‘Ukuvelisa KukaYehova Abagwebi’
UNOKUYIBONA ngokulula iNtaba yaseTabhore (F4) kule maphu ilapha—kumzantsi-ntshona woLwandle lwaseGalili, kwiNtlambo yaseYizereli. Yiba nomfanekiso-ngqondweni womkhosi wamajoni ali-10 000 umi enkcochoyini yaloo ntaba. UYehova wasebenzisa uMgwebi uBharaki nomprofetikazi uDebhora ukuba bahlanganise amaSirayeli aye kulwa noKumkani uYabhin ongumKanan, owayewacinezele kangangeminyaka engama-20. Zikhokelwa ngumphathi-mkhosi uSisera, iinqwelo zokulwa ezingama-900 zikaYabhin ezazixhobe ngamarhengqa entsimbi zasuka eHarosheti zaya kwintsele eyomileyo yeKishon, ephakathi kweMegido neNtaba yaseTabhore.
UMgwebi uBharaki wakhokelela amaSirayeli kuloo ntsele ukuya kulwa nemikhosi kaSisera. UYehova wawenza oyisa ngokuthi azise izikhukula ezabangela ukuba iinqwelo zokulwa zikaSisera zixinge eludakeni, nto leyo eyawenza angenwa luloyiko amaKanan. (ABa 4:1–5:31) Eso yayisesinye nje sezihlandlo ezininzi awathi ngazo uThixo wawenza oyisa amaSirayeli ebudeni bexesha laBagwebi.
Yakuba yoyisiwe iKanan, elo lizwe labelwa izizwe zakwaSirayeli. Phawula apho zazihlala khona izizwe ezahlukahlukeneyo ezingezizo ezabaLevi. Isizwe esincinane sakwaSimeyon safumana izixeko ezikummandla wakwaYuda. Emva kokufa kukaYoshuwa, olu hlanga lonakala ngokomoya nangokokuziphatha. USirayeli ‘waba sengxakini enkulu,’ ecinezelwa ziintshaba zakhe. Ngovelwano, ‘uYehova wavelisa abagwebi,’ amadoda ali-12 anokholo oluqinileyo nenkalipho, awathi amhlangula uSirayeli kangangeenkulungwane ezintathu.—ABa 2:15, 16, 19.
UMgwebi uGidiyon wasebenzisa amajoni akhaliphileyo angama-300 kuphela nawayengaxhobanga kangako ukoyisa umkhosi wamaMidiyan owawunamajoni ali-135 000. Ithafa ledabi laliphakathi kweNtaba yeGilbhowa neMore. Akuba oyisile okokuqala, uGidiyon walusukela olu tshaba lwaya kutsho kwintlango engasempuma.—ABa 6:1–8:32.
UYifeta, umGiliyadi wesizwe sakwaManase, wazikhulula ekucinezelweni ngama-Amoni iidolophu zamaSirayeli ezazikwimpuma yeYordan. Kunokwenzeka ukuba uYifeta wahamba kwiNdlela kaKumkani ukuya apho, eyayiphakathi kweRamoti-giliyadi neArohere.—ABa 11:1–12:7.
Iziganeko zokoyisa kukaSamson amaFilisti zenzeka kunxweme lwaseGaza naseAshkelon. IGaza ikummandla onamanzi amaninzi odume ngezolimo. USamson wasebenzisa iimpungutye ezingama-300 ukutshisa amasimi okudla okuziinkozo, izidiliya namasimi eminquma amaFilisti.—ABa 15:4, 5.
Ngokusuka kwingxelo yeBhayibhile nakumnombo wabagwebi, kucacile ukuba babekho kulo lonke iLizwe Lesithembiso. UYehova wayesoloko ebalondoloza abantu bakhe abaguqukileyo ngamaxesha anzima, naphi na apho bakhoyo.
[Imaphu ekwiphepha 15]
(Ukuba ufuna inkcazelo ehlahlelwe kakuhle, yiya kwimpapasho)
Izizwe Nabagwebi
Abagwebi
1. UOteniyeli (Wesizwe sakwaManase)
2. UEhudi (Wesizwe sakwaYuda)
3. UShamgare (Wesizwe sakwaYuda)
4. UBharaki (Wesizwe sakwaNafetali)
5. UGidiyon (Wesizwe sakwaIsakare)
6. UTola (Wesizwe sakwaManase)
7. UYayire (Wesizwe wesizwe sakwaManase)
8. UYifeta (Wesizwe sakwaGadi)
9. UIbhetsan (Wesizwe sakwaZebhulon)
10. UElon (Wesizwe sakwaZebhulon)
11. UAbhedon (Wesizwe sakwa Efrahim)
12. USamson (Wesizwe sakwaYuda)
Ukwahlulahlulwa Ngokwezizwe (Yiya kwimpapasho)
Izixeko ZakwaManase Ezijikeleziweyo
E4 IDore
E5 IMegido
E5 ITahanaki
F4 IEn-dore
F5 IBeth-sheyan (IBete-shan)
F5 I-Ibleyam (IGati-rimon)
Izixeko ZakwaSimeyon Ezijikeleziweyo
C9 ISharuhen (IShaharayim) (IShilehim)
C10 IBete-lebhawoti (Bete-bhiri)
D8 IEtere (Token)
D9 ITsikelage
D9 IAyi
D9 IHatsa-susa?
D9 IAshan
D9 IBher-sheba
D10 IHatsa-shuwali
E9 IEtam
E9 IBete-markaboti
E9 IBetuweli? (Kesili?)
E9 IShebha? (IYeshuwa)
E10 IBahalati-bhere (IBhahali)
E10 IEtsem
Izixeko Zokusabela ZabaLevi
E8 IHebron
F3 IKedeshe
F6 IShekem
H4 IGolan
H5 IRamoti-giliyadi
H8 IBhetsere
Inlela Ezinkulu
B10 Indlela Yolwandle
G10 Indlela YooKumkani
Izizwe ZakwaSirayeli
KWADAN (D7)
D7 IYopa
E8 ITsora
KWAYUDA (D9)
C8 IAshkelon
C9 IGaza
C9 ISharuhen (IShaharayim) (IShilihim)
C10 IBeti-lebawoti (Beti-bhiri)
C12 IAzmoni
C12 IKadeshe
D7 IYabhuneli
D8 IEtere (IToken)
D9 ITsikelage
D9 IAyin
D9 IHatsare-susa?
D9 IAshan
D9 IBer-sheba
D10 IHatsare-shuwali
E8 ILehi
E8 IBetelehem
E8 IHebron
E9 IEtam
E9 IBeti-markaboti
E9 IBethuweli? (IKesili?)
E9 ISheba? (IYeshuwa)
E10 IBhahalati-bhere (IBhahali)
E10 IEtsem
KWA-ASHERE (E3)
E2 ITire
E4 IHarosheti
E4 IDore
F1 ISidon
KWAMANASE (E5)
E6 IShamire (ISamariya)
E6 IPiratoni
F6 IShekem
G5 IAbeli-mehola
KWAEFRAYIM (E7)
E7 ITimnati-sera
F6 ITapuwa
F6 IShilo
F7 IBeteli (ILuzi)
KWANAFETALI (F3)
F2 IBete-anati
F3 IKedeshe
G3 IHatsore
KWAZEBULONI (F4)
E4 IBetelehem
KWAISAKARE (F5)
E5 IMegido
E5 IKedeshe (IKishiyon)
E5 ITanaki
F4 IEn-dore
F5 IBete-shita
F5 IBete-sheyan (IBete-shan)
F5 I-Ibleyam (Gati-rimon)
KWABENJAMIN (F7)
F7 IGilgali
F8 IYerusalem
KWADAN (G2)
G2 KwaDan (ILayisha)
KWAMANASEH (H3)
H4 IGolan
KWAGADI (H6)
G6 ISukoti
G6 IPenuweli
G6 IMizpa (IMizpe)
G7 IYogbheha
H5 IRamoti-giliyadi
H7 IRabha
H7 IAbheli-keramim
KWARUBHEN (H8)
G7 IHeshbhon
G9 IArowere
H7 IMinite
H8 IBhetsere
[Ezinye iindawo]
I1 IDamascO
[Iintaba]
F4 Intaba yeTabhore
F4 Intaba YMore
F5 Intaba YeGilbowa
F6 Intaba YeEbali
F6 Intaba YeGerizim
[Amanzi]
C5 Ulwandle LweMeditera (Ulwandle Olukhulu)
F9 Ulwandle LweTyuwa
G4 Ulwandle LwaseGalili
[Imilambo nemijelo]
B11 Intlambo YaseYiputa
F6 Umlambo IYordan
G6 Intlambo YeYabhoki
G9 Intlambo YeArnon
G11 Intlambo YeZerede
[Umfanekiso okwiphepha 14]
INtaba yaseTabhore, kummandla wakwaIsakare, kufuphi neNtlambo yaseYizereli
[Umfanekiso okwiphepha 14]
Izikhukula zaseKishon zazenza zaxinga eludakeni iinqwelo zokulwa zikaSisera