Isahluko 52
UYesu Wondla Amawakawaka Ngokungummangaliso
ABAPOSTILE abali-12 baye banandipha ukhenketho oluphawulekayo lokushumayela kulo lonke elaseGalili. Ngoku, emva nje kokubulawa kukaYohane, babuyela kuYesu baze bambalisele amava abo amangalisayo. Ebabona ukuba badiniwe yaye bebaninzi nabantu abafikayo nabahambayo ngokokude bangabi nalo nethuba eli lokutya, uYesu uthi: “Masiye kwindawo engenabantu apho ninokuphumla khona.”
Bakhwela kumkhombe wabo, mhlawumbi ngaseKapernahum, besiya entlango, ngokucacileyo kwimpuma yeYordan ngaphaya kwaseBhetesayida. Phofu ke, abantu abaninzi bayababona njengokuba benduluka, yaye nabanye bayeva ngako oku. Bonke aba bantu bayabaleka bebandulela begudla unxweme, yaye xa umkhombe ufika elunxwemeni, balapho ukuze babahlangabeze.
Ekuphumeni emkhombeni nasekuboneni kwakhe isihlwele esikhulu, uYesu usikwa yimfesane kuba aba bantu bafana nezimvu ezingenamalusi. Ngoko uyabaphilisa abo bagulayo aze aqalise ukubafundisa izinto ezininzi.
Ixesha lihamba ngokukhawuleza, yaye abafundi bakaYesu beza kuye baze bathi: “Le ndawo iyintlango, nemini seyihambile kakhulu; bandulule bemke, baye emaphandleni ajikelezileyo nasemizaneni, bazithengele izonka; kuba bengenanto bangayidlayo.”
Phofu ke, ekuphenduleni uYesu uthi: “Bapheni nina badle.” Ngoko, ekubeni uYesu sele eyazi into aza kuyenza, uvavanya uFilipu ngokumbuza esithi: “Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?”
Ngokwendlela uFilipu abona ngayo oku kubonakala kungenakwenzeka. Kukho malunga nama-5 000 amadoda, yaye mhlawumbi kukho abantu abangaphezulu kuhle kwi-10 000 xa kubalwa nabafazi kwanabantwana! UFilipu uphendula ngelithi “izonka zeedenariyo [idenariyo ngoko yayingumvuzo wemini] ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.”
Mhlawumbi ngelokuzama ukubonisa indlela ekungenakwenzeka ngayo ukondla le nginginya yabantu, uAndreya uthi: “Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini,” abuye ongezelele ngelithi “kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?”
Ekubeni kusentlakohlaza, ngaphambi nje kwePasika yowama-32 C.E., kukho ingca eninzi eluhlaza. Ngoko uYesu uyalela abafundi bakhe ukuba baxelele aba bantu bangqengqe ngamaqela abantu abangama-50 nabali-100. Uthabatha ezi zonka zihlanu nezi ntlanzi zimbini, akhangele ezulwini, aze abulele. Wandula ke aziqhekeze ezi zonka azahlule nezi ntlanzi. Uzinika abafundi bakhe, baze bona bazabele aba bantu. Okumangalisayo kukuba, bonke aba bantu batya bade bahluthe!
Emva koko uYesu ubaxelele oku abafundi bakhe: “Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.” Xa bekwenza oku, bazalisa iingobozi ezili-12 ngokutya okuseleyo koko bebekutya! Mateyu 14:13-21; Marko 6:30-44; Luka 9:10-17; Yohane 6:1-13.
▪ Kutheni le nto uYesu ebafunela indawo engasese abapostile bakhe?
▪ UYesu ubasa phi abafundi bakhe, yaye kutheni ukufuna kwabo ukuphumla kungaphumeleli nje?
▪ Lakuba limkile ixesha, yintoni abafundi ababongoza ukuba yenziwe, kodwa uYesu ubanyamekela njani aba bantu?