IZibhalo Eziphefumlelweyo Zizisa Iingenelo Ezingunaphakade
1.Nguwuphi umbono ozukileyo ukuhlolisisa kwethu “sonke iSibhalo” okuye kwasibonisa wona?
UKUHLOLISISA kwethu ‘sonke iSibhalo esiphefumlelwe nguThixo’ kuye kwasityhilela umbono ozukileyo wolongamo lukaYehova nenjongo yoBukumkani bakhe. Siye saphawula ukuba iBhayibhile iyiNcwadi enye, enomxholo omnye obalaseleyo—ukuthethelelwa kolongamo lukaYehova nokuzalisekiswa okupheleleyo kwenjongo yakhe ngomhlaba esebenzisa uBukumkani bakhe obulawulwa nguKristu, iMbewu Yedinga. Ukususela kumaphepha okuqala eBhayibhile, lo mxholo uyanatyiswa uze ucaciswe ngemibhalo elandelayo, de, kwizahluko zayo zokugqibela, kukhanyiswe ukuzalisekiswa okuzukileyo kwenjongo kaThixo ebalaseleyo ngoBukumkani bakhe. Enjani yona ukuphawuleka incwadi eyiyo iBhayibhile! Ukususela kwindalo eyoyikekayo yamazulu abonakalayo nomhlaba nobomi obukuwo, iBhayibhile isinikela ingxelo enye ephefumlelweyo neyinyaniso yokuqhubana kukaThixo noluntu de kwaba ngumhla wethu ibe isibonisa ukuzaliseka okupheleleyo kwendalo kaYehova ezukileyo ‘yamazulu amatsha nomhlaba omtsha.’ (ISityhi. 21:1) Njengoko injongo yakhe ezukileyo izalisekiswa ngokuzeleyo ngoBukumkani beMbewu, uYehova uThixo ubonwa ekulwalamano loYise onobubele wentsapho yabantu emanyeneyo neyonwabileyo, ethelela yonke imikhosi yasemazulwini ekumdumiseni nasekungcwaliseni igama lakhe elingcwele.
2, 3.Umxholo obandakanya iMbewu uphuhliswa njani kuzo zonke iZibhalo?
2 Hayi indlela lo mxholo obandakanya iMbewu ocaciswa ngokumangalisa ngayo kuzo zonke iZibhalo! Evakalisa isiprofeto sokuqala esiphefumlelweyo, uThixo unikela idinga lokuba ‘imbewu yomfazi’ iya kutyumza intloko yenyoka. (Gen. 3: 15) Kudlula iminyaka engaphezu kwama-2 000, ibe uThixo uxelela uAbraham othembekileyo oku: “Zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi.” Kwiminyaka engaphezu kwama-800 kamva, uYehova unikela idinga elifanayo komnye wenzala ka-Abraham, uKumkani uDavide onyanisekileyo, ebonisa ukuba iMbewu iya kuba ngukumkani. Njengoko ixesha lihamba, abaprofeti bakaYehova ngokuchwayita bathelela ekuprofeteni ngokuzuka kolawulo loBukumkani. (Gen. 22: 18; 2 Sam. 7: 12, 16; Isa. 9: 6, 7; Dan. 2: 44; 7: 13, 14) Kwandula ke kuvele iMbewu ngokwayo, kwiminyaka engaphezu kwama-4 000 emva kwedinga lokuqala elenziwa e-Eden. Le Mbewu, ‘ekwayimbewu ka-Abraham,’ inguYesu Kristu, “uNyana wOsenyangweni,” ibe uYehova uyinika “itrone kaDavide uYise.”—Gal. 3: 16; Luka 1: 31-33.
3 Nangona le Mbewu, uKumkani othanjisiweyo kaThixo, ityunyuzwa ekufeni yimbewu yasemhlabeni yeNyoka, uThixo uyayivusa kwabafileyo aze ayiphakamisele ngakwisandla Sakhe sokunene, apho ilindele ithuba elifanelekileyo likaThixo ‘lokutyumza intloko kaSathana.’ (Gen. 3: 15; Heb. 10: 13; Roma 16: 20) Sandula ke ISityhilelo sifikise wonke lo mbono kwincopho yawo ezukileyo. UKristu uqalisa ukusebenzisa amandla oBukumkani aze “iNyoka yakudala, leyo kuthiwa nguMtyholi, uSathana ke,” ayiphose ngaphandle kwezulu eyiphosela emhlabeni. Ngethutyana nje elincinane, uMtyholi ubangela uyeha emhlabeni ibe ulwa ‘nabaseleyo bembewu yomfazi kaThixo.’ Kodwa uKristu, ‘njengoKumkani wookumkani,’ uyazitshabalalisa iintlanga. INyoka yakudala, uSathana, iphoswa enzonzobileni, ibe ke ekugqibeleni iza kutshatyalaliswa ngonaphakade. Okwangoku, ngeYerusalem entsha, umtshakazi weMvana, uluntu lufumana iingenelo zedini likaKristu ukuze kusikelelwe zonke iintsapho zomhlaba. Ngaloo ndlela, umxholo ozukileyo weZibhalo eziphefumlelweyo utyhileka phambi kwethu ngalo lonke uzuko lwawo oluchwayitisayo!—ISityhi. 11: 15; 12: 1-12, 17; 19: 11-16; 20: 1-3, 7-10; 21: 1-5, 9; 22: 3-5.
UKUNGENELWA KULE NGXELO IPHEFUMLELWEYO
4.Sinokuyizuza njani eyona ngenelo inkulu kwiZibhalo Ezingcwele, ibe ngoba?
4 Sinokungenelwa njani ngokupheleleyo kwiZibhalo Ezingcwele? Sinokungenelwa ngokuyivumela iBhayibhile isebenze kubomi bethu. Ngokuzifundisisa yonke imihla nokuzisebenzisa iZibhalo eziphefumlelweyo, sinokufumana ukhokelo oluvela kuThixo. “Ilizwi likaThixo liphilile, lisebenza,” ibe linokuba ngamandla amangalisayo ashukumisela ubulungisa kubomi bethu. (Heb. 4: 12) Ukuba ngokuqhubekayo siyalifundisisa size silandele ukhokelo lweLizwi likaThixo, siya ‘kwambatha umntu omtsha, othe ngokukaThixo wadalelwa ebulungiseni nasebungcweleni benyaniso.’ Siya kwenziwa batsha ngamandla ahlaziya iingqondo zethu, ibe siya kuba kumila kumbi ngokuhlaziyeka kweengqiqo zethu, ukuze sikucikide “into okuyiyo ukuthanda kukaThixo okulungileyo, okukholekileyo, okuzalisekileyo.”—Efe. 4: 23, 24; Roma 12:2.
5.Sinokufunda ntoni kwisimo sengqondo nomzekelo kaMoses?
5 Sinokufunda okuninzi ngokuphawula indlela abanye abakhonzi abathembekileyo bakaThixo abaye bangenelwa ngayo ngokufundisisa iLizwi likaThixo nokucamngca ngalo. Ngokomzekelo, kwakukho uMoses, ‘owayelulamile kunabo bonke abantu,’ owayesoloko efundiseka ibe ekulungele ukufunda. (Num. 12:3) Sifanele sisoloko sinoxabiso olunjalo lwentlonelo ngolongamo lukaYehova njengoko wayenjalo. NguMoses owathetha la mazwi: “Nkosi yam, ulikhaya wena kuthi, isizukulwana ngesizukulwana. Kungekazalwa zintaba, ungekavelisi mhlaba nazwe limiweyo, kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni, wena unguThixo.” UMoses wayeqhelene kakuhle nobulumko bukaThixo, kuba wasetyenziswa nguYehova ekubhaleni iincwadi zokuqala zeBhayibhile. Ngenxa yoko, wakuqonda ukubaluleka kokubufuna ubulumko bukaYehova imihla ngemihla. Ngaloo ndlela, wathandaza kuThixo esithi: “Sazise kanye ukuyibala imihla yethu, ukuze sizuze intliziyo elumkileyo.” Ekubeni “imihla yeminyaka yethu” isenokuba mbalwa, iminyaka nje engama-70, okanye engama-80 ukuba “ithe yaba mininzi kakhulu,” soba sizizilumko ukuba sizondla mihla le ngeLizwi lakhe, kuba ngoko “ubumnandi bukaYehova” uThixo wethu buya kuba “phezu kwethu,” njengoko babuphezu komkhonzi wakhe othembekileyo uMoses.—INdu. 90: 1, 2, 10, 12, 17.
6.NjengoYoshuwa, sisenokuyiphumelelisa njani indlela yethu?
6 Hayi indlela ekuyimfuneko ngayo ukucamngca imihla ngemihla ngeLizwi likaThixo! UYehova wakwenza kwacaca oku kwilandela likaMoses, uYoshuwa, emxelela oku: “Kodwa ke yomelela, ukhaliphe kunene, ukuze ugcine ukwenza ngokomyalelo wonke, awakuwisela wona uMoses umkhonzi wam. Musa ukutyekela ekunene nasekhohlo kuwo, ukuze wenze ngengqiqo apho sukuba usiya khona. Ize ingesuki incwadi yalo myalelo emlonyeni wakho; uze ucinge ngayo imini nobusuku, ukuze ugcine, ukwenze konke okubhaliweyo kuyo; ngokuba woba nokuphumelela ngendlela yakho oko, ukwenze ngengqiqo oko.” Ngaba ukuqhubeka kukaYoshuwa efunda uMyalelo kaYehova ‘kwayiphumelelisa indlela yakhe’? Ukusikelela kukaYehova iphulo lakhe lenkalipho kwaKanan kuyimpendulo ecacileyo.—Yosh. 1: 7, 8; 12: 7-24.
7.UDavide waluvakalisa njani uxabiso lwakhe ngobulumko bukaThixo, ibe uxabiso olufanayo luvakaliswe njani kwiNdumiso 119?
7 Kwakhona, qwalasela uDavide othandekayo, omnye owayebuxabise gqitha ubulumko bukaYehova. Olunjani lona uxabiso olusuk’ entliziyweni awalubonisayo ‘ngomyalelo,’ “isingqino,” ‘imimiselo,’ “umthetho,” ‘nezigwebo’ zikaYehova! Kunjengokuba uDavide wakuvakalisa oku ngokuthi: “Zinokunqweneleka kunegolide zona, nakunengcwengiweyo eninzi; zimnandi kunobusi, kunencindi yobusi.” (INdu. 19: 7-10) Lo mxholo uzukileyo uphuhliswa kwaye uphindwaphindwa ngomnye umdumisi ngokusulungeka okuxhokonxa iimvakalelo kuyo yonke INdumiso ye-119. Njengoko mihla le sifundisisa iLizwi likaThixo size siphile ngesiluleko salo sobulumko, kwanga singahlala sikwazi ukuthi kuYehova: “Lisisibane seenyawo zam iLizwi lakho, likukukhanya emendweni wam. Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho, ngenxa yoko uzibambile umphefumlo wam.”—INdu. 119: 105, 129.
8.Ziziphi iintetho zikaSolomon esifanele sizisebenzise?
8 Ngemihla yokuthembeka kwakhe, nonyana kaDavide uSolomon waphila ngeLizwi likaThixo, ibe nakwiintetho zakhe, sinokufumana amazwi achukumisayo oxabiso esenza kakuhle ukuba siyawasebenzisa. Ngokuyifunda mihla le iBhayibhile nokuyisebenzisa, siya kuyiqonda ngokupheleleyo intsingiselo enzulu yamazwi kaSolomon athi: “Hayi, uyolo lomntu ofumene ubulumko, lomntu ozuze ingqondo! Imihla emide isesandleni sabo sokunene, kwesokhohlo sabo bubutyebi nozuko. Iindlela zabo ziindlela ezimnandi, wonke umendo wabo uluxolo. Bungumthi wobomi kwababambelela kubo, unoyolo obubambayo.” (IMize. 3: 13, 16-18) Ukulifundisisa imihla ngemihla nokulithobela iLizwi likaThixo kukhokelela kolona lonwabo lukhulu ngoku kunye nesiqinisekiso ‘semihla emide’—ubomi obungunaphakade kwihlabathi elitsha likaYehova.
9.Luluphi ukhuthazo esisenokuluzuza kumzekelo kaYeremiya?
9 Abangenakulityalwa phakathi kwabo baye bazinandipha baze bazithobela iZibhalo eziphefumlelweyo ngabaprofeti bakaThixo abathembekileyo. Ngokomzekelo, uYeremiya wayenesabelo esinzima gqitha. (Yer. 6: 28) Kunjengokuba wathi: “Ilizwi likaYehova laba sisingcikivo nesicukucezo kum yonke imini.” Kodwa wayomelezwe kakuhle kukufundisisa kwakhe iLizwi likaThixo, ibe enyanisweni, yena wasetyenziswa ukubhala iincwadi ezine zeZibhalo eziphefumlelweyo—eyokuQala neyesiBini yooKumkani, uYeremiya neZililo. Ngoko, kwenzeka ntoni xa kwakubonakala ukuba uYeremiya ugutyungelwa kukudimazeka waza wacinga ukuba wayeya kuyeka ukushumayela “ilizwi likaYehova”? Nantsi impendulo uYeremiya ayinikela ngokwakhe: “Kusuke entliziyweni kunge ngumlilo otshayo, uvalelwe emathanjeni am; ndadinwa kukunyamezela, andaba nako.” Wayenyanzelekile ukuba athethe amazwi kaYehova, ibe ngokwenjenjalo, wafumanisa ukuba uYehova wayenaye “njengegorha elingcangcazelisayo.” Ukuba siyalifundisisa iLizwi likaThixo size siqhubeke silifundisisa, ukuze libe yinxalenye yethu enkulu njengoko lalinjalo ngoYeremiya, ngoko amandla kaYehova angoyiswayo ngokunjalo aya kuba nathi, ibe siya kukwazi ukoyisa yonke imiqobo ekuqhubekeni sithetha ngenjongo yoBukumkani Bakhe ezukileyo.—Yer. 20: 8, 9, 11.
10.Yiyiphi indima iZibhalo ezaba nayo kubomi bukaYesu, ibe yintoni awabathandazelela yona abafundi bakhe?
10 Ngoku, kuthekani ngowona mzekelo wethu mkhulu, “iMbangi noMgqibelelisi wokholo lwethu, uYesu”? Ngaba wayezazi iZibhalo eziphefumlelweyo kanye njengabo bonke abaprofeti namanye amadoda athembekileyo awayekho phambi kwakhe? Ngokuqinisekileyo wayezazi, njengoko oko kuboniswa ngokucacileyo ekuzicaphuleni kwakhe nakwikhondo lobomi bakhe elalivisisana neZibhalo. Wayecinga ngeLizwi likaThixo xa wayezinikela ukuba enze ukuthanda kukaYise apha kulo mhlaba: “Ndiyeza; encwadini esongwayo kubhaliwe ngam. Ukwenza okulikholo kuwe, Thixo wam, ndikunanzile; nomyalelo wakho usezibilinini zam ngaphakathi.” (Heb. 12:2; INdu. 40: 7, 8; Heb. 10: 5-7) Ngaloo ndlela, iLizwi likaThixo laba nendima ephambili ekungcwaliseni kukaYehova uYesu, okanye ukumahlulela inkonzo yakhe. UYesu wathandazela ukuba abalandeli bakhe ngokukwanjalo babe nokungcwaliswa: “Bangcwalise ngayo inyaniso yakho; ilizwi lakho liyinyaniso. Njengokuba wandithuma ehlabathini, nam ndibathume bona ehlabathini. Ngenxa yabo ke ndiyazingcwalisa mna, ukuze nabo babe ngabangcwalisiweyo yinyaniso.”—Yoh. 17: 17-19.
11.(a)Yintoni uPetros awayibethelelayo kumaKristu athanjisiweyo ngokuphathelele iLizwi likaThixo? (b) Kutheni ukufundisisa iBhayibhile kukwabalulekile nje kwisihlwele esikhulu?
11 Ekubeni bengcwaliswe “ngayo inyaniso,” abalandeli bakaYesu abazelwe ngomoya nabathanjisiweyo bamele ‘bahlale elizwini lakhe’ ukuze ngenene babe ngabafundi bakhe. (Yoh. 8: 31) Ngaloo ndlela, uPetros, ebhalela “abo baluzuzileyo ukholo,” wabethelela imfuneko yokufundisisa nokunikela ingqalelo okuqhubekayo kwiLizwi likaThixo: “Kungoko ndingakuyekiyo ukuhlala ndinikhumbuza ngezo zinto, noko nizaziyo, nizimasekileyo enyanisweni leyo ikhoyo kuni.” (2 Pet. 1: 1, 12) Amazwi akhumbuzayo naqhubekayo, njengalawo afunyanwa ekufundeni nasekufundisiseni mihla le iLizwi likaThixo, abalulekile nakubo bonke abo banethemba lokuba ‘ngabesihlwele esikhulu’ uYohane awasibona embonweni emva kokuchaza abo bali-144 000 batywiniweyo bezizwe zoSirayeli wokomoya. Kuba ngaphandle kokuba sihlala sisela amanzi aphilisayo enyaniso, esi sihlwele sikhulu sinokukwazi njani ngobukrelekrele ‘ukudanduluka ngezwi elikhulu sisithi: Usindiso kuye uThixo wethu, lowo uhleli phezu kwetrone, nakuyo iMvana’?—ISityhi. 7: 9, 10; 22:17.
12.Kutheni simele ngawo onke amaxesha sicamngce ngeLizwi likaThixo?
12 Le yinyaniso engenakukhanyelwa! Indlela yokuzuza eyona ngenelo inkulu kwiZibhalo eziphefumlelweyo, indlela yokuzuza usindiso ukuze sifumane ubomi obungunaphakade, kukufundisisa ezo Zibhalo size siphile ngazo yonke imihla yobomi bethu. Ngawo onke amaxesha simele sicamngce ngeLizwi likaThixo, ngentlonelo sinesimo sengqondo soxabiso esinjengeso savakaliswa ngumdumisi: “Ndiya kukhumbula imisebenzi kaYa; kuba ndiya kukhumbula izenzo zakho ezimangalisayo zamandulo. Kwaye ngokuqinisekileyo ndiya kucamngca ngawo wonke umsebenzi wakho.” (INdu. 77: 11, 12, NW) Ukucamngca ‘ngezenzo ezimangalisayo nomsebenzi’ kaYehova kuya kusishukumisa nathi ukuba sikhuthale kwimisebenzi emihle, sinethemba lobomi obungunaphakade. Injongo yale ncwadi ethi, “Sonke ISibhalo Siphefumlelwe NguThixo Kwaye Siyingenelo,” ikukukhuthaza wonk’ ubani othanda ubulungisa ukuba abe nesabelo kwiingenelo ezingunaphakade nezanelisayo ezifumaneka ngokufundisisa nokusebenzisa ngokuqhubekayo iLizwi likaThixo.
‘KUMAXESHA ANOMNGCIPHEKO’
13.Ngawaphi “amaxesha anomngcipheko” esiphila kuwo?
13 Eli xesha lanamhla lelona libalulekileyo kwimbali yabantu. Lizaliswe ziziganeko ezoyikisayo. Eneneni, liyinyaniso elokuba kunokuthiwa kwanobukho besizwe esingabantu busemngciphekweni. Ngoko, afaneleke ngenene amazwi ompostile uPawulos athi: “Ke, kwazi oku, ukuba ngemihla yokugqibela kuya kufika amaxesha anomngcipheko. Kuba abantu baya kuba ngabazithandayo, abathandi bemali, abaqhankqalazi, abakratshi, abanyelisi, abangeva bazali, abangabuleliyo, abangengcwele, abangenabubele, abangenatarhu, abatyholi, abangenakuzeyisa, izibhoja, abangenakuthanda kulunga, abancethezi, izityhuthutyhuthu, abathiwe lwale likratshi, abathandi beziyolo kunokuba bathande uThixo; benokumila kokuhlonela uThixo, ukanti bayawakhanyela amandla ako. Kwabo ke khwebuka.”—2 Tim. 3: 1-5.
14.Ngenxa yaloo maxesha, liliphi icebiso likaPawulos esifanele silithobele?
14 Kutheni simele sikhwebuke nje kwabo banjalo? Kungenxa yokuba indlela yabo yokungahloneli Thixo kungekudala iza kuphelela entshabalalweni! Kunoko, kunye nabo bonke abo baneentliziyo ezinyanisekileyo, masiguqukele kwimfundiso ephilileyo yeZibhalo eziphefumlelweyo, sizivumela ezi Zibhalo zisekele kanye ubomi bethu bemihla ngemihla. Masithobele amazwi kaPawulos awawabhalela uTimoti oselula: “Ke wena yima ezintweni owazifundayo, waqiniselwa kuzo.” (2 Tim. 3: 14) Ewe, “yima” kuzo, utsho njalo uPawulos. Njengoko sisenjenjalo, ngokuzithoba simele sivumele iZibhalo zisifundise, zisiluleke, zisilungisele izinto, zize zisiqeqeshele ebulungiseni. UYehova uyakwazi esikufunayo, kuba iingcinga zakhe ziziphakamele gqitha iingcinga zethu. NgeZibhalo zakhe eziphefumlelweyo, usixelela oko kuyingenelo kuthi ukuze sibe nokuxhotyiselwa ngokupheleleyo size siwulungele umsebenzi olungileyo wokunikela ubungqina ngegama nangoBukumkani bakhe. UPawulos unikela eli cebiso libalaseleyo kumongo wokuchaza “amaxesha anomngcipheko” aza kufika “ngemihla yokugqibela”: “Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo ekufundiseni, ekululekeni, ekulungiseni izinto, ekuqeqesheni okusebulungiseni, ukuze umntu kaThixo awufanelekele ngokuzeleyo, ewuxhobele ngokupheleleyo wonke umsebenzi olungileyo.” Kwanga sonke singasinda kula maxesha anomngcipheko ngokuthobela eli cebiso liphefumlelweyo!—2 Tim. 3: 16, 17, NW; Isa. 55: 8-11.
15.(a)Yintoni eye yaba ngumphumo wokungathobeli? (b) Liliphi ithuba elizukileyo eliye lavulwa ngokuthobela kukaKristu?
15 Ukuthobela iZibhalo eziphefumlelweyo kufanele kube lusukelo lwethu. Kwakungenxa yokungathobeli ilizwi nomthetho kaYehova awathi umntu wokuqala wawela esonweni nasekufeni, ‘kwaza ngaloo ndlela ukufa kwabatyhutyha bonke abantu.’ Ngoko umntu waphulukana nethuba elalisenokuba lelakhe kwiParadisi yase-Eden lokuba “athabathe nakuwo umthi wobomi, adle, aphile ngonaphakade.” (Roma 5: 12; Gen. 2: 17; 3: 6, 22-24) Kodwa kungokuthobela kukaKristu nangesizinzi sentlawulelo yale “Mvana kaThixo” aya kuthi uYehova abangele umlambo “wamanzi obomi, uqaqambile, ngathi ngumkhenkce,” ukuba umpompoze ukuze kungenelwe bonke abo boluntu bazahlulele Kuye ngentobelo. Kunjengokuba umpostile uYohane wakubonayo oku embonweni: “Ngapha nangapha komlambo, ngumthi wobomi, ovelisa iintlobo zeziqhamo ezilishumi elinambini, unika iinyanga ngeenyanga zonke isiqhamo sawo; aye amagqabi omthi lowo engawokuphilisa iintlanga.”—Yoh. 1: 29; ISityhi. 22: 1, 2; Roma 5: 18, 19.
16.IZibhalo eziphefumlelweyo zinayiphi ingenelo engunaphakade?
16 Kwakhona indlela ekhokelela kubomi obungunaphakade ivulekele uluntu. Ngoko, banoyolo abo bathobela esi sibhalo siphefumlelweyo: “Nyula ke ubomi, ukuze uphile, wena nembewu yakho; ukuba umthande uYehova uThixo wakho, uliphulaphule ilizwi lakhe, unamathele kuye: ngokuba bubomi bakho, nokolulwa kweemini zakho.” (Dut. 30: 19, 20) Makabongwe uYehova, uThixo noYise weNkosi yethu uYesu Kristu, osilungiselele eli lungiselelo lizukileyo lobomi ngentlawulelo yoNyana wakhe nangoBukumkani bakhe obungunaphakade. Ngenxa yobukhulu bovuyo nombulelo wethu sinokufunda size sifunde, sifundisise size siphinde sifundisise, size sicamngce ngezi nyaniso zibalulekileyo, kuba ngenene “sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo kwaye siyingenelo,” sikhokelela kubomi obungunaphakade enoba kusezulwini okanye kumhlaba oyiparadisi. (Yoh. 17:3; Efe. 1: 9-11) Ngoko yonke into iya kuba ‘bubungcwele bukaYehova.’—Zek. 14: 20; ISityhi. 4:8.
[Study Questions]