Isaya
2 Kodwa ziziphoso zenu ezinahlukanise noThixo wenu.+
Zizono zenu ezimenze wabufihla ubuso bakhe kuni,
Ibe akafuni kunimamela.+
Imilebe yenu ithetha ubuxoki+ futhi nolwimi lwenu luhumzela ububi.
Bathembele ngento engekhoyo*+ yaye bathetha izinto ezingancedi nganto.
Bakhawula inkathazo, baze bazale into eyenzakalisayo.+
Nabani na otya amaqanda ale nyoka angafa,
Kwaneqanda elikrotyoziweyo liqandusela irhamba.
Imisebenzi yabo iyenzakalisa,
Nobundlobongela bugcwele ezandleni zabo.+
Iingcinga zabo ziingcinga ezenzakalisayo;
Apho bahamba khona bashiya umonakalo nosizi.+
Benza iindlela zabo zibe goso;
Akukho namnye umntu ohamba kuzo oya kulwazi uxolo.+
Sihlala sinethemba lokukhanya, kodwa jonga! kukho ubumnyama;
Sinethemba lokuqaqamba, kodwa siqhubeka sihamba kwisithokothoko sobumnyama.+
Sikhubeka emini ngokungathi kusebusuku.
Phakathi kwabomeleleyo sinjengabafileyo.
11 Sonke sihlala sivungama oku kwamabhere.
Sikhala kabuhlungu oku kwamahobe.
Sifuna ubulungisa, kodwa abukho.
Sifuna usindiso, kodwa lukude lee kuthi.
Kuba siyayazi indlela esingakuthobelanga ngayo;
Sonke sizazi kakuhle iziphoso zethu.+
13 Siye samona saza samphika uYehova;
Siye samnikela umva uThixo wethu.
Siye saceba ukucinezela abazalwana bethu, samjikela uThixo;+
Sicinge ubuxoki ezintliziyweni zethu, sathetha amazwi angeyonyaniso.+
14 Okusesikweni kubuyiselwe* umva,+
Nobulungisa bumela kude kuthi;+
Kuba ayikho inyani kwindawo kawonke-wonke,
Nento elungileyo ayikwazi kungena.
UYehova wayibona le nto, ibe yayimbi,
Kuba babungenziwa ubulungisa.+
16 Wabona ukuba akukho mntu;
Wothuswa kukubona ukuba akukho mntu ungenelelayo.
Ngoko wamsindisa ngengalo yakhe,*
Wamxhasa ngokumenzela ubulungisa.
17 Emva koko wanxiba ubulungisa ngokungathi sisambatho sentsimbi
Nomnqwazi wokukhusela intloko olusindiso.+
18 Nantsi indlela aza kubavuza ngayo ngokwezenzo zabo:+
Uza kukhuphela umsindo wakhe kwabo bachasene naye aze aziphindezele kwiintshaba zakhe,+
Iziqithi azibuyekeze ngempatho ezifaneleyo.
19 Baza kuloyika igama likaYehova ukususela entshonalanga,
Nozuko lwakhe lususele empumalanga,
Kuba uza kufika njengomlambo oqukuqelayo,
Oqhutywa ngumoya kaYehova.
20 “UMhlawuleli+ uza kuza eZiyon,+
Eze nakwabo bakwaYakobi abaguqukayo kwizono zabo,”+ utsho uYehova.
21 “Mna ke ndithi, nasi isivumelwano sam nabo,”+ utsho uYehova. “Umoya wam ophezu kwakho namazwi am endiwabeke emlonyeni wakho, akazukususwa emlonyeni wakho, nasemlonyeni wabantwana bakho,* okanye emlonyeni wabazukulwana bakho,* ngoku nangonaphakade,” utsho uYehova.