Ukusuka EYiputa Ukuya KwiLizwe Lesithembiso
AKAKHO umntu ongayaziyo iMfuduko yaseYiputa. Kodwa wayelindelwe yintoni uMoses nabantu bakaThixo emva kokuba bewele uLwandle Olubomvu? Baya ngaphi, yaye baya kufikelela njani kuMlambo iYordan ukuze baye kungena kwiLizwe Lesithembiso?
Nangona babesinge kwilizwe laseKanan, uMoses akazange abakhokelele kwindlela enqumlayo—emalunga neekhilomitha ezingama-400 negudle unxweme—eyayinokubangenisa eFilisti, elilizwe lotshaba. Engazange abanqumlise nakuSingasiqithi weSinayi, onomhlaba nelitye lekalika elitshisa ngeyona ndlela. UMoses wakhokelela aba bantu emazantsi, kwithafa elingaselunxwemeni. Baqala bagxumeka iintente eMara, apho uYehova wajika amanzi akrakra aba mnandi.a Emva kokudlula e-Elim, abantu bakhalazela ukutya; uThixo ke wabathumelela izagwityi kwakunye nemana. ERefidim, kwaphinda kwavuka imbambano yamanzi, koyiswa ama-Amaleki awayehlasela waza umkhwe kaMoses wamcebisa ukuba afune uncedo lwamadoda aziingqondi.—Eks, isahl. 15-18.
Emva koko, uMoses wakhokelela amaSirayeli ngakwiintaba ezisemazantsi, aza ahlom’ iintente kwiNtaba yeSinayi. Aba bantu bakaThixo bafika apho banikwa uMthetho, bakha umnquba baza banikela amadini. Kunyaka wesibini baya ngasemantla, banqumla ‘intlango enkulu neyoyikekayo’ besinge kummandla waseKadeshe (eKadeshe-bharneya) ekubonakala ukuba bathabatha iintsuku ezili-11 ukuya kufika apho. (Dut 1:1, 2, 19; 8:15) Ngenxa yokoyikiswa kwabo yingxelo enganiki themba yeentlola ezilishumi kwanyanzeleka ukuba abantu babhadule iminyaka engama-38. (Num 13:1–14:34) Phakathi kweendawo abamisa kuzo yiAbrona ne-Etsiyon-gebhere, baza basuka apho babuyela eKadeshe.—Num 33:33-36.
Kuthe ekugqibeleni xa kanye amaSirayeli sele ejonge iLizwe Lesithembiso, akanyuka ngqo aya emantla. Indlela yawo yawabuyisela phakathi e-Edom aza enyuka ‘ngendlela yokumkani,’ okanye uHola kaKumkani. (Num 21:22; Dut 2:1-8) Kwakungelula ukuba lonke olu hlanga—lunabantwana, izilwanyana, neentente—luhambe kule ndlela. Kwafuneka luhle ngaloo majikojiko luze lunyuke imiwonyo eyoyikekayo—yaseZerede naseArnon (enzulu kangangeemitha ezingama-520).—Dut 2:13, 14, 24.
Ada afika amaSirayeli kwiNtaba yeNebho. UMiriyam wayefele eKadeshe; yena uAron efele kwiNtaba yeHore. Ngoko noMoses wafa, sele eza kufika kwilizwe awayelangazelela ukungena kulo. (Dut 32:48-52; 34:1-5) Ngoku yayiza kuba nguYoshuwa owayeza kukhokelela amaSirayeli kwelo lizwe, ngaloo ndlela egqibezela uhambo olwaluqale kwiminyaka engama-40 ngaphambi koko.—Yos 1:1-4.
[Umbhalo osemazantsi]
a Iindawo ezininzi abagxumeka kuzo iintente azaziwa ncam.
[Ibhokisi ekwiphepha 8]
IINCWADI ZEBHAYIBHILE EZINEZIGANEKO ZELO XESHA:
IGenesis
IEksodus
ILevitikus
INumeri
IDuteronomi
UYobhi
IiNdumiso (inxalenye yazo)
[Imaphu ekwiphepha 9]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Indlela Ye-Eksodus
Indlela Eyathatyathwa NgamaSirayeli
A7 IYIPUTA
A5 IRameses?
B5 ISukoti?
C5 IEtham?
C5 IPihahiroti
D6 IMara
D6 IElim
E6 INTLANGAO YASESIN
E7 IDofeka
F8 IRefidim
F8 Intaba YeSinayi (IHorebhe)
F8 INTLANGO YASESINAYI
F7 IKibrothihatava
G7 IHatseroti
G6 IRimon-peretse
G5 IRisa
G3 IKadeshe
G3 IBeneyahakan
G5 IHore-hagidegadi
H5 IYotebhata
H5 IAbronah
H6 IEtsiyon-gebhere
G3 IKadeshe
G3 INTLANGO YASETSIN
H3 Intaba YeHore
H3 ITsalmona
I3 IPunon
I3 I-Iye-abharim
I2 KWAMOWABHI
I1 IDibhon
I1 IAlmon-diblatayim
H1 IYeriko
[Ezinye iindawo]
A3 IGOSHEN
A4 IOni
A5 IMemfis (INofu)
B3 ITsowan
B3 ITapanehesi
C5 IMigdoli
D3 ISHURE
D5 INTLANGO YASE-ETHAM
F5 INTLANGO YASE-PARAN
G1 IFILISTI
G1 IAshdode
G2 IGaza
G2 IBher-shebha
G3 IAzemon
G3 INEGEBHI
H1 IYerusalem
H1 IHebron (IKiriyati-arbha)
H2 IArad (IKanan)
H4 ISEHIRE
H4 KWAEDOM
I7 KWAMIDIYAN
Iindlela Ezinkulu
Indlela Eya KwiLizwe LamaFilisti
Indlela Eya EShure
I4 Indlela Yokumkani
Indlela Eyahamba Ngayo Imiqodi
Indlela IEl Haj
[Iintaba]
F8 Intaba YeSinayi (IHorebhe)
H3 Intaba YeHore
I1 Intaba YeNebho
[Amanzi]
E2 Ulwandle LweMeditera (uLwandle Olukhulu)
D7/G7 Ulwandle Olubomvu
I1 Ulwandle LweTyuwa
[Imilambo nemijelo]
A6 Umlambo UmNayile
F3 Intlambo YaseYiputa
I2 IArnon
I3 IZerede
[Umfanekiso okwiphepha 8]
Imiqodi eyanqumla uSingasiqithi weSinayi
[Umfanekiso okwiphepha 8]
AmaSirayeli ahlom’ iintente kufutshane neNtaba yeSinayi
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Amanzi ayefumaneka kwimithombo eseKadeshe nakwezinye iindawo ezikufutshane apho
[Umfanekiso okwiphepha 9]
Onke amaSirayeli kwafuneka anqumle intlambo yeArnon