ISAHLUKO 14
UYesu Uqalisa Ukwenza Abafundi
UYESU UFUMANA ABAFUNDI BAKHE BOKUQALA
Emva kokuba uYesu ebesentlango iintsuku eziyi-40, nangaphambi kokuba aye eGalili, ubuyela kuYohane obembhaptizile. Uthi uYesu eseza uYohane amolathe ukuze bonke abantu bambone aze athi: “Jongani, nantsi iMvana kaThixo esusa isono sehlabathi! Lo ngulowo endathi ngaye: ‘Kuza umntu emva kwam, oye wadlulela phambi kwam, kuba wayekho ngaphambi kokuba ndibekho.’” (Yohane 1:29, 30) Nangona uYohane emdala kunoYesu, uyayazi ukuba uYesu ebephila ezulwini engumoya.
Kwiiveki ezimbalwa ngaphambili, xa uYesu ebeza kubhaptizwa, uYohane ebengaqinisekanga ukuba uYesu uza kuba nguMesiya. Uyavuma athi: “Nam ndandingamazi, kodwa isizathu sokuba ndibhaptize abantu emanzini kukuba, kufuneka abonakale kuSirayeli.”—Yohane 1:31.
UYohane uchazela bonke abantu abamameleyo ukuba kwenzeke ntoni xa ebebhaptiza uYesu, uthi: “Ndabona umoya usihla njengehobe uvela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe. Nam ndandingamazi, kodwa Lowo wayendithume ukuba ndibhaptize emanzini wathi kum: ‘Nabani na obona kusehla umoya phezu kwakhe, nguye obhaptiza ngomoya oyingcwele.’ Ndiwubonile ke, ndaza ndangqina ukuba lo nguNyana kaThixo.”—Yohane 1:32-34.
Ngosuku olulandelayo xa uYesu ephinda efika, uYohane ukunye nabafundi bakhe ababini. UYohane uthi: “Jongani, nantsi iMvana kaThixo!” (Yohane 1:36) Xa besiva le nto, aba bafundi bakaYohane balandela uYesu. Omnye wabo nguAndreya. Owesibini naye igama lakhe nguYohane ibe kusenokwenzeka ukuba nguye owabhala le ngxelo. Kubonakala ngathi lo uYohane ngumzala kaYesu unyana kaSalome. USalome kusenokwenzeka ukuba ngudadeboMariya ibe umyeni wakhe nguZebhedi.
Xa ebheka uYesu ubona uAndreya noYohane bemlandela aze athi: “Nifuna ntoni?”
Bona bathi: “Rabhi, uhlala phi?”
UYesu uthi: “Yizani nizokubona.”—Yohane 1:37-39.
Kumalunga nentsimbi yesine emva kwemini ibe uAndreya noYohane bahlala noYesu imini yonke. UAndreya uvuya nyhani ibe ukhangela umntakwabo uSimon okwabizwa ngokuba nguPetros aze athi kuye: “Simfumene uMesiya.” (Yohane 1:41) UAndreya umsa kuYesu. Izinto ezenzeka kamva zibonisa ukuba noYohane wayokukhangela umntakwabo uYakobi waza wamzisa kuYesu kodwa akayibhali loo nto xa ebalisa.
Ngemini elandelayo uYesu udibana noFilipu waseBhethesayida. Udibana naye kufuphi nonxweme olukumntla woLwandle LwaseGalili apho uAndreya noPetros basuka khona. UYesu uthi kuFilipu: “Yiba ngumlandeli wam.”—Yohane 1:43.
UFilipu udibana noNathaniyeli okwabizwa ngokuba nguBhartolomeyu, aze athi: “Simfumene lowo uMoses wabhala ngaye eMthethweni, nababhala ngaye abaProfeti, uYesu, unyana kaYosefu waseNazarete.” UNathaniyeli akayiqondi kakuhle le nto aze athi kuFilipu: “Ikhona na into entle enokuphuma eNazarete?”
UFilipu uthi kuye: “Yizokuzibonela.” UYesu umbona eseza uNathaniyeli aze athi: “Jongani, nanku umSirayeli olungileyo.”
UNathaniyeli uyambuza athi: “Undazi njani?”
UYesu uthi: “Ndiye ndakubona uphantsi komthi wamafiya ngaphambi kokuba uFilipu akubize.”
UNathaniyeli uyothuka aze athi: “Mfundisi, unguye uNyana kaThixo, unguye uKumkani kaSirayeli.”
UYesu uyambuza athi: “Undikholelwa kuba ndikuxelele ukuba ndikubone phantsi komthi wamafiya na? Useza kubona izinto ezinkulu kunezi.” Emva koko uthi: “Ndiyaniqinisekisa madoda ukuba, niza kubona izulu livulekile neengelosi zikaThixo zinyuka zisihla zisiya kuNyana womntu.”—Yohane 1:45-51.
Emva koko uYesu nabafundi bakhe abatsha bayemka kwiNtlambo iYordan baze baye eGalili.