ISIFUNDO 87
Isidlo SikaYesu Sokugqibela
AmaYuda ayedla ngokonwabela iPasika qho ngosuku lwe-14 kwinyanga kaNisan. Le nto yayiwakhumbuza ngomhla awakhululwa ngawo ebukhobokeni baseYiputa nguYehova waza wawasa kwiLizwe Lesithembiso. Ngonyaka ka-33, uYesu nabapostile bakhe bonwabela iPasika eYerusalem kwigumbi eliphezulu. Xa begqiba eso sidlo, uYesu wathi: ‘Omnye wenu uza kundijikela.’ Bothuka kakhulu baza bathi kuYesu: ‘Ngubani lowo?’ UYesu wathi: ‘Ngumntu endiza kumnika esi sonka.’ Emva koko wanika uYudas Skariyoti iqhekeza lesonka. UYudas waphuma ngokukhawuleza kuloo ndlu.
UYesu wathandaza, waqhekeza isonka, wasinika abapostile bakhe ababeshiyekile. Wathi: ‘Yityani esi sonka. Simela umzimba wam endiza kunikela ngawo ngenxa yenu.’ Kwakhona wathandazela iwayini, wayinika abapostile bakhe. Wathi: ‘Selani le wayini. Imela igazi lam, endiza kunikela ngalo ukuze kuxolelwe izono. Ndiyanithembisa, niza kuba ngookumkani kunye nam ezulwini. Yenzani oku unyaka nonyaka ukuze nindikhumbule.’ Abalandeli bakaYesu basadibana ngala ngokuhlwa unyaka nonyaka. Ibizwa ngokuba siSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.
Emva kwesidlo, abapostile baphikisana ngokuba ngowuphi oyena mkhulu phakathi kwabo. UYesu wathi: ‘Oyena mkhulu phakathi kwenu ngulo uzibona engabalulekanga.
‘Ningabahlobo bam. Ndinixelela yonke into uTata afuna niyazi. Kungekudala ndiza kuya kuTata ezulwini. Niza kushiyeka apha ibe abantu baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana. Nifanele nithandane ngale ndlela nam ndinithande ngayo.’
Ekugqibeleni, uYesu wathandaza, ecela ukuba uYehova akhusele bonke abalandeli bakhe. Wacela ukuba abancede besebenze kunye ngoxolo. Wacela nokuba kuthethelelwe igama likaYehova. Emva koko uYesu nabapostile bakhe baculela uYehova iingoma zokumbulela baza baphuma. Lalisondele ixesha lokuba uYesu abanjwe.
“Sanukoyika mhlambi mncinci, kuba uTata wenu uza kuninika uBukumkani.”—Luka 12:32