabo bonke abantu beli hlabathi abaziphethe kakubi ngesondo,*+ okanye abantu ababawayo, okanye amasela, okanye abantu abakhonza izithixo. Ukuba ndandithetha ngabo bonke, bekuza kufuneka niphume ehlabathini.+ 11 Kodwa ngoku ndinibhalela ukuba niyeke ukuhlobana+ naye nabani na ekuthiwa ngumzalwana abe eziphatha kakubi ngesondo,* okanye ebawa,+ okanye ekhonza izithixo, okanye ethuka,* okanye enxila,+ okanye elisela.+ Ningatyi kwaukutya nomntu onjalo. 12 Kuba yintoni endidibanisa nokugweba abantu abangaphandle? Anigwebi abantu abangaphakathi na nina, 13 ngoxa uThixo egweba abo bangaphandle?+ “Msuseni loo menzi-bubi phakathi kwenu.”+