IiNdumiso
Kumalathisi weNehiloti.* Ingoma emnandi kaDavide.
2 Kuhoye ukukhalela kwam uncedo,
Yhini Kumkani wam noThixo wam, kuba ndithandaza kuwe.
3 Owu Yehova, uza kuliva kwakusasa ilizwi lam;+
Ndiza kukuchazela kwakusasa into endikhathazayo,+ ndize ndilindele kuwe.
5 Akukho mntu unekratshi unokuma phambi kwakho.
UYehova uyabenyanya abantu abaziindlobongela nabaxokayo.*+
7 Kodwa mna ndiza kungena endlini yakho+ ngenxa yothando lwakho olungagungqiyo;+
Ndiza kuqubuda ngentlonipho ndijongise ngakwitempile yakho engcwele.*+
8 Ndikhokele, yhini Yehova, ngobulungisa bakho, undikhusele kwiintshaba zam;
Yivule indlela yakho phambi kwam.+
9 Kuba andithembi nantoni na ephuma emlonyeni wazo;
Zinolunya; umqala wazo ulingcwaba elivulekileyo;
Kwanga zingagxothwa ngenxa yezono zazo ezininzi,
Kuba zijikele wena.
Uza kuthintela nantoni na esondela kubo,
Yaye baza kuvuya abo bathanda igama lakho.