Ngaba Yadalwa?
Iboxfish Eyonga Amandla
◼ Ukuze benze imoto eyomeleleyo, eyonga amafutha nengawungcolisiyo umoya, kuye kwafuneka ukuba abenzi beemoto baye kukhangela amacebo kwindawo ebingenakucingelwa mntu—elwandle! Bajonga iboxfish efunyanwa kwiingqaqa zekorale kulwandle lwetropiki, ukuze benze imoto ekhaphukhaphu nenesantya esiphezulu.
Phawula: Iboxfish idada ngesantya esiphezulu—kangangomgama obuphinda kathandathu ubude bayo kwisithuba nje somzuzwana. Kodwa loo nto ayibangelwa ngamandla ayo kuphela. Ngokwahlukileyo koko, kukuba mbhoxo kwale ntlanzi okuyenza ibe nesantya. Xa iinjineli zazenzela eyazo iboxfish zayibeka kwitonela elivuthuza umoya, lo zenzele wentlanzi waphumela kwelinye icala ngokukhawuleza kunezinye iimoto ezincinane ezinesantya.
Ngenxa yokuba amathambo ayo engenanyama ininzi, iboxfish inamandla kodwa ikhaphukhaphu. Le ntlanzi iye ingqongwe ngumoya owenza ukuba ingaphazanyiswa kukungazoli kwamanzi. Oko kubangela ukuba iboxfish iqubhe lula ize ikhuseleke ezingozini ngendlela emangalisayo.
Iinjineli ziyaqonda ukuba le ntlanzi inokuzinceda zenze iimoto ezikhuselekileyo, ezonga amafutha, nezikhaphukhaphu. Intloko yenkqubo yeziko lezophando nophuhliso, uGqr. Thomas Weber uthi, “Iye yasimangalisa into yokuba kuzo zonke izinto ezikhoyo ibe yile ntlanzi ingxathu esinokujonga kuyo njengomzekelo wokusinceda senze imoto enesantya esiphezulu neyonga amafutha.”
Unokuthini wena? Ngaba iboxfish eyonga amandla yabakho ngamabona-ndenzile? Okanye ngaba yadalwa?
[Inkcazelo Ngemifanekiso ekwiphepha 10]
Boxfish: © Hal Beral/V&W/SeaPics.com; car: Mercedes-Benz USA