“Kufuneka Ndithembele KuThixo”
Le leta ilandelayo yashiywa kwiHolo yoBukumkani yamaNgqina kaYehova e-Edmonton, eAlberta, eKhanada.
“Mthunywa Othandekayo:
“Le ncwadi ndiyibhalela ukubulela umntu othe mhlawumbi engaqondi wandiphathela into ebalulekileyo ebomini bam.
“Kwiiveki ezimbalwa ezidluleyo, mna nomyeni wam sikhe saxabana uthuli lwento. Ndandisandul’ ukuthi, ‘Le ngxaki inkulu kakhulu, eneneni andiqondi ukuba ndingayoyisa.’ Ngelo xesha kanye kwankqonkqozwa emnyango. Ngoku kwakumi iNgqina likaYehova emnyango, yaye ndandingasenakukwazi ukuzimela.
“Ekuvuleni kwam umnyango, ngangendlela endandiphazamiseke ngayo ndandingaseva noko lalikuthetha. Ndisakhumbula nje lithetha ‘ngabantwana’ ‘nentsapho.’ Le ndoda yathi rhuthu incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho. Ekuboneni kwam loo mxholo, ndaqalisa ukulila intw’ engapheliyo. Yandijonga yaza yacela uxolo ngokundiphazamisa, yandinika le ncwadi yaza yemka.
“Yayiyintoni le ibalulekileyo? Sisikhumbuzo sokuba xa ndingazi ukuba ndenze ntoni, mandingazikhathazi kuba uThixo uyazi. Kufuneka ndithembele kuThixo. Ude wandithumelela nomthunywa. Ndiyabulela.”
Incwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho inokuwanceda onke amalungu entsapho. Phakathi kwezahluko zayo ezifundisayo kukho esithi “Khusela Intsapho Yakho Kwiimpembelelo Ezitshabalalisayo,” “Londoloza Uxolo Kwintsapho Yakho,” nesithi “Unokuzoyisa Iingxaki Ezonakalisa Intsapho.”
Ukuze ufumane owakho umbhalo, nceda uzalise uze uthumele eli phetshana lingasezantsi kwidilesi eboniswe kulo okanye kwidilesi efanelekileyo kwezidweliswe kwiphepha 5 leli phephancwadi. Uya kufumana amacebiso athile anokukunceda ucombulule iingxaki uze wenze ubomi bentsapho bube mnandi ngendlela uMdali awayecebe ngayo.
□ Ndithumeleni umbhalo wencwadi ethi Imfihlelo Yolonwabo Lwentsapho.
□ Ncedani niqhagamshelane nam ngokuphathelele isifundo seBhayibhile sekhaya sesisa.