INgoma 150
Isonka Esivela Ezulwini
1. Bawo Yehov’ omkhulu,
Unguye ngonaphakade.
Sivuma iindumiso
Kwigama lakh’ elingcwele.
Ngothando wakhokela
AmaSirayeli
Kwilizw’ elibaleka
Amasi nobusi.
Kwintlango wawalusa;
Ondliwa yimana yakho.
Kwiliwa kwampompoza
Amanz’ aphelis’ unxano.
2. Imana eyehlayo
Yafuzisela uNyana.
Washiy’ uzuko lwakhe
Ukuza kusisindisa.
Usisonk’ esehlayo,
Esinguy’ uKristu
Owanikel’ umzimba
Uk’sindis’ abantu.
Ngokholo masisidle
Isonk’ esehla phezulu.
Sisidle mihla yonke,
Size sihlale sinyulu.
3. Masihambis’ isonka
Kubant’ abalambileyo,
Kanti, xa sinethuba,
Sondle “izimvu” z’kaThixo.
Masibanced’ abanye
Bafun’ ok’lung’leyo,
Baze basikelelwe,
Bazuz’ usindiso.
Ke yakuba iliwe
Imfazwe yeArmagedon,
UThixo simdumise
Ze sihlale sinovuyo.